Abavakalisi Bobukumkani Bayabalisa
Uvuyo Olubangelwa Kukuba Nomonde Nokuzingisa
UYESU KRISTU waxela kwangaphambili ukuba ngemihla yokugqibela “luya kuphola uthando lwabaninzi.” Ngenxa yoko, kwiindawo ezininzi ehlabathini namhlanje, inkoliso yabantu ayinamdla kwiindaba ezilungileyo zoBukumkani. Bambi bade balucekise unqulo.—Mateyu 24:12, 14.
Sekunjalo, ngokholo nangomonde, abavakalisi boBukumkani bahlangabezana ngokuphumelelayo nale ngxaki, njengoko amava alandelayo avela kwiCzech Republic ebonisa.
AmaNgqina amabini athetha nelinye inenekazi emi ngaphandle, ucango luvaliwe. Emva kwethutyana, ucango lwavuleka kancinane, kwaza kwavela isandla esathi hlasi amaphephancwadi awayephethwe ngala maNgqina, IMboniselo noVukani! Kwavakala ilizwi lisithi “enkosi,” lwaza ucango lwavaleka. La maNgqina azibuza, “Ngaba sifanele sibuyele?” Omnye wawo, onguvulindlela, okanye umlungiseleli wexesha elizeleyo, wagqiba kwelokuba abuyele, kodwa kwenzeka into efanayo, yaye oku kwaqhubeka kangangonyaka.
Egqibe kwelokuba atshintshe indlela yokuqalisa incoko, lo vulindlela wathandaza ecela uncedo kuYehova. Xa kwakhona wayelizisele amaphephancwadi, ngobubele walibuza eli bhinqa: “Injani impilo? Ngaba ukuvuyele ukuwafunda la maphephancwadi?” Ekuqaleni, alizange liphendule, kodwa emva kokutyelelwa izihlandlo eziliqela, eli bhinqa laqalisa ukukhululeka. Ngenye imini laluvula genge ucango, kodwa bancokola ixeshana nje elifutshane.
Ebona ukuba eli bhinqa limadolw’ anzima ukuthetha naye xa ezile, lo vulindlela wagqiba kwelokuba alibhalele ileta echaza injongo yokuba elityelela waza wacela nokuliqhubela isifundo seBhayibhile. Ekugqibeleni, emva konyaka onesiqingatha ngomonde esenza umgudu, lo vulindlela wakwazi ukuqalisa isifundo seBhayibhile nalo mntu. Nangona wayemangalisiwe, kamva kwamkhuthaza ukuva eli bhinqa lisithi: “Bendikholelwa kuThixo ukususela ngemini owaqalisa ngayo ukundiphathela la maphephancwadi.”
Eneneni, ukuba nomonde nokuzingisa kunokuba nemiphumo evuyisayo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi.—Mateyu 28:19, 20.