Ukusasazeka Kobufundamentali
UBUFUNDAMENTALI—kumashumi nje ambalwa eminyaka edluleyo, yayingumbutho nje onabantu abambalwa kubuProtestanti. Hayi indlela eziye zaguquka ngayo izinto! Umphengululi ngezonqulo, uBruce B. Lawrence, wabhala esithi kwiminyaka engama-30 eyadlulayo, bambalwa ababenokubona kusengaphambili ukuba ngasekupheleni kwenkulungwane yama-20, iimfundiso zobufundamentalia zaziya kubaluleka yaye kuthethwe ngazo ezindabeni nakuphando olwenziwa eyunivesithi.
Sekunjalo, leyo yinto eyenzekileyo. Iphephandaba linikela ingxelo ngoqhankqalazo logonyamelo, ababulali, imibutho enxamnye nokuqhomfa, ukuphenjelelwa kwezobupolitika ngamaqela onqulo anobundlobongela nokutshiswa esidlangalaleni kweencwadi ezigqalwa zisisinyeliso zinto ezo ezisoloko zikhumbuza ngezenzo zabaxhasi bobufundamentali. Iphephandaba lezoshishino laveki zonke laseItali iMondo Economico lathi phantse kuzo zonke indawo ubufundamentali “buyahlasela egameni likaThixo.”
Abaxhasi bobufundamentali ngokufuthi bachazwa njengabantu abazinikele ngokugqithiseleyo nabanenzondelelo yempambano, abayila amayelenqe baze benze nezenzo zobugrogrisi. Abantu bamangalisiwe yindlela akhula ngayo la maqela njengeComunione e Liberazione kubuRoma Katolika, iGush Emunim kubuYuda neChristian Coalition kubuProtestanti baseMntla Merika. Kutheni ubufundamentali buxhaphake kangaka? Yintoni ebuphembelelayo? Ngaba mhlawumbi “yimpindezelo kaThixo,” njengoko isazinzulu ngemeko yoluntu saseFrentshi uGilles Kepel sibonisa?
[Imibhalo esemazantsi]
a Umxhasi wobufundamentali ngumntu obambelela ngokungqongqo kwisithethe namasiko onqulo. Intsingiselo yegama elithi “ubufundamentali” iza kuxutyushwa ngakumbi kwinqaku elilandelayo.
[Picture Credit Line On Page 3]
Nina Berman/Sipa Press