Isizathu Sokuba Abantu Abaninzi Besiya Ecaweni
“NGOKU iRiphabliki yaseKorea inamaRhabe aphantse aphindwa kane kunawaseMerika.” Kusenokwenzeka ukuba loo mazwi akwiphephancwadi iNewsweek othusa abafundi abaninzi, ekubeni inkoliso yabantu icinga ukuba iKorea lilizwe lobuConfucius okanye lobuBhuda. Namhlanje, umntu otyelele apho uya kufumana iicawa ezininzi “zamaKristu,” ezineminqamlezo ebomvu yezibane zegesi. NgeeCawa, kuyinto eqhelekileyo ukubona abantu ababini nabathathu, bephethe iiBhayibhile, besiya ecaweni. Ngokutsho kohlolisiso lowe-1998, malunga nama-30 ekhulwini labantu baseKorea baya kwicawa yamaKatolika okanye yamaProtestanti, ngaphezu kwabo bathi bangamaBhuda.
Kule mihla, kuyinto engaqhelekanga ukubona inani elingako labantu besiya ecaweni rhoqo. Noko ke oku akwenzeki eKorea kuphela kodwa nakwamanye amazwe aseAsia, eAfrika naseLatin America. Kutheni kusekho abantu abaninzi kangaka abakholelwa kuThixo ngoxa kuxhaphake ukungakhathaleli unqulo? Kutheni kukho abantu abaninzi kangaka abaya ecaweni?
Uhlolisiso lukaGallup lwabonisa ukuba abantu baseKorea abangaphezu kwesiqingatha baya ecaweni kuba befuna uxolo lwengqondo; abamalunga nesithathu kubo banethemba lobomi obungunaphakade emva kokufa; yaye om-1 kwabali-10 unethemba lokuba sempilweni, abe sisityebi aze aphumelele.
Abantu abaninzi eTshayina baya ezicaweni kuba benethemba lokufumana ulwaneliseko lokomoya ekubeni ubukapitali buye bathabath’ indawo yobuKomanisi ngokuthe ngcembe. Nyaka ngamnye, kupapashwa kuze kusasazwe imibhalo ezizigidi zeeBhayibhile eTshayina, yaye kubonakala ukuba abantu bayifunda ngendlela abayifunda ngayo incwadi encinane ebomvu kaMao.
Amanye amaKatolika eBrazil, ingakumbi lawo aselula, akanelisekanga ngesithembiso solonwabo kubomi obuzayo—afuna ukonwaba ngoku. Iphephandaba iTudo lithi: “Ukuba imfundiso yezakwalizwi yenkululeko yayiphembelela abantu ngeminyaka yee-1970, namhlanje bakhuthazwa ukuba babe zizityebi.” Olunye uhlolisiso eBritani lacela abo baya ezicaweni bachaze into enye abayithandayo ngecawa yabo. Inkoliso yabo yakhankanya ubudlelane.
Konke oku kubonisa ukuba ngoxa abantu abaninzi besakholelwa kuThixo, inkoliso yabo ifuna ukwazi oko inokukufumana ngoku kunoko kuza kwenzeka kwixesha elizayo—okanye oko kufunwa nguThixo. Ucinga ukuba sisiphi esona sizathu sifanelekileyo sokukholelwa kuThixo? Ithini iBhayibhile ngalo mbandela? Uza kufumana impendulo kwinqaku elilandelayo.