IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 6/1 iphe. 3-4
  • Kutheni Umele Ube Nomdla Kunqulo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Umele Ube Nomdla Kunqulo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Unqulo Lunokuzanelisa Iintswelo Zethu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Bazinikela Ngokuvumayo EAlbania NaseKosovo
    Amava
  • Kutheni Ufanele Ucinge Nzulu Ngonqulo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ngaba Ulufumene Unqulo Oluchanileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 6/1 iphe. 3-4

Kutheni Umele Ube Nomdla Kunqulo?

KUWO onke amazwe akhoyo emhlabeni, abantu banomdla kunqulo. Kwelinye icala, kukwakho abaninzi abatsho ngokuphandle ukuba abanamdla kunqulo. Kodwa ngaba bebesoloko bevakalelwa ngaloo ndlela?

Indlela awadalwa ngayo umntu yenza ukuba anganeliseki ngokwenene zizinto eziphathekayo kuphela. Abantu bayazifuna izinto zokomoya. Ukuphilela ukufuna izinto zokwenyama eziyimfuneko mihla le, nokuzihlaziya ngamathuba athile, akuzanelisi ngokupheleleyo iintswelo zomntu zangaphakathi. Ngokungafaniyo nezilwanyana, abantu bafuna ukwazi ukuba, ‘Iyintoni injongo yobomi?’ ‘Ngaba kuphelele kobu bomi bufutshane, bunezinto ezininzi ezintle kodwa bukwanezininzi ezimbi?’ Ngaba awukakhe uzibuze imibuzo efana nale?

Ukanti, izigidi ezininzi zabantu abaphilayo namhlanje zakhula iimeko ezazikho zingakhuthazi nakuphi na ukuba nomdla ngokwenene kunqulo. Zisenokuba zaphenjelelwa ngabazali bazo, abafundisi-ntsapho, oontanga okanye kwanangurhulumente.

USkalabrino, umfana othile waseAlbania, wachaza ukuba ngaphantsi kolawulo lwamaKomanisi abantu babefundiswa ukuba akukho Thixo. Ukongezelela, kwakuyingozi ukuba bathethe ngonqulo; ukwenjenjalo kwakunokukhokelela ekubeni bavalelwe entolongweni. Kodwa ngoxa wayeyimbacu eSwitzerland, ngowe-1991, wafumana ithuba lokufundisisa iBhayibhile. Walamkela. Ngoba?

Kaloku, eAlbania wayevile ukuba kwakukho incwadi ebizwa ngokuba yiBhayibhile, kodwa wayengazi nto ngayo. Ngaloo ndlela, kusenokwenzeka ukuba ekuqaleni ngokuyintloko wayengashukunyiswa ngumnqweno wokuyiqonda iBhayibhile. Nangona wayexelelwe ukuba wayeza kufundisisa ngeenjongo zikaThixo ngoluntu nangomhlaba, oku wakubona kukwalithuba lokuphucula ulwazi lwakhe ngolwimi lwalapho. Noko ke, ngokukhawuleza wafumanisa ukuba oko wayekufunda kwakulwanelisa ulangazelelo lokomoya awayenalo ngaphakathi kuye. Wavuya gqitha akuva ngedinga likaThixo lehlabathi elitsha ekuya kubakho uxolo kulo, ihlabathi abantu abanokuphila ngonaphakade kulo baze banandiphe intabalala yazo zonke izinto eziyimfuneko ebomini. Umdla wakhe wakhula ngakumbi xa wafunda ukuba yena nentsapho yakhe babenokuba yinxalenye yeli hlabathi litsha. Engakwazi ukuzigcina kuye ezi ndaba zilungileyo, watsalela intsapho yakhe umnxeba eAlbania ukuze abelane nayo ngazo.

UAleksei, ohlala eRashiya, naye wamangaliswa ngumphumo ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile olwalunokuba nawo kubomi bomntu. Onganyelwe ziingxaki yaye engakwazi ukufumana ingcaciso eyanelisayo ngenjongo yobomi, waceba ukuzibulala. Noko ke, waqala waya kutyelela umhlobo wakhe eFinland. Esendleleni ehamba ngololiwe, wathetha ngeengxaki zakhe nabanye awayekhwele nabo. Phakathi kwabo kwakukho omnye wamaNgqina kaYehova, owambongoza ukuba afundisise iBhayibhile ngenxa yokuba inikela izicombululo kwiingxaki ezinjalo. Wayenamathandabuzo. Xa wayesendleleni ebuyayo, kwaphinda kwenzeka okufanayo. Kwesi sihlandlo kwathetha elinye iNgqina laza lamxelela ukuba nalo lalineengxaki ezifanayo kodwa iBhayibhile yalinceda lazoyisa. Nalo lamkhuthaza ukuba afundisise iBhayibhile. Ekufikeni kwakhe ekhaya, kwakhala umnxeba. Yayingomnye umhlobo, owayefundisisa namaNgqina yaye wayonwabe kakhulu. Le ndoda yaqalisa ukuqonda ukuba mhlawumbi yayinokukufumana ngokwenene eBhayibhileni oko yayikufuna, kodwa yayisazi ukuba yayingenakuyiqonda ngaphandle koncedo. Yavuma ukuba nesifundo seBhayibhile sekhaya rhoqo namaNgqina kaYehova, yaza yaqalisa ukubakho kwiintlanganiso zawo. Kungentsuku zatywala yasiqonda isizathu sokuba abo baxonxa ubomi babo ngoko kufundiswa yiBhayibhile bonwabe kangako, nangona nabo beneengxaki ezifanayo nezabanye abantu.

Eqonda indlela enziwe ngayo umntu, uYesu Kristu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu.” (Mateyu 4:4) Kwakhona wathi: “Banoyolo abangamahlwempu ngomoya.” (Mateyu 5:3) Bonwabile ngenxa yokuba bayiphaphele intswelo yabo, bathabatha amanyathelo afanelekileyo okuyanelisa, yaye uThixo uyabasikelela. Noko ke, intswelo yethu yokomoya ayaneliswa kukusuka nje ube lilungu lecawa ethile okanye uye kwinkonzo yonqulo ethile kuphela. Unqulo lwesithethe lusenokuba nomtsalane kwiimvakalelo, kodwa ngaba luyazinikela izicombululo kwiingxaki zobomi? Nangona unqulo lusenokukhuthaza imigaqo ethile esisiseko nesengqiqweni, ukuba aluyichazi injongo yobomi, ngaba luya kuyanelisa intswelo yakho yokomoya? Okuxhalabisa nangakumbi kukuba, ngaba ukuba kolo nqulo kuya kukhokelela ekubeni ube nolwalamano oluhle noThixo? Ngaphandle kwalo, ulwaneliseko lokwenene alunakubakho.

Kule nkalo abantu abaninzi bafuna okuthile abangekakufumani.

[Umfanekiso okwiphepha 3]

Ngaba iintswelo zakho zokomoya ziya kwaneliswa ngokwenene ngo- kusuka ube lilungu lecawa ethile?

[Umfanekiso okwiphepha 4]

Abaninzi bafumanise ukuba xa beyiqonda iBhayibhile, ubomi buba nentsingiselo entsha

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share