Imibuzo Evela Kubafundi
Xa uYesu wathi kubalandeli bakhe ‘mababolekise ngaphandle kwenzala, bangathembi kubuyiselwa nantoni na,’ ngaba wayethetha ukuba babefanele bangafuni naloo mali ibolekiweyo?
Amazwi kaYesu akuLuka 6:35 sinokuwaqonda kakuhle xa siwazi uMthetho kaMoses. Apho uThixo wayalela amaSirayeli ukuba angafuni nzala xa ebolekisa ngemali kwamanye amaSirayeli aswele imali nafuna uncedo. (Eksodus 22:25; Levitikus 25:35-37; Mateyu 5:42) Le mali-mboleko yayingenzelwanga ukurhweba ngayo okanye ukushishina. Kunoko, imali-mboleko engenanzala enjalo yayikukunceda umntu olihlwempu okanye ohlelwe yintlekele. Ngaphezu koko, ibiya kuba lulunya ukwenza ingeniso ngommelwane wakho ojamelene nengxaki yezoqoqosho. Sekunjalo, lowo ubolekisa ngemali wayenalo ilungelo lokufumana loo mali abolekise ngayo, kwenziwe isivumelwano ngayo.—Duteronomi 15:7, 8.
Ngoxa exhasa uMthetho, uYesu wathetha ngendlela yokuwusebenzisa ngokufanelekileyo, esithi lowo uncedayo angalindeli ‘ukubuyiselwa nantoni na.’ NjengamaSirayeli, maxa wambi amaKristu aphelelwa yimali okanye iimeko zawo ziye zitshintshe nto leyo enokuwashiya engamahlwempu, eswele. Ukuba umzalwana ongumKristu okwimeko ebuhlungu ngolo hlobo ufuna ukuncedwa ngemali, ngaba bekungayi kuba bububele ukumnceda? Eneneni, uthando lokwenene beluya kushukumisela omnye umKristu afune ukunceda umzalwana oba nengxaki yemali, kodwa oko kungelo tyala lakhe. (IMizekeliso 3:27) Kusenokwenzeka ukuba umphe njengesipho umzalwana onjalo osweleyo, nakuba loo mali ingaphantsi kunaleyo ubunokumnika yona xa umboleka.—INdumiso 37:21.
Kwinkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo, umpostile uPawulos noBharnabhas bathunywa ukuba bathabathe iminikelo kumaKristu eAsia Minor bayise kubazalwana bakwaYuda, ngenxa yendlala. (IZenzo 11:28-30) Ngokufanayo namhlanje, xa kusehla intlekele, amaKristu adla ngokuthumela izipho kubazalwana bawo abasweleyo. Xa esenza oko, kwakhona anikela ubungqina kwabanye. (Mateyu 5:16) Kakade ke, isimo sengqondo nemeko yalowo ofuna uncedo ifanele iqwalaselwe. Kutheni eswele? Amazwi kaPawulos afanele ingqalelo: “Ukuba umntu akafuni kusebenza, makanganikwa kutya.”—2 Tesalonika 3:10.
Ukuba umzalwana ofuna ukuboleka imali akaxhwalekanga ngolo hlobo kodwa ufuna kuphela ukuncedwa okwexeshana ukuze akwazi ukuba nemali kwakhona emva kokuphelelwa yimali, kusenokufaneleka ukumboleka imali ngaphandle kwenzala. Phantsi kweemeko ezinjalo, ukumboleka imali ulindele ukuba akubuyekeze akusayi kungqubana namazwi kaYesu afumaneka kuLuka 6:35. Kufanele kubhalwe phantsi oko kuvunyelwane ngako, yaye lowo ubolekwa imali ufanele enze wonke umgudu wokuyibuyisa loo mali ngokwendlela ekuvunyelwene ngayo. Eneneni, uthando lobuKristu lufanele lushukumisele lowo uboleke imali ukuba ayihlawule loo mali kanye njengoko uthando lushukumisele lowo ubolekisayo ukuba abolekise ngayo.
Lowo ucinga ngokubolekisa ngemali (okanye ngokunikela ngesipho) ufanele ajonge imeko yentsapho yakhe. Ngokomzekelo, ngaba ebeya kusityeshela isiluleko esingokweZibhalo sokunyamekela amalungu entsapho yakhe? (2 Korinte 8:12; 1 Timoti 5:8) Sekunjalo, amaKristu asafuna amathuba okubonisa uthando komnye nomnye, elubonisa uthando olunjalo ngeendlela eziluncedo ezivisisana nemigaqo yeBhayibhile.—Yakobi 1:27; 1 Yohane 3:18; 4:7-11.