Indlela Obunokuba Nentsingiselo Engakumbi Ngayo Ubomi Bakho
UMZEKELISO wamandulo uthi: “Musa ukubulalekela ukuzuza ubutyebi. Yeka okwakho ukuqonda. Ngaba uya kubukrwaqula ngamehlo akho na, ekubeni bungeyonto? Kuba bona buzenzela amaphiko njengokhozi buze buphaphazele businge emazulwini.” (IMizekeliso 23:4, 5) Ngamany’ amazwi, akubobulumko ukuba sizixhalabise sizama ukuba zizityebi, kuba ubutyebi bunokuphaphazela ngokungathi bukumaphiko okhozi.
Njengoko iBhayibhile ibonisa, ubutyebi bezinto eziphathekayo bunokuphela ngokukhawuleza. Bunokuphela nje ngokuqhwanyaza kweliso ngenxa yentlekele yokwemvelo, ukudodobala kwezoqoqosho okanye ezinye iimeko ezingalindelekanga. Ngaphezu koko, nabo baye baphumelela ekufumaneni izinto eziphathekayo ngokufuthi bayaphoxeka. Qwalasela imeko kaJohn, umsebenzi wakhe owawuquka ukonwabisa abezobupolitika, abezemidlalo nabasemkhosini.
UJohn uthi: “Ndazinikezela kakhulu emsebenzini. Ndandisisityebi, ndihlala kwezitofotofo zona iihotele, yaye maxa wambi ndandiphangela ngenqwelo-moya eyijet ekhethekileyo. Ekuqaleni ndandikunandipha oku, kodwa ngokuthe ngcembe ndakruquka. Abantu endandifuna ukubakholisa babenganeliseki. Ndandiphila ubomi obungenantsingiselo.”
Njengokuba uJohn wabonayo, ubomi obungabandakanyi izinto zokomoya abanelisi. KwiNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni, uYesu Kristu wabonisa indlela yokuba nolonwabo oluhlala luhleli. Wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, kuba ubukumkani bamazulu bobabo.” (Mateyu 5:3) Ngoko ke, kucacile ukuba kububulumko ukubeka izinto zokomoya kuqala ebomini. Noko ke, abanye oothunywashe banokunceda ukuze ubomi bube nentsingiselo engakumbi.
Intsapho Nabahlobo Bakho Banegalelo Lokwenene
Ngaba ubunokubunandipha ubomi ukuba ubungaqhagamshelani nentsapho yakho yaye ungenabahlobo abasenyongweni? Ngokuqinisekileyo ubungenako. UMdali wethu wasidala sanentswelo yokuthanda nokuthandwa. Esi sesinye isizathu esabangela ukuba uYesu abalaselise ukubaluleka ‘kokuthanda ummelwane wethu njengathi siqu.’ (Mateyu 22:39) Intsapho sisipho esivela kuThixo esinikela ithuba elihle lokubonakalisa uthando olungenakuzingca.—Efese 3:14, 15.
Intsapho yethu inokubenza njani ubomi bethu bube nentsingiselo engakumbi? Kaloku, intsapho emanyeneyo inokuthelekiswa nomyezo omhle oyindawo yokuphumla ehlaziyayo kuxinezeleko lobomi bemihla ngemihla. Ngokufanayo, entsatsheni, sinokufumana ubuqabane obuhlaziyayo nobubele obuphelisa ubulolo. Kakade ke, intsapho ayibi likhusi nje ngokuzenzekelayo. Noko ke, njengoko siqinisa amaqhina entsapho, siye sisondelelana, yaye ubomi buba nentsingiselo engakumbi. Ngokomzekelo, ixesha nengqalelo esiyinikelayo ekuboniseni uthando nentlonelo kwiqabane lomtshato kukuziqwebela ubutyebi imihla ngemihla nto leyo ekugqibeleni enokubangela amaqhina omeleleyo.—Efese 5:33.
Ukuba sinabantwana, sifanele senze unako-nako ukuba nendawo efanelekileyo yokubakhulisa. Ukuzipha ixesha nabo, uhlale unxibelelana nabo, nokubaqeqesha ngokomoya kusenokufuna ukuzibhokoxa. Kodwa ixesha nomgudu onjalo unokuzisa ukwaneliseka okukhulu. Abazali abaphumelelayo babagqala abantwana njengesipho, njengelifa elivela kuThixo elifanele linyanyekelwe kakuhle.—INdumiso 127:3.
Abahlobo abasenyongweni nabo banegalelo ekwenzeni ubomi banelise yaye bube nentsingiselo. (IMizekeliso 27:9) Sinokuzenzela abahlobo abaninzi ngokubonakalisa uvelwano. (1 Petros 3:8) Abahlobo bokwenene bayasinceda ngokusiphakamisa xa sikhubeka. (INtshumayeli 4:9, 10) Yaye “iqabane lokwenyaniso . . . lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”—IMizekeliso 17:17.
Hayi indlela obunokwanelisa ngayo ubuhlobo bokwenene! Ukutshona kwelanga kuba kuhle nangakumbi, ukutya kuba nencasa nangakumbi yaye umculo unandipheka nakakhulu xa umanyelwa nomhlobo. Kakade ke, intsapho emanyeneyo nabahlobo abathembekileyo ziinkalo nje ezimbini zobomi obunentsingiselo. UThixo uye walungiselela ziphi ezinye izinto ukuze ubomi bethu bube nentsingiselo engakumbi?
Ukwanelisa Intswelo Yethu Yokomoya
Njengoko kuchaziwe ngaphambilana, uYesu Kristu wanxulumanisa ulonwabo nokuqonda intswelo yethu yokomoya. Siye sadalwa sinentswelo yokomoya neyemigaqo yokuziphatha. Ngenxa yoko, iBhayibhile ithetha ‘ngomntu wokomoya’ kunye ‘nomntu ofihlakeleyo wentliziyo.’—1 Korinte 2:15; 1 Petros 3:3, 4.
Ngokutsho kweAn Expository Dictionary of New Testament Words, ebhalwe nguW. E. Vine, intliziyo engokomfuziselo imela “umsebenzi wengqondo nowokuziphatha komntu, kokubini okwengqondo nokweemvakalelo.” Ecacisa oku, uVine wongezelela ngelithi: “Ngamany’ amazwi, intliziyo isetyenziswa njengomfuziselo weengcambu ezifihlakeleyo zomntu wangaphakathi.” Kwale ncwadi inye ithi “intliziyo, engaphakathi, iqulethe ‘umntu ofihlakeleyo,’ . . . umntu wokwenene.”
Sinokuzanelisa njani iintswelo ‘zomntu wokomoya’ okanye ‘umntu ofihlakeleyo,’ okuthetha ukuthi, “umntu ofihlakeleyo wentliziyo”? Ngokwenza oku sithabatha inyathelo elibalulekileyo yaye sanelisa intswelo yethu yokomoya xa siqonda intsingiselo yoko umdumisi ophefumlelweyo owacula ngako esithi: “Yazini ukuba uYehova nguThixo. Nguye owasenzayo, asisithi. Thina singabantu bakhe nezimvu zedlelo lakhe.” (INdumiso 100:3) Ukukuqonda oku ngokusengqiqweni kusikhokelela ukuba sigqibe kwelokuba siza kuphendula kuThixo. Ukuba sifuna ukuba phakathi ‘kwabantu bakhe nezimvu zedlelo lakhe,’ simele senze ngokuvisisana neLizwi lakhe, iBhayibhile.
Ngaba leyo yinto embi? Akunjalo, ukuqonda ukuba ihambo yethu inomsebenzi kuThixo kwenza ubomi bethu bube nentsingiselo. Kusikhuthaza ukuba sibe ngabantu ababhetele—ngokuqinisekileyo usukelo oluwufaneleyo umvuzo. “Unoyolo umntu owoyika uYehova, oyoliswa kakhulu yimiyalelo yakhe,” itsho INdumiso 112:1. Uloyiko lokuhlonela uThixo nokuyithobela ngokusuka entliziyweni imithetho yakhe kunokuba nentsingiselo engakumbi kubomi bethu.
Kutheni kusanelisa nje ukuthobela uThixo? Kuba sinesazela, isipho uThixo awasinika lonke uluntu. Isazela siyahlola enoba into esiyenzileyo okanye esicinga ukuyenza ifanelekile kusini na okanye akunjalo. Sonke siye ngasihlandlo sithile satyiwa sisazela. (Roma 2:15) Kodwa kwakhona isazela sethu sinokusivuza. Xa sisenza izinto ngokungazingci kuThixo nakwabanye abantu, siziva sanelisekile. Sifumanisa ukuba “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Kukho isizathu esibalulekileyo soku.
UMdali wethu usenze ngendlela yokuba sichaphazeleke yiminqweno naziintswelo zabanye abantu. Ukunceda abanye kuyazivuyisa iintliziyo zethu. Ngaphezu koko, iBhayibhile iyasithembisa ukuba xa sinikela uncedo kumntu olufunayo, uThixo ukugqala oku njengobabalo olwenzelwa yena.—IMizekeliso 19:17.
Ngaphandle nje kokwaneliseka, ngaba ukunikela ingqalelo kwiimfuno zethu zokomoya kuyasinceda ngeendlela ezisebenzisekayo? Kaloku, enye indoda engusomashishini egama linguRaymond ikholelwa ukuba kunokunceda. Uthi: “Usukelo lwam, ngokukhethekileyo, yayikukufumana imali. Kodwa ngexesha endakwamkela ngalo entliziyweni yam ukuba uThixo ukho yaye iBhayibhile ichaza iminqweno yakhe, ndaba ngumntu owahlukileyo. Ngoku ukuziphilisa kuyinto yesibini ebomini bam. Ngokuzama ukukholisa uThixo, ndiye ndaphelisa imvakalelo etshabalalisayo yentiyo. Nangona ubawo wafa ebudeni bongquzulwano, andinqweneli ukuziphindezelela kwabo babekek’ ityala.”
Njengoko uRaymond wafumanisayo, ukuzinyamekela kakuhle iintswelo ‘zomntu wokomoya’ kunokupholisa amanxeba anzulu angokweemvakalelo. Noko ke, ngaphandle kokuba sinyamezele iingxaki ezivelayo suku ngaluye, ubomi abusokuze banelise ngokupheleleyo.
Sinokuba Nalo “Uxolo LukaThixo”
Kweli hlabathi lixakekileyo, zimbalwa iintsuku ezidlula kungakhange kwenzeke nto. Kuvela iingozi, amacebo akaphumeleli, yaye abantu bayasidanisa. Ezi ziphazamiso zinokusenza singonwabi. Noko ke, iBhayibhile ithembisa kwabo bakhonza uYehova uThixo ulwaneliseko lwangaphakathi—“uxolo lukaThixo.” Sinokulufumana njani olu xolo?
Umpostile uPawulos wabhala: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Kunokuba sizame ukusingatha iingxaki zethu sisodwa, simele sithandaze ngokuzingisileyo, silahlele imithwalo yethu yemihla ngemihla kuThixo. (INdumiso 55:22) Ukholo lokuba uyasiphendula isikhungo esinjalo esenziwa egameni loNyana wakhe, uYesu Kristu, luya kukhula njengoko sikhula ngokomoya yaye siqonda indlela asinceda ngayo uThixo.—Yohane 14:6, 14; 2 Tesalonika 1:3.
Emva kokuba siye sanentembelo kuYehova uThixo, ‘uMphulaphulli wemithandazo,’ sizinyamezela bhetele izilingo, ezinjengokugula okungapheliyo, ukwaluphala okanye ukufelwa ngulowo simthandayo. (INdumiso 65:2) Noko ke, ukuze sibe nobomi obunentsingiselo ngokwenene, simele sicinge nangekamva.
Vuyani Mayelana Nethemba Elingaphambili
IBhayibhile ithembisa “amazulu amatsha nomhlaba omtsha,” urhulumente wasezulwini olungileyo nonenkathalo olawula intsapho yoluntu oluthobelayo. (2 Petros 3:13) Kwelo hlabathi litsha lithenjiswe nguThixo, imfazwe nokungekho sikweni ziya kuthatyathelw’ indawo luxolo nokusesikweni. Lo asingomnqweno nje odlulayo, kodwa yinkolelo enokuqina imihla ngemihla. Eneneni ziindaba ezintle yaye ngokuqinisekileyo sisizathu sokuvuya.—Roma 12:12; Tito 1:2.
UJohn okhankanywe ekuqaleni, ngoku uvakalelwa kukuba ubomi bakhe bunentsingiselo engakumbi. Uthi: “Nangona ndandingengomntu oluthandayo unqulo, ndandisoloko ndikholelwa kuThixo. Kodwa akukho nto endayenzayo ngale nkolelo de kwafika amaNgqina kaYehova amabini ekhayeni lam. Ndawaxina ngemibuzo, enjengethi, ‘Siyintoni isizathu sokuba sibe lapha? Sisinge phi?’ Iimpendulo zawo ezanelisayo ezisekelwe eZibhalweni zandenza ndaba nenjongo okwesihlandlo sokuqala ebomini bam. Yayisisiqalo nje eso. Ndaqalisa ukunxanelwa inyaniso nto leyo eyandikhokelela ekubeni nditshintshe yonke imilinganiselo yam. Nangona ndingasesosityebi ngokwezinto eziphathekayo, ndivakalelwa njengosozigidi ngokomoya.”
NjengoJohn, mhlawumbi ubulele ngokomoya kangangeminyaka emininzi. Noko ke, ngokuhlakulela “intliziyo yobulumko,” unokuvuka ngokomoya. (INdumiso 90:12) Ngokuzimisela nangokwenza umgudu, unokuba novuyo lokwenene, ube seluxolweni uze ube nethemba lokwenene. (Roma 15:13) Ewe, nobomi bakho bunokuba nentsingiselo engakumbi.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Umthandazo unokusizisela “uxolo lukaThixo”
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Ngaba uyayazi into enokwenza ubomi bentsapho banelise ngakumbi?