AmaNgqina KaYehova Ehlabathini Lonke—IThailand
“ILIZWE labakhululekileyo.” Leyo yintsingiselo yegama elithi Thailand. Abemi balapha abanobuntu, abasebenza nzima abangaphezu kwama-57 000 000 baneembono ezahlukahlukeneyo ngonqulo. Nangona kuxhaphake ubuBhuda, zikho neenkonzo zeNgqobhoko kweli lizwe likumzantsi-mpuma Asia. Bonke aba bantu kufuneka bezivile iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.—Mateyu 24:14.a
Iimbacu Ziva Iindaba Ezilungileyo
Kwiinkampu ezisasazeke kuzo zonke iinduli zaseThailand ezikumda weMyanmar, inyaniso yeBhayibhile yenza inkqubela phakathi kweembacu ezingaphezu kwe-10 000 ezithetha isiKaren. Amalungu enye intsapho yamaKaren ehlala kuloo mmandla ngamaNgqina kaYehova. Ebesasaza iindaba ezilungileyo phakathi kweembacu. Waqala njani umsebenzi wawo?
Kwiminyaka eliqela eyadlulayo umfana othile waqhawula amakhonkco neCawa yaseTshetshi waza waba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Ziphenjelelwa ngumfundisi wazo, izizalwana zakhe zamchasa. Noko ke, wanyamezela ngomonde, yaye ngokuthe ngcembe inkcaso yentsapho yakowabo yathomalala. Abefundisi beCawa yaseTshetshi baqhubeka bemgculela de kwayiminyaka emibini edluleyo xa bagxothwayo kwizikhundla zabo ngenxa yehambo yokuziphatha kakubi. Ekubeni ngoko icawa yayingenamalusi, intsapho esondeleyo nezinye izizalwana zeli Ngqina zazothukile yaye zingazi ukuba mazithini. Abali-11 kubo barhoxa ecaweni baza bacela ukuba amaNgqina afundisise iBhayibhile kunye nabo.
Esi sifundo saqhuba kakuhle kakhulu, nezinye iimbacu zithabath’ inxaxheba. Inyaniso yasasazeka ngokukhawuleza, nto leyo eyaphumela ekubhaptizweni kwamaNgqina amatsha ali-17 kumlambo oqukuqela kuloo nkampu yeembacu. Hayi indlela okwakusonwabisa ngayo ukubona umakhulu onama-88 eminyaka ubudala entywiliselwa kunye nawo!
Ivideo Ivuselela Umdla
Kukho ithemba elikhulu lokuba kusengakho ulwando phakathi kwezi mbacu. Ngowe-1993 kumsitho weSikhumbuzo, bekukho abantu abangama-57. Ebudeni botyelelo lomveleli wesiphaluka ngoMeyi waloo nyaka, bangama-67 ababehlanganisene kwintetho yakhe. Yaye bamalunga nama-250 ababehlanganisene ukuze babone ivideo yeWatchtower Society ethi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name.
Inkosikazi yomfundisi wamaBhaptizi kule nkampu yeembacu yayikho kwintetho yesidlangalala yeBhayibhile eyayilungiselelwe ngamaNgqina yaza yaphawula imibhalo yeBhayibhile eyayixutyushwa. Yaxelela umyeni wayo indlela eyayinganelisekanga ngayo ziintshumayelo eziphindaphindwayo eyayiziva ecaweni yabo. Umyeni akazange akuthande oku, esithi ukuba inkosikazi yakhe yayiza kuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova, onke amanye amarhamente ayeya kulandela. Xa waphinda waya kwiintlanganiso, umyeni wakhe wamleqa ngemela waza watshisa amanqaku awayewabhale ezintlanganisweni noncwadi lweBhayibhile. Phezu kwako nje oko, xa kwaboniswa ivideo, wayekho kwakhona. Kamva lo mfazi waxelela umyeni wakhe oko wayekubonile. Eguqukile kwisimo sakhe sangaphambili, wafuna ukuyibona le video yaye waziva elusizi kuba wayewatshisile amanqaku akhe noncwadi lweBhayibhile.
Nantso ke indlela abantu abaziva ngayo iindaba ezilungileyo eThailand. Ngaloo ndlela bazuza inkululeko yokomoya ‘kwilizwe labakhululekileyo.’—Yohane 8:32.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo eyongezelelekileyo, bona IKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1994.
[Ibhokisi ekwiphepha 24]
IINKCUKACHA ZELIZWE
Unyaka Wenkonzo We-1993
INANI ELIYINCOPHO LABANIKELA UBUNGQINA: 1 434
ISILINGANISO: INgqina elinye kubemi 40 299
ABEBEKHO ESIKHUMBUZWENI: 3 342
UMLINGANISELO WABAVAKALISI ABANGOOVULINDLELA: 232
UMLINGANISELO WEZIFUNDO ZEBHAYIBHILE: 1 489
INANI LABABHAPTIZIWEYO: 92
INANI LAMABANDLA: 39
IOFISI YESEBE: EBANGKOK
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Abavakalisi boBukumkani beshumayela iindaba ezilungileyo ngenzondelelo
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Iofisi yesebe yokuqala, 1947
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Intsapho yaseBheteli ngaphambi kweofisi yesebe entsha eBangkok, eyanikezelwa ngoFebruwari 8, 1992