Ngaba ‘Uneliva Enyameni’?
1 Sinomnqweno ongazenzisiyo wokuphumeza uthumo lwethu lokushumayela iindaba ezilungileyo kangangoko sinokwenza. Noko ke, uninzi lwabazalwana noodade wethu abathandekayo lukufumanisa kunzima ukuba nesabelo ngokuzeleyo ngenxa yezigulo okanye iziphene ezinzulu ezibathintelayo, ezenza kube nzima ukwenza ngokomnqweno wabo. Kusenokuba lucelomngeni kubo ukuhlangabezana nokudimazeka, ngokukodwa xa bebona abanye bezizinxadanxada kubulungiseleli.—1 Kor. 9:16.
2 Umzekelo Wokuxeliswa: Umpostile uPawulos kwafuneka ajamelane ‘neliva enyameni.’ Wambongoza izihlandlo ezithathu uYehova ukuba awushenxise lo mqobo udandathekisayo, awayewuchaza ngokuthi ‘yingelosi kaSathana’ eyayihlalele ukumqhwaba. Ukanti, phezu kwayo yonke loo nto, uPawulos wanyamezela waza watyhalela phambili nobulungiseleli bakhe. Akazange azisizele okanye enze isimbonono ekhalaza. Wazibhokoxa. Imfihlelo yokuphumelela kwakhe ekuhlangabezaneni noku yayisesi siqinisekiso sivela kuThixo: “Ububele bam obunganifanelanga bukulingene; kuba amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.” Ubuthathaka bukaPawulos baba ngamandla xa wade wayamkela imeko yakhe waza wayama ngoYehova nangomoya wakhe oyingcwele ukuze anyamezele.—2 Kor. 12:7-10.
3 Indlela Onokunyamezela Ngayo: Ngaba ubunkenenkene bempilo buyisikel’ imida inkonzo yakho kuThixo? Ukuba kunjalo, yiba nembono efana nekaPawulos. Kwanokuba isigulo okanye isiphene sakho asinyangeki de siphele kule nkqubo yezinto, unokukholosa ngokupheleleyo ngoYehova, oziqondayo iintswelo zakho noya kukunika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.” (2 Kor. 4:7) Sebenzisa uncedo olufumaneka ebandleni, ungabi yinkom’ edla yodwa. (IMize. 18:1) Ukuba ukufumanisa kunzima ukwenza umsebenzi wendlu ngendlu, funa iindlela ezisebenzisekayo zokunikela ubungqina obungacwangciswanga okanye ngemfonomfono.
4 Nangona iliva enyameni linokubusikela umda ubulungiseleli bakho, musa ukuziva ushiywe enyanyeni. NjengoPawulos, nawe ‘unokunikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo zobubele obungasifanelanga bukaThixo,’ usenza okusemandleni akho ngokuvunyelwa ziimeko zakho. (IZenzo 20:24) Njengoko usenza umgudu wokuphumeza ubulungiseleli bakho, yazi ukuba uYehova uyakholiswa koko.—Heb. 6:10.