IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 2/15 iphe. 3-4
  • Okunjani Kona Ukubandezeleka

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okunjani Kona Ukubandezeleka
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Buzaliswe “Kukwaphuka Nokungabi Nto Yanto”
  • Ngaba Kuyinxalenye Yoko Kuyilwe NguThixo?
  • Xa Ukubandezeleka Kuya Kuba Yinto Yezolo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Ithini IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Umbuzo 3: Kutheni UThixo Endiyeka Ndibandezeleke?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
    Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 2/15 iphe. 3-4

Okunjani Kona Ukubandezeleka

“KUTHENI lento kukho abantu abangalunganga kangaka nokubandezeleka okungaka . . . ? UThixo umele ukuba abe ngonenjongo kodwa izinto ezininzi zililize kweli hlabathi, abantu babandezeleka gqitha yaye bantyumpantyumpeka esonweni. Ngaba lo Thixo mhlawumbi ngulowo uNietzsche ammangalela ngokuthi: ngumlawuli ocinezelayo, olibhedengu, omgumkhohlisi, obulalayo?”—On Being a Christian, nguHans Küng.

Unokubona ukuba umfundisi wamaKatolika uHans Küng kuphela nje uchaza ingxaki edida abaninzi—kutheni uThixo oluthando, nongusomandla evumela ukubandezeleka okukhulu kangaka? Ngaba akuzange ukhe uve abantu bebuza umbuzo ololo hlobo? Wonk’ ubani onovelwano uba buhlungu koko uKüng akuchaza “njengomsinga ongapheliyo wokuphalala kwegazi, ukubila neenyembezi, intlungu, usizi noloyiko, isithukuthezi nokufa.” Eneneni, oku, ngokungathi kunjalo, ngumkhukula, obangela imbandezelo nentlungu eye yanxunguphalisa ubomi bezigidi ukutyhubela imbali.—Yobhi 14:1.

Buzaliswe “Kukwaphuka Nokungabi Nto Yanto”

Khawucinge nje ngobunzima obubangelwa yimfazwe, asingomaxhoba achaphazelekayo kuphela ava intlungu kodwa kwanabo basele entlungwini, njengabazali nezalamane zabantwana abangamaxhoba nabanye abaye baphathwa ngenkohlakalo. Kutshanje aboMnqamlezo Obomvu, babike ukuba: “Kule minyaka eli-10 edlulileyo, abantwana ababulawa kungquzulwano lwezixhobo basisi-1,5 sezigidi.” Ngowe-1994 eRwanda, aboMnqamlezo Obomvu badiza ukuba, “ngamakhulu amawaka amadoda, abafazi nabantwana ababulawa ngenkohlakalo nangendlela echuliweyo.”

Asifanelanga siyibethe ngoyaba intlungu ebangelwa ngabantu abaxhaphaza abantwana ngokwesini. Omnye umama owayesentlungwini, unyana wakhe owazibulala emva kokuxhatshazwa ligosa eligcina abantwana, wathi: “Indoda eyaxhaphaza unyana wam . . . yambulala ndawonye namanye amakhwenkwe aliqela ngobona buchule bubalaseleyo, ngeyona ndlela igqwethekileyo ubani angacinga ngayo.” Yaye kuthekani ngombono owoyikekayo wentlungu kwabo bangamaxhoba ababulali abangenalusini okanye ababulala abantu abaninzi, njengabo babanjwa eBritani “beqweqwedisa, bedlwengula, bethuthumbisa yaye bebulala baze bangohlwaywa iminyaka engama-25”? Ukutyhubela imbali kubonakala ukuba amadoda nabafazi bebephethene kabuhlungu yaye bebandezeleka.—INtshumayeli 4:1-3.

Ukongezelela koku, kukho ukubandezeleka okubangelwa kukugula ngokweemvakalelo nangokwasemzimbeni nentlungu ehlasela ngokoyikekayo iintsapho ezifelwe ngabathile ezibathandayo ngaphambi kwexesha. Kukwakho unxunguphalo olubangelwa yindlala okanye ezinye izinto ezifane zibizwe ngokuba ziintlekele ezingokwemvelo. Bambalwa abaya kuwaphikisa amazwi kaMoses athi iminyaka yethu engama-70 okanye engama-80 izele “kukwaphuka nokungabi nto yanto.”—INdumiso 90:10.

Ngaba Kuyinxalenye Yoko Kuyilwe NguThixo?

Ngaba banyanisile abo bathi, oku kubandezeleka kungapheliyo kuyinxalenye yezinto ezingenakuqondwa eziyilwe nguThixo? Ngaba ngoku simele sibandezeleke ukuze sibe noxabiso ngobomi ‘kwihlabathi elizayo’? Ngaba kuyinyaniso, njengoko sikholelwayo isithandi sobulumko samaFrentshi uTeilhard de Chardin, ukuba “ukubandezeleka okubulalayo nokubolisayo, kunyanzelekile kwenzeke eluntwini ukuze lukwazi ukuphila luze lube ngumoya”? (The Religion of Teilhard de Chardin; akekeliswe sithi.) Unotshe!

Ngaba umyili okhathalayo ebeya kuthi ngabom adale imekobume ebulalayo aze emva koko azibange enenceba xa ehlangule abantu kwimiphumo yayo? Nakanye! UThixo oluthando ebeya kuyenza njani into elolo hlobo? Ngoko kutheni uThixo evumela ukubandezeleka? Ngaba ukubandezeleka kuya kuze kuphele? Inqaku elilandelayo liza kuxubusha le mibuzo.

[Picture Credit Line On Page 3]

WHO photo by P. Almasy

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share