“Nize Nithandaze Ngale Ndlela”
NGABA uyawazi uMthandazo weNkosi? Ngumthandazo ongumzekelo owafundiswa nguYesu Kristu. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni edumileyo, uYesu wathi: “Nina nize nithandaze ngale ndlela.” (Mateyu 6:9) Ekubeni waqaliswa nguYesu, ubizwa ngokuba nguMthandazo weNkosi, kanti ukwabizwa nangokuthi nguBawo Wethu Osemazulwini.—Latin, Paternoster.
Emhlabeni wonke, izigidi zabantu ziye zawubethelela ezingqondweni uMthandazo weNkosi yaye ziwuphindaphinda phantse yonke imihla. Kwiminyaka yakutshanje, abaninzi baye bawucengceleza lo mthandazo ezikolweni nakumatheko asekuhlaleni. Kutheni uthandwa kangaka nje uMthandazo weNkosi?
Umfundi wezakwalizwi wenkulungwane yesithathu uCyprian wabhala: “Ngaba ukho bethu omnye umthandazo ngaphandle kwalowo sawunikwa nguKristu . . . ? Singathandaza njani kuBawo ngokuyinyaniso ngaphandle koko sakuxelelwa nguNyana oyiNyaniso?”—Yohane 14:6.
Kwincwadi yayo, iCawa yamaRoma Katolika ithi uBawo Wethu Osemazulwini, “ngumthandazo osisiseko wamaKristu.” IThe World Book Encyclopedia iyayivuma into yokuba lo mthandazo ubalulekile kuzo zonke iicawa zeNgqobhoko, iwubiza ngokuba ngomnye wezona “zicengcelezo zisisiseko zokholo lwamaKristu.”
Noko ke, liyinyaniso elokuba, abantu abaninzi abawucengcelezayo uMthandazo weNkosi abawuqondi kakuhle. Iphephandaba laseKhanada iOttawa Citizen lithi: “Ukuba unalo ulwazi lobuKristu kusenokwenzeka ukuba uyakwazi ukuwuphindaphinda uMthandazo weNkosi ungakhange unqumame, kodwa kusenokuba nzima ukuwenza ucotha unenjongo yokuwuqonda.”
Ngaba kubaluleke ngokwenene ukuba sikuqonde oko sikuthandazelayo kuThixo? Kwakutheni ukuze uYesu athi masenze uMthandazo weNkosi? Uthetha ntoni kuwe? Makhe siphendule le mibuzo.