Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
UYehova Ulungiselela Abantu Bakhe Indawo Yokuphumla
INDAWO yokuphumla enomthunzi kwindlela esentabeni iyayolisa kumhambi odiniweyo. ENepal, iindawo zokuphumla ezinjalo zibizwa ngokuba zii-chautara. Ichautara inokufunyanwa phantsi komthi ochumileyo obizwa ngokuba yi-banyan, umthunzi anokuhlala kuwo umntu aze aphumle. Ukwenza ichautara sisenzo sobubele, yaye uninzi lwabantu abazenzayo abawachazi amagama abo.
Amava avela eNepal abonisa ukuba uYehova uThixo uye wanguMthombo wovuyo waza wabangela ukuhlaziyeka ngokomoya “kubahambi” abaninzi abadiniweyo kule nkqubo yezinto.—INdumiso 23:2.
• ULil Kumari uhlala kwisixeko esihle sasePokhara, apho uzibona kakuhle khona iiNtaba zeHimalaya ezilele ikhephu. ULil Kumari owayexhalatyiswe ziingxaki zemali yokunyamekela intsapho, wayephelelwe lithemba. Xa watyelelwa ngomnye wamaNgqina kaYehova, wachukunyiswa lithemba eliqaqambileyo elisuka eBhayibhileni waza wacela isifundo seBhayibhile ngokukhawuleza.
Nangona uLil Kumari wayesinandipha isifundo, kwakungelula ukuqhubeka ngenxa yenkcaso yentsapho ekrakra. Kodwa akazange anikezele. Wayesiya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu yaye ekusebenzisa oko wayekufunda, ingakumbi kumbandela wokuthobela komfazi. Ngokomphumo, umyeni wakhe nonina baqonda ukuba yonke intsapho iyangenelwa kwisifundo seBhayibhile sikaLil Kumari.
Ngoku umyeni wakhe nezalamane eziliqela bafundisisa iLizwi likaThixo. ULil Kumari uye wanandipha ucwangciso lwendibano ebisandul’ ukubakho ePokhara, ekunye nezalamane zakhe ezili-15. Uthi: “Ikhaya lam liye laba yindawo yokuphumla ngenxa yokuba intsapho yethu ngoku imanyene kunqulo oluyinyaniso, yaye ndifumene uxolo lwengqondo ngokwenene.”
• Nangona ucalu-calulo lungavumelekanga ngokusemthethweni eNepal, lusenempembelelo enamandla kwindlela abantu abaphila ngayo. Ngaloo ndlela, abaninzi banomdla wokwazi oko ikutshoyo iBhayibhile ngokulingana nangokungabikho kocalu-calulo. Ukufunda ukuba “uThixo akakhethi buso” kwabuguqula ngokuphawulekayo ubomi bukaSurya Maya nobentsapho yakhe.—IZenzo 10:34.
USurya Maya wayekhathazekile ngenxa yokungabikho kokusesikweni ngokuphathelele ucalucalulo nangenxa yoxanduva lwezithethe namasiko awendeleyo. Njengebhinqa elizinikeleyo, uSurya Maya kangangeminyaka wacela uncedo kwizithixo zakhe. Kodwa imithandazo yakhe ayizange iphendulwe. Ngenye imini wayecela uncedo, yaye uBabita umzukulwana wakhe oneminyaka emithandathu wambuza wathi: “Kutheni ucela uncedo kwizithixo ezingenakwenza nto?”
Kwathi kanti unina kaBabita ufundisisa iBhayibhile nomnye wamaNgqina kaYehova. Ezele lihlombe uBabita wamemela uninakhulu kwintlanganiso yamaKristu. Wathi uSurya Maya akuya, wamangaliswa kukubona iindidi ezahlukahlukeneyo zabantu zonwabile kungekho calu-calulo. Ngoko nangoko wacela isifundo seBhayibhile sekhaya. Nangona oku kwabangela ukuba acekiswe ngabamelwane bakhe, akazange adimazeke; yaye nokungakwazi kwakhe ukufunda nokubhala kakuhle akuzange kumthintele ekwenzeni inkqubela ngokomoya.
Ngoku sele kudlule iminyaka esibhozo, yaye amalungu entsapho yakhe amathandathu, aquka umyeni wakhe nabantwana bakhe abathathu aye angamaNgqina kaYehova. Ngoku uSurya Maya ungumlungiseleli wexesha elizeleyo, uvulindlela othe ngxi, yaye ngovuyo unceda abanye ukuba bothule imithwalo ebasindayo kweyona ndawo yokuphumla yokwenene enokwenziwa nguYehova kuphela.