Ukuzuza Ngokupheleleyo KwiNdibano YeSithili ‘Yabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo’
1 Ucwangciso Olwakhayo: Olunjani ukuvuselela ucwangciso esiye saluphulaphula kwindibano yesithili esisuka kuyo! Sonke besidityaniswe yinto enye, ukuze sixhotyiselwe ukuvakalisa uBukumkani bukaThixo ngenzondelelo. Ngaba usayikhumbula indlela isithethi sokuqala esiye salichaza ngayo igama elithi “ukuvakalisa”? Ngaba usakhumbula ukuba luluphi uphando esikhuthazwe ukuba silwenze kwintetho ethi “Musani Ukoyika Kuba UYehova Unathi”? Ziziphi iingxelo ezibalisa ngezinto ezenzeke ngokwenene osele uzihlolile ukuza kuthi ga ngoku?
2 Ungcelele oluthi “Ukholo Lwethu Luvavanywa Zizilingo Ezahlukeneyo” lusinike izizathu ezithathu zokuba uYehova avumele intshutshiso. Ngaba unokuzichaza ezi zizathu? Sisiphi isizathu esisekelwe kwiZibhalo sokuba sibe ngoondilele njengamaKristu? Yintoni esiye sakhuthazwa ukuba siyenze ukuze sizilungiselele ucelomngeni kubundilele bethu? Ukunyamezela kwethu ngokuthembeka xa silingwa kumdumisa njani uYehova?
3 Yiyiphi inxalenye yomdlalo othi “Yimani Niqinile Ngamaxesha Anzima” eye yakomeleza ngokukhethekileyo? Sinokufana njani noYeremiya?
4 Intetho yesidlangalala ethi, “Imeko Yeli Hlabathi Iyatshintsha,” yathi ziziphi iinguqu eziza kwenzeka neziya kukhokelela kwimini eyoyikekayo kaThixo? Xa ubuphulaphule intetho equkumbelayo ethi, “Phuphuma Yimisebenzi Emihle Njengomvakalisi WoBukumkani Onenzondelelo,” le nkcazelo iye yabuchaphazela njani ubulungiseleli bakho?
5 Iingongoma Eziziintloko Ezimele Zisetyenziswe: Njengoko kuchazwe kwintetho ethi “Hlalani Ninombulelo,” sinokumbulela njani ngokusuk’ entliziyweni uYehova? Kwintetho engumxholo ethi, “Abavakalisi BoBukumkani Abatsha Ziintambo,” yinzondelelo kabani esikhuthazwe ukuba siyixelise? Yintoni esiye sacelwa ukuba sizihlole kuyo?
6 Ungcelele oluthi “Isiprofeto SikaMika Siyasomeleza Ukuze Sihambe Egameni LikaYehova,” luye lwagxininisa ziphi izinto ezintathu ezifunekayo ukuze simkholise uYehova? Ngaba zinokufikeleleka? (Mika 6:8) Ngokutsho kwentetho ethi “Khusela Intliziyo Yakho Ngokuhlala Unyulu,” ziziphi iindlela esimele sizigcine sicocekile ngazo ngokomoya? Intetho ethi “Kulumkele Ukukhohlisa” ithe kukwiziphi iinkalo apho simele silumkele ukuqhathwa kwaye singabaqhathi abanye?
7 Ziziphi iingongoma eziluncedo osele uqalisile ukuzisebenzisa kubulungiseleli bakho ezixutyushwe kungcelele oluthi “Abavakalisi BoBukumkani Ababuzukisayo Ubulungiseleli Babo”? Kwintetho ethi “Ukuncokola Ngezinto Zokomoya Kuyakha,” kuye kwaxutyushwa eyabaseFilipi 4:8. Esi sibhalo sisinceda njani ukuba sincokole ngezinto zokomoya, yaye sifanele sikwenze nini oko?
8 Intetho ethi “Kholosa NgoYehova Ngokupheleleyo Ngamaxesha Anzima” ixubusha indlela esinokuhlangabezana ngayo neentlekele, ukungabi namali, impilo enkenenkene, iingxaki zentsapho nobuthathaka obungapheliyo. Sinokukholosa njani ngoYehova xa sijamelene nezi meko?
9 Ubuncwane Bokomoya Obutsha: Siye savuya xa sifumana incwadi entsha ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso. Siye sakuchaphazela njani isaziso ebesichaza injongo yayo? Kutheni le ncwadi yesibini eza kufundwa iza kusinceda nje kumsebenzi wokwenza abafundi?
10 Emva koko siye safumana incwadi entle ethi Sondela KuYehova. Ziziphi ezinye zezinto ebalasele ngazo? Yiyiphi eyona mifanekiso uyithandayo? Ngaba ukuyifunda kuye kwakusondeza ngakumbi kuYehova? Ngubani omnye onokungenelwa yile ncwadi?
11 INdibano YeSithili ‘Yabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo’ iye yasikhuthaza ngokomoya ukuze sihlangabezane namaxesha anzima. Ukuze singenelwe ngokuzeleyo kweli lungiselelo likhethekileyo lokomoya, ngamana singenza unako nako ukuze sikukhumbule okuthethiweyo, sikuxabise oko sikuzuzileyo, size sikusebenzise oko sikufundileyo. (2 Pet. 3:14) Ukwenjenjalo kuya kusomeleza sigcine ingqibelelo yethu kwaye sibe ngabavakalisi boBukumkani abanenzondelelo sixelisa iNkosi yethu uYesu Kristu, luze lonke uzuko luye kuYehova.—Fil. 1:9-11.