IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 2/1 iphe. 3
  • Ngaba Usindisiwe?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Usindisiwe?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • Simele Senze Ntoni Ukuze Sisindiswe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Oko Simele Sikwenze Ukuze Sisindiswe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Usindiso Oko Lukuthethayo Ngokwenene
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • UYesu Uyasindisa—Njani?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 2/1 iphe. 3

Ngaba Usindisiwe?

UJOHNNY wayeneminyaka elishumi ubudala xa indoda ethile yammisa kumboniso weemveliso zorhwebo yaza yambuza isithi: “Mfana wam, ngaba uyamamkela uYesu Kristu njengeNkosi noMsindisi wakho?” Oko kwavakala kungumbuzo ongaqhelekanga kuJohnny, ekubeni wayesoloko ekholelwa kuYesu. Ngoko waphendula wathi, “Ewe kunjalo.” Le ndoda yadanduluka ikhwaza ukuze bonke beve isithi: “Mayidunyiswe iNkosi! Nanku omnye umphefumlo osindiselwe kuKristu!”

Ngaba ngokwenene kulula kangako ukusindiswa? Ngaba uJohnny “wasindiswa” ukususela ngexesha awathetha ngalo loo mazwi, kungakhathaliseki ukuba wayeza kwenza ntoni ebomini bakhe bonke? Abantu abaninzi abanyanisekileyo bebenokuphendula ngokuthi ewe. Amanye amaphecana onqulo athi ufanele uwubhale phantsi umhla ‘osindiswe’ ngawo ukuze uwukhumbule.

Umfundisi othile wabhala ukuba “ngexesha lokukholelwa ngokusisiseko kuKristu . . . ikamva likabani limiselwa ngokungenakuguquka.” Wathi iBhayibhile ithi usindiso luxhomekeke ekwenzeni kube kanye nje “isenzo sokholo, kungekhona ukuqhubeka ukholwa.” Omnye umbhali wonqulo wabhala esithi: “Esi senzo singumsebenzi ogqityiweyo. Sele siphunyeziwe kuwe . . . ‘Liphelile idabi’ lakho. ‘Sisusiwe isono’ sakho.” Kodwa kwanabantu aboyiseke ngokupheleleyo ukuba oku kuyinyaniso basenokubona ingxaki apha. Licacile elokuba abantu abaninzi abaye baxelelwa ukuba ‘basindisiwe’ abaphili ngendlela iBhayibhile ethi bafanele baphile ngayo. Ingcaciso eqhelekileyo kukuba mhlawumbi ‘abakamamkeli’ ngokwenene uKristu.

Ngoko, kuthetha ukuthini ngokwenene “ukwamkela” uYesu? Ngaba sisenzo esinye sokholo, okanye yindlela yokuphila eqhubekayo? Ngaba ukholo lwethu lufanele lube namandla ngokwaneleyo ukuze lusishukumisele kwisenzo esithile? Ngaba ngokwenene sinokuzamkela iingenelo zedini likaYesu ngaphandle kwembopheleleko yokumlandela?

Abantu abaninzi bafuna iintsikelelo kodwa abayifuni imbopheleleko yokulandela nokuthobela uYesu. Enyanisweni, igama elithi “thobela” ngokufuthi liyabaphazamisa. Ukanti uYesu wathi: “Ndilandele.” (Luka 18:18-23) Kwakhona iBhayibhile ithi: “Abangazilulameliyo [abangazithobeliyo, NW] iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu . . . baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade.”—2 Tesalonika 1:8, 9; Mateyu 10:38; 16:24.

IBhayibhile ithetha ngezinto ezininzi eziphakamisa imibuzo enzulu ngoko kuye kwafundiswa ngosindiso. Ukuba ungathanda ukuzibonela oko ngokwenene iBhayibhile ikutshoyo ngalo mbandela, uya kufumanisa ukuba la maphepha alandelayo abangel’ umdla ngokukhethekileyo. Tyhila iBhayibhile yakho, uze ufunde imibhalo ecatshuliweyo ukuze ubone oko uYesu nabapostile bakhe bakufundisayo ngalo mbandela ubalulekileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share