Imilinganiselo Yokuziphatha Iyawohloka
“YAYINGENZEKI into enjalo,” wagqabaza ngelitshoyo uHelmut Schmidt, owayesakuba yingqonyela yaseJamani. Wayekhalazela izenzo zokunganyaniseki ezazisandul’ ukwenziwa ngamagosa kawonke-wonke nezazingundaba-mlonyeni. Wathi: “Imilinganiselo yokuziphatha iye yawohloka ngenxa yokubawa.”
Abaninzi bebeya kuvumelana naye. Imilinganiselo yokuziphatha eseLizwini likaThixo, iBhayibhile, ekukudala yamkelwe ngokubanzi njengokhokelo lokulungileyo nokuphosakeleyo iye ayakhathalelwa. Oku kunjalo nakumazwe ebenxulunyaniswa nobuKristu ngomlinganiselo othile.
Ngaba Imigaqo Yokuziphatha EseBhayibhileni Iyasebenziseka?
Ukuziphatha okusekelwe kwiimfundiso zeBhayibhile kuquka ukunyaniseka nokugcina ingqibelelo. Ukanti, ukuqhatha, ukunganyaniseki, nobuqhetseba bandile. IThe Times yaseLondon inikela ingxelo yokuba abanye abacuphi “batyholwa ngokukhuthuza malunga ne-£100,000 [R1 000 000] ngamnye ukuze kubuye kuthengiswe iziyobisi okanye kulahlwe umkhondo nxamnye nezikrelemnqa ezithile.” EOstriya kuthiwa ubuqhetseba beinshorensi buyinto eqhelekileyo. Yaye kutshanje, eJamani izazinzulu zothuke zabanda xa abaphandi befumanisa “elinye lawona manyundululu obuqhetseba kwinzululwazi yaseJamani.” Unjingalwazi, “oyingcungela phakathi koogqirha bezifo zemfuza baseJamani,” watyholwa ngokugqwetha okanye ukuzakhela inkcazelo ngomkhamo omkhulu.
Imilinganiselo yokuziphatha esekelwe eBhayibhileni ikwaquka ukuthembeka emtshatweni, omele ube lulwalamano olusisigxina. Kodwa inani elandayo lezibini lugqibela ngokuqhawula umtshato kwinkundla yamatyala. Iphephandaba lamaKatolika elibizwa ngokuba yiChrist in der Gegenwart (The Contemporary Christian) linikela ingxelo yokuba “kwanakwilizwe laseSwitzerland ‘elisadla ngendeb’ endala’, imitshato emininzi iyaqhawuka.” ENetherlands, kuyo yonke imitshato, engama-33 ekhulwini iphelela kuqhawulo-mtshato. Elinye inenekazi eliphawule utshintsho kwintlalo yaseJamani kwiminyaka embalwa edluleyo labhala lichaza inkxalabo elinayo lisithi: “Ngoku umtshato ugqalwa njengento ephelelwe lixesha. Abantu abasatshati ngenjongo yokwahlulwa kukufa.”
Kwelinye icala, izigidi zabantu zigqala imilinganiselo efundiswa yiBhayibhile njengenokuthenjwa nefanelekileyo kwihlabathi lanamhlanje esiphila kulo. Isibini esitshatileyo esihlala kumda weSwitzerland neJamani safumanisa ukuba ukufunda ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile kwasenza sonwaba ngakumbi. Ngokutsho kwaso, “lunye ukhokelo kuzo zonke iinkalo zobomi. Olo khokelo yiBhayibhile.”
Ucinga ntoni? Ngaba iBhayibhile inokusebenza njengokhokelo oluxabisekileyo? Ngaba imilinganiselo yokuziphatha esekelwe eBhayibhileni iluncedo namhlanje?