Ukufuna Inkokeli Efanelekileyo
“Ndithi phum’ uphele, asifuni kuphinda sikubone apha!”—La ngamazwi kaOliver Cromwell; ngokutsho kukaLeopold Amery, ilungu lePalamente yaseBritani.
IMfazwe Yehlabathi II iye yatshabalalisa kangangeenyanga ezisibhozo, yaye izinto zazingayihambeli kakuhle iBritani namahlakani ayo. ULeopold Amery namanye amagosa karhulumente ayesithi kufuneka inkokeli entsha. Ngoko ke, ngoMeyi 7, 1940, kwiNdlu Engezantsi, uMnu. Amery wathetha la mazwi angasentla kwiNkulumbuso uNeville Chamberlain. Kwintsuku ezintathu kamva, uMnu. Chamberlain wehla esihlalweni, yaye uWinston Churchill wangena ezihlangwini zakhe.
ABANTU bayayifuna inkokeli, kodwa kungekhona nayiphi na inkokeli. Kwanasentsatsheni, ubawo ufanele akulungele ukukhokela kakuhle ukuze umfazi nabantwana bonwabe. Ngoko ke, kukangakanani ke kwinkokeli yelizwe okanye yomhlaba! Ngenxa yoko, akulula ukufumana iinkokeli ezifanelekileyo.
Ngenxa yoko, kangangamawaka eminyaka, abantu abaninzi baye bathwesw’ izithsaba, abanye bavukela, babhukuqwa, banyulwa, babulawa abanye balawula esikhundleni sabanye. Ookumkani, iinkulumbuso, iinkosana, abongameli, abaphathiswa noozwilakhe baye basina bededelana betshintshisana ngesihlalo. Iinguqu ezingalindelekanga ziye zabangela ukuba kubhukuqwe nabalalawuli ebanempembelelo enkulu. (Bona ibhokisi ethi “Ngequbuliso Uyabhukuqwa,” kwiphepha 5.) Sekunjalo, kunzima ukufumana iinkokeli ezilawula ngokufanelekileyo.
“Siza Kuba Sathini”—Okanye Ngaba Ikho Enye Indlela?
Akumangalisi ke ngoko ukuba abaninzi baye baphelelwa lithemba xa kuthethwa ngokufumaneka kwenkokeli efanelekileyo. Kwamanye amazwe, kubonakala nakakhulu ukuba abantu abakhathali yaye baphelelwe lithemba xa kulixesha lonyulo. UGeoff Hill, intatheli yaseAfrika, wathi: “Kuxhaphakile ukubona abantu bengakhathali okanye bengafuni [ukuvota] xa besazi ukuba abanamandla okuphelisa iinkxwaleko kubomi babo. . . . EAfrika, xa abantu bengavoti, oko akuthethi ukuba banelisekile. Ngokufuthi, kungenxa yokuba befuna uncedo yaye kungekho bani ubakhathaleleyo.” Ngokufanayo, umbhali wemihlathi yamaphephandaba eUnited States wabhala esithi ngokuphathelele unyulo olwalusondele: “Akwaba ebekho umntu ofanelekileyo obenganyulwa.” Wongezelela esithi: “Akakho umntu onjalo. Akasoze abekho. Siza kuba sathini.”
Enyanisweni, ngaba ngokwenene akukho nto abantu abanokuyenza ngaphandle nje kokunyamezela iinkokeli ezingafezekanga? Ngaba isibakala sokuba iinkokeli zabantu ziye azakwazi ukwanelisa iintswelo zabalawulwa bazo kubonisa ukuba asisayi kuze sibe nayo inkokeli efanelekileyo? Akunjalo. Ikho eyona nkokeli ifanelekileyo. Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngale nkokeli ifanelekileyo yoluntu nendlela eya kunceda ngayo izigidi zabantu beemvelaphi ezahlukahlukeneyo—kuquka nawe.
[Imifanekiso ekwiphepha 3]
Emntla ekhohlo: UNeville Chamberlain
Emntla ekunene: ULeopold Amery
Ezantsi: UWinston Churchill
[Inkcazelo]
Chamberlain: Photo by Jimmy Sime/Central Press/Getty Images; Amery: Photo by Kurt Hutton/Picture Post/Getty Images; Churchill: The Trustees of the Imperial War Museum (MH 26392)