Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
“Hayi Uyolo Lomntu Ofumene Ubulumko”
LO MZEKELISO ungqineke uyinyaniso eKorea, apho ngoku kukho amaNgqina kaYehova onwabileyo angaphezu kwama-71 000. (IMizekeliso 3:13) Khawufan’ ucinge nje, ama-42 ekhulwini aba balungiseleli bakwinkonzo yexesha elizeleyo! La mava alandelayo aza kubonisa indlela abonwabe ngayo abo bafuna ubulumko bokwenyaniso.
Kangangeminyaka eli-16 ibhinqa elithile lasePusan belisiya kwenye yeecawa zeNgqobhoko. Laye laphawula izinto ezininzi ezenziwayo nezingekho ngokwezibhalo kangangokuba lade laqalisa ukucinga ukuba kunokuba akukho Thixo. Kwelinye icala, lalingenakubukhanyela ubukho bukaThixo, ngoko ngokunyanisekileyo lathandaza kuThixo ukuze lifumane icawa yokwenyaniso ukuba yayikho. Kwesi sithuba lakhawuleza lacinga ngamaNgqina kaYehova, ibe lakhumbula nokuba icawa yalo yayiwacekisa kangangokuba yade yalumkisa nabahambi bayo ngawo kuba amaNgqina ayengakholelwa kuBathathu Emnye, isihogo somlilo kwanezinye iimfundiso zeNgqobhoko. Ngaba kunokwenzeka ukuba abe ayeyicawa yokwenyaniso? Ngoncedo lommelwane, layifumana indawo ekuyo iHolo yoBukumkani. Lingaphozisanga maseko, ngosuku olulandelayo laya kwiintlanganiso.
Lalingawuvali umlomo lucwangco olwalukwezo ntlanganiso. Kwakungekho kukhwaza kugqithiseleyo kwempambano okanye umculo ovus’ ihlombe njengoko kwakunjalo kwicawa yalo. Laziswa kwiNgqina elalikulungele ukufundisisa nalo iBhayibhile, yaye isifundo sokuqala sathabatha iiyure eziliqela ngenxa yemibuzo emininzi elalinayo. Kwisifundo sesibini, lavakalisa ukuba liza kuphuma ecaweni yalo lize libe liNgqina. Laxelela udade ukuba akusekho mfuneko yokuba afundisise nalo kwakhona, njengoko liza kuya ezintlanganisweni. Noko ke, laboniswa indlela ekubaluleke ngayo ukuba nesifundo seBhayibhile sobuqu ukongezelela ekuyeni ezintlanganisweni. Lalamkela eli cebiso, lazimisela kwisifundo salo laza ngexesha elifanelekileyo labhaptizwa.
Sithetha nje lonwabe ngokwenene kuba lifumene ubulumko boThixo oyinyaniso, uYehova, yaye linethemba lokuphila ngonaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo.
Injengele Edla Umhlala-phantsi Ifunda Inyaniso
Umfazi wenye injengele yasemkhosini wabhaptizwa ngowe-1962. Ekuqaleni umyeni wakhe wayemchasa, kodwa kamva wayeka ukumchasa waza akacaca icala angakulo kangangeminyaka engama-28 eyalandelayo, abazalwana abahlukeneyo baye bafundisisa naye, bezama ukumenza abe nomdla enyanisweni. Wayesiya kwiintlanganiso nakwiindibano ezithile, kodwa wayengomnye wabo barhoxobisayo ekuyithabatheni nzulu inyaniso. Ngowe-1990 yena nomfazi wakhe baya eJapan, apho baya kwindibano yesithili. Ngesi sihlandlo waziphulaphula ngenyameko iintetho—nto leyo awayengayenzi ngaphambili. Wakhwankqiswa ziintetho ezazinikelwa ngehlombe nezazibhenca unqulo lobuxoki, kodwa ngokuqinisekileyo ezi zamenza waluqonda uhanahaniso lweNgqobhoko. Wayechukumisekile lucwangco nolonwabo lwabantu bakaThixo eJapan, olwalufana ncam nolo wayelubone eKorea. Akubuyela eKorea, waqalisa ukufundisisa nzulu iBhayibhile waza ekugqibeleni wabhaptizwa.
Ngoko yintoni awayefanele ayenze emva kokuba ebhaptiziwe? Warhoxa kwisikhundla sakhe sokuba ngumongameli wehotele yabakhenkethi edumileyo waza wathelela umfazi wakhe kubulungiseleli bobuvulindlela bexesha elizeleyo. Uvakalelwa kukuba ukuba nguvulindlela othe ngxi yeyona ndlela ilunge ngakumbi yokubuyisela la minyaka ingama-28 awaphulukana nayo ngoxa wayerhoxobisa.
Ngoku uyaqonda ukuba umzekeliso othi “hayi uyolo lwendoda efumene ubulumko” uyasebenza nakuye!