Imitshato Ezukisa UYehova
Eli Nqaku Lilandelayo Lixubusha Ngemitshato Yamakristu Lahlelwa Okokuqala E-ethiopia Ukuze Linikele Ukhokelo Oluluncedo Ngolwimi Lwesiamharic Ukwenzela Abaninzi Kwelo Abasandul’ Ukuba Ngamangqina Kayehova. Lixubusha Ngamasiko Nezithethe Zasekuhlaleni Ezisenokuba Zahlukile Kwindawo Ohlala Kuyo. Mhlawumbi Uya Kuba Nomdla Ukubona Indlela Ezahluke Ngayo. Kwangaxeshanye, Eli Nqaku Linikela Isiluleko Esilungeleleneyo Sebhayibhile Oya Kusibona Sisebenza Nangona Amasiko Omtshato Endawo Ohlala Kuyo Ahlukile.
UMXHOLO wenqaku elifundisiswayo elibangel’ umdla leMboniselo kaOktobha 15, 1984 wawusithi “Imitshato YamaKristu Ezisa Uvuyo.” Inqaku elilandelayo kuloo nkupho lalisithi “Zonwabise Ngokulungeleleneyo Emisithweni.” (Nabani na oceba ukutshata, kukho isiluleko sobulumko esongezelelekileyo kwincwadi ethi Ukwenza Ubomi Bentsapho Yakho Bonwabe, isahluko 2, nethi Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo, isahluko 19 nesama-20.)a Baninzi abaye bangamaNgqina kaYehova emva kokupapashwa kwaloo manqaku, ngoko sifuna ukuhlolisisa inkcazelo ethile eyayikuloo manqaku, echaphazela iindawo esihlala kuzo, kunye nezinye iingongoma ezibalulekileyo eziya kuba luncedo ekwenzeni amatheko omtshato azukise uYehova, uMsunguli womtshato.
Umbuzo wokuqala esimele siwuxubushe ngulo, Umele uqhutywe nini umtshato? Ngaba umhla oqhutywa ngawo umele ulawulwe ngamaxesha asekuhlaleni abekelwe imitshato? Kukho inkolelo yokuba xa utshate ngexesha elithile lonyaka loo mtshato awuyi kuphumelela. Le yinkolelo nje ebubuvuvu, kuba izibini ezitshatileyo ezininzi ezonwabileyo nezimanyeneyo ekukhonzeni uYehova azizange zitshate ngexesha elithile elingokwesithethe. Asinazo iinkolelo zelishwa okanye ithamsanqa. (Isaya 65:11; Kolose 2:8) Asinakuzinceda izalamane ezingakholwayo zibone umahluko phakathi kwenyaniso nobuxoki ukuba simisela imihla yomtshato ngokulandela iinkolelo zazo. Ingongoma isekubeni, amaKristu anokutshata nangayiphi na inyanga.
Xa intetho iza kunikelwa emva kokuba umtshato ubhaliswe ngokwasemthethweni, bekuya kuba bubulumko ukuba kungaqengqeleki iintsuku ezininzi phakathi kwezi ziganeko zibini. Ukuba isibini sifuna intetho ibe kwiHolo yoBukumkani, sifanele sithethe nabadala bebandla kuselithuba sicele ukusebenzisa loo holo. Abadala basekuhlaleni baya kuqinisekisa ukuba amalungiselelo elo theko aya kubashiya benezazela ezicocekileyo. Kumele kubekwe ixesha elingayi kungqubana nelemicimbi yebandla. Umzalwana ocelwe ukuba anikele intetho yomtshato uya kudibana nomyeni nomtshakazi kwangaphambili ukuze abaxhobise aze aqinisekise ukuba akukho zithintelo zingokokuziphatha okanye ezingokwasemthethweni kuloo mtshato aqinisekise nokuba uyavumelana namalungiselelo etheko eliza kulandela. Intetho yomtshato ifanele ibe malunga nesiqingatha seyure ize inikelwe ngesidima, igxininise kwizinto zokomoya. Ngokuqinisekileyo intetho yomtshato ibaluleke ngaphezu kwalo naliphi na itheko eliza kwenziwa kamva.
Umtshato wamaKristu lithuba elihle lokubonisa ukuba ‘asiyonxalenye yehlabathi.’ (Yohane 17:14; Yakobi 1:27) Eyona nto ifanele ibalasele lucwangco lwethu. Oku kuthetha ukuba siya kufika ngexesha kunokuba silindise abantu, mhlawumbi side siphazamisane nemicimbi yebandla. Oku kubaluleke gqitha ngomtshakazi, ekubeni izalamane zisenokumkhuthaza ukuba afike emva kwexesha—zicinga ukuba oko kubalaselisa ukubaluleka kwakhe. Ngokubamba ixesha udade oqolileyo ongumKristu unokubonisa ukuba uzixabisile iimpawu zokomoya ezinjengokuthobeka nolwazelelelo! Kwakhona, xa kumenywe umfoti, ucwangco lubalulekile. Kuhle ukuba simcele umfoti anxibe ibhatyi, iqhina, nebhulukhwe endilisekileyo yaye angaphazamisani nentetho xa efota. Akafanele afote xa kuthandazwa. Ucwangco lwethu luya kuzukisa uYehova luze lunikele ubungqina obuhle. Akuyomfuneko ukuzama ukulinganis’ izithethe zasekuhlaleni nto leyo eya kuyitshintsha ngokupheleleyo intsingiselo yeso sihlandlo.
Ukuze umtshato uphumelele akunyanzelekanga ukuba kubekho itheko, kodwa iZibhalo azikwaleli ukuba neso sihlandlo sokonwaba. Noko ke, imbutho yamaKristu elolo hlobo ifanele yahluke kumatheko ehlabathi ekudyakrazwa imali kuwo, ekukho nokuzinkcinkca ngotywala, ukuzingxala ngokutya, umculo ondlongondlongo, umngqungqo ongcolileyo nemilo. IBhayibhile ithi “iziyunguma” ziphakathi kwemisebenzi yenyama. (Galati 5:21) Xa loo mbutho ungenabantu baninzi kulula ukulawula imicimbi. Akukho mfuneko yokumisa intente kuba uthobela amasiko athile athandwayo. Ukuba abanye basebenzisa intente kuba kungekho ndawo okanye ngenxa yemozulu, oko ngumbandela wobuqu.
Ngokusuka kumava eyona ndlela yokuba nenani eliqingqiweyo leendwendwe kukubhala izimemo ezingqalileyo. Kububulumko ukumema abantu ngabanye kunokuba umeme amabandla, yaye njengamaKristu anocwangco, sifanele sikuhlonele oko kuqingqwa kwenani. Ukukhupha izimemo ezibhaliweyo kukwasinceda sisinde ekuphoxweni ngumntu osusiweyo kubudlelane onokusuka eze kwitheko lethu, kuba ukuba kungenzeka oko, abazalwana noodade abaninzi basenokukhetha ukuphuma bahambe. (1 Korinte 5:9-11) Ukuba isibini simeme izalamane ezingakholwayo okanye abahlobo baso, ngokuqinisekileyo abayi kuba baninzi, kodwa siya kunikela ingqalelo kwabo “bahlobene nathi elukholweni.” (Galati 6:10) Bambi baye bakhetha ukumemela abahlobo babo nezalamane ezingakholwayo kwintetho yomtshato kunokuzimemela kwitheko lomtshato. Ngoba? Kaloku, kukhe kwenzeka ukuba izalamane zehlabathi zenze izinto eziziintloni kumatheko omtshato kangangokuba abazalwana noodade abaninzi bakhetha ukugoduka. Ezinye izibini ziye zalungiselela isidlo esincinane namalungu entsapho asondeleyo nabahlobo abangamaKristu.
Ngokuvisisana noYohane 2:8, 9, kusengqinqweni ukukhetha “umalathisi wetheko.” Kusenokufuneka umyeni akhethe umKristu othembekileyo oza kuqinisekisa ukuba izinto zihamba ngocwangco yaye zikumgangatho ophezulu. Xa abahlobo besiza nezipho, abafanele bakwenze oko “ngokuqhayisa.” (1 Yohane 2:16) Umculo unokuba mnandi enokuba awunamazwi athandabuzekayo, awungxoli, okanye ube ndlongondlongo. Abaninzi baye bakufumanisa kuluncedo ukucela umdala othile aphulaphule umculo oza kudlalwa kwangaphambili. Umngqungqo nawo usenokuba neengxaki ezithile, ekubeni imingqungqo yeendawo ezininzi isenokuba inemvelaphi yemingqungqo yenzala yaye ivuselela iimvakalelo ezingokwesini. Maxa wambi “ixesha lokusikwa kwekeyiki nelechampagne” liye labangela abantu behlabathi baphuncukelwe zizimilo. Eneneni, izibini ezininzi ezingamaKristu ziye zakhetha ukuba kungabikho tywala kumatheko azo omtshato, ngaloo ndlela ziphepha iingxaki.
Ekubeni sifuna ukuzukisa uYehova, siya kukuphepha ukuqhayisa kuba sifuna ukubalasela. Kwaneencwadi zehlabathi ziye zawugxeka umkhwa oxhaphakileyo wokudyakraza imali. Hayi indlela ebekuya kuba bubuyatha ngayo ukuba isibini sizitshonise ematyaleni kuba sifuna isihikahika somtshato size emva koko sitsale nzima kangangeminyaka kuba sihlawula loo matyala osuku olunye! Kakade ke, nasiphi na isinxibo esisetyenziswayo kweso sihlandlo sifanele sibonise ukuthozama yaye sibe sesilungiswe kakuhle, esimfaneleyo umntu ozibanga ehlonela uThixo. (1 Timoti 2:9, 10) Inqaku elithi “Imitshato YamaKristu Mayibe Sengqiqweni” (IMboniselo kaJanuwari 15, 1975) lalinala magqabaza abangel’ umdla ngesinxibo:
“Umtshato kabani usisihlandlo esikhethekileyo, ke ingqalelo idla ngokunikelwa kwimbonakalo yovuyo neyomtsalane. Kanti oku akuthethi ukuba ubani umele anxibe uhlobo oluthile lwelokhwe okanye lwesuthi. Kuhle ubani aqwalasele imisiko yasekuhlaleni, iindleko nokuthandwayo ubuqu. . . . Noko ke, ngaba bekungasengqiqweni ukuthenga isambatho esiyindleko kangangokuba sibangele umthwalo wemali kuso nokuba kukwabanye? . . . Abanye abatshakazi baxhamle ukusebenzisa ilokhwe yesihlobo okanye yesizalwana esisenyongweni. Bambi baneliswa kakhulu kukusebenzisa esabo isinxibo sokutshata, mhlawumbi ngaloo ndlela bekwazi ukuba nesambatho ebesingasetyenziswa ngezinye izihlandlo ngexesha elizayo. Ibe kufaneleke kunene ngesibini ukutshata ngezona mpahla zaso zinomtsalane . . . Abanye abangakulungelayo ukuba nomtshato obalaseleyo basenokuthi ubuqu banqwenele ukuba ‘nomtshato ozolileyo’ ngenxa yokuba semngciphekweni kwamaxesha.”
Ngokufanayo, akuyomfuneko ukuba nodederhu lwabakhaphi (bomyeni nabomtshakazi). Nabo abafanele bacel’ injezu ngendlela abanxiba nabenza ngayo izinto. Ngoxa umntu osusiweyo kubudlelane enokubakho kwintetho ekwiHolo yoBukumkani, IMboniselo kaOktobha 15, 1984, yathi: “Bekuya kuba yinto engafanelekanga ukuba kwiqela leempelesi kubekho abantu abasusiweyo kubudlelane okanye abandlela yabo yobomi obulihlazo ingqubana ngokunzulu nemigaqo yeBhayibhile.”
Nangona uYesu wayayo komnye umtshato, asinambono wakhe eliqhwabel’ izandla isiko elixhaphakileyo lokuba nomngcelele weenqwelo-mafutha ezinqumla idolophu zifundekela; abakwantsasana bakhe bohlwaya abaqhubi abathile abebengxolisa iinqwelo-mafutha kumngcelele womtshato. (Bona uMateyu 22:21.) Ngamafutshane, kunokulinganisa ukuqhayisa okanye imikhwa yabantu beentlanga, amaKristu abonisa ubulumko bokuthozama.—IMizekeliso 11:2.
Kodwa kuthekani ngokuya kwimitshato yabamelwane, abantu behlabathi esisebenza nabo, okanye izalamane nabahlobo esingasondelelananga kangako nabo? MKristu ngamnye umele enze isigqibo sobuqu kulo mba. Kuhle ukukhumbula ukuba ixesha esinalo lixabisekile, ekubeni kufuneka sibe nexesha lobulungiseleli bethu, lofundisiso lobuqu neleminye imicimbi yentsapho okanye yebandla. (Efese 5:15, 16) Ngeempela-veki sineentlanganiso nenkonzo yasentsimini esingafanele siphoswe zizo. (Hebhere 10:24, 25) Ixesha lemitshato emininzi lidla ngokungqamana neleendibano okanye nemihla yephulo elikhethekileyo elinokuthanani neSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Asifanele sizivumele siphazanyiswe ekwenzeni umgudu okhethekileyo owenziwa ngabazalwana bethu abasehlabathini lonke ukuze babekho kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Ngaphambi kokuba siyazi inyaniso, sasichitha ixesha elininzi nabantu behlabathi, mhlawumbi kwizinto ezingamzukisiyo uThixo. (1 Petros 4:3, 4) Ngoku izinto eziza kuqala kuthi zitshintshile. Kudla ngokuba lula ukunqwenelela eso sibini sehlabathi okuhle kodwa ngokusithumelela ikhadi okanye usityelele okwethutyana ngenye imini. Abanye baye basebenzisa ezo zihlandlo ukunikela ubungqina, besebenzisa izibhalo ezifanele abantu abasandul’ ukutshata.
Umtshato obalaselisa izinto zokomoya kunezinto zehlabathi ngokwenene uya kuzukisa uYehova. Ngokuqinisekisa ukuba ahlukile ehlabathini nakwiinkolelo nokubaxa kwalo izinto, ngokungalivumeli liphazamisane nezinto zobuthixo nangokubonisa ukuthozama kunokuqhayisa, amaKristu aya kuzinandipha ezo zihlandlo. Ngaphezu koko, aya kukwazi ukuba nesazela esicocekileyo novuyo xa ekhumbula eso sihlandlo. Ngamana yonke imitshato yethu njengamaKristu inganikela ubungqina kubo bonke abantliziyo zinyanisekileyo, ngenxa yokuba sibonise ubulumko nengqiqo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Zipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
AmaKristu akalandeli nje naliphi isiko lasekuhlaleni lomtshato kuba eziva enyanzelekile