Ngaba Unayo “Inkululeko Yokuthetha”?
ABANTU abangaphezu kwezigidi ezithandathu kumazwe angama-235 banandipha oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘yinkululeko yokuthetha.’ Eli binzana livela izihlandlo ezili-16 kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. (Filipi 1:20; 1 Timoti 3:13; Hebhere 3:6; 1 Yohane 3:21) Ibandakanya ntoni “inkululeko yokuthetha”? Yintoni esincedayo ukuze siyifumane? Ziziphi iinkalo zonxibelelwano ezisivumelayo ukuba sibe nenkululeko yokuthetha?
Ngokutsho kweVine’s Expository Dictionary of Old and New Testament Words, igama lesiGrike elithi “inkululeko yokuthetha” libhekisela “ekuthetheni ngokukhululekileyo, ukuthetha ungagogotye nto, . . . ukuthetha ngenkalipho; ngenxa yoko eli binzana alisoloko libhekisela ekuthetheni, libhekisela ekuzithembeni, ekubeni nenkalipho okanye isibindi.” Noko ke, oku kuthetha ngokuphandle akubhekiseli kumntu othetha nje engacinganga okanye okrwada. “Amazwi enu makasoloko ekholekile,” itsho njalo iBhayibhile. (Kolose 4:6) Ukuthetha ngokukhululekileyo kubandakanya ukusebenzisa ubuchule kwangaxeshanye ungoyiki ukuthetha kuba ujamelene nemeko ebuhlungu okanye usoyika umntu.
Ngaba ilungelo lokuthetha ngokukhululekileyo sizalwa sinalo? Phawula oko umpostile uPawulos wakubhalela amaKristu ase-Efese. Wathi: “Mna mntu ungaphantsi nakoyena mncinane kubo bonke abo bangcwele, ndanikwa obu bubele bungasifanelanga, ukuze ndivakalise kuzo iintlanga iindaba ezilungileyo ezingobutyebi obungenakuqondwa bukaKristu.” UPawulos wahlabela mgama wathi kungenxa kaYesu Kristu le nto siye “saba nale nkululeko yokuthetha nokusondela ngentembelo ngalo ukholo lwethu kuye.” (Efese 3:8-12) Ukuthetha ngokukhululekileyo asilolungelo sizalwa nalo koko silifumana kuba sinolwalamano noYehova uThixo, olusekelwe ekubeni nokholo kuYesu Kristu. Makhe sibone ukuba yintoni enokusinceda sifumane le nkululeko nendlela esinokuyibonakalisa ngayo xa sishumayela, sifundisa naxa sithandaza.
Yintoni Esinceda Sishumayele Ngenkalipho?
UYesu Kristu ngowona mzekelo ubalaseleyo womntu owayethetha ngokukhululekileyo. Inzondelelo awayenayo yamqhubela ekubeni axhakamfule onke amathuba okushumayela. Enoba wayephumle, emenyelwe ukutya kwikhaya elithile okanye ehamba endleleni, wayesebenzisa elo thuba athethe ngoBukumkani bukaThixo. Ukugculelwa okanye ukuchaswa ngokuphandle akuzange kumvale umlomo uYesu. Kunoko, wazibhenca ngenkalipho iinkokeli zonqulo zexesha lakhe. (Mateyu 23:13-36) Naxa wabanjwayo waza wasiwa ematyaleni, uYesu wathetha ngenkalipho.—Yohane 18:6, 19, 20, 37.
Nabapostile bakaYesu babethetha ngokuphandle njengaye. NgePentekoste yowama-33 C.E., uPetros wathetha ngokukhululekileyo phambi kwesihlwele sabantu abangaphezu kwama-3 000. Okubangel’ umdla kukuba, kwixeshana nje elingephi ngaphambi koko, woyika xa wabonwa sisicakazana. (Marko 14:66-71; IZenzo 2:14, 29, 41) Xa barhuqelwa phambi kweenkokeli zonqulo, uPetros noYohane abazange boyike. Ngaphandle kokuthingaza, banikela ubungqina ngenkalipho ngokuphathelele uYesu Kristu ovusiweyo. Eneneni ukuthetha kukaPetros noYohane ngokuphandle, kwabangela ukuba iinkokeli zonqulo ziphawule ukuba bebefudula bekunye noYesu. (IZenzo 4:5-13) Yintoni eyabangela ukuba bathethe ngenkalipho ngolo hlobo?
UYesu wayethembise abapostile bakhe wathi: “Xa beninikela, ningaxhaleli ukuba niya kuthetha njani na okanye ntoni na; kuba niya kuyinikwa ngelo lixa into eniya kuyithetha; kuba asinini abathethayo, kodwa ngumoya kaYihlo othetha ngani.” (Mateyu 10:19, 20) Umoya oyingcwele wanceda uPetros nabanye ukuba bayeke ukungazithembi okanye ukoyika nto leyo yayinokubenza bangakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo. Loo moya unokusinceda nathi.
Kwakhona, uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba benze abafundi. Oku kwakufanelekile kuba linikwe Yena “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” Yaye ‘unabo.’ (Mateyu 28:18-20) Ukwazi ngaloo nkxaso kaYesu kwakubenza babe nesibindi abafundi xa bephambi kwabalawuli ababezimisele ukubathintela ekushumayeleni. (IZenzo 4:18-20; 5:28, 29) Kunokuba njalo nakuthi.
Echaza esinye isizathu sokuthetha ngokukhululekileyo, uPawulos wanxulumanisa ithemba ‘nenkululeko enkulu yokuthetha.’ (2 Korinte 3:12; Filipi 1:20) Ngenxa yendlela esasixabiseke ngayo isigidimi sethemba, amaKristu ayengakwazi ukungathethi ngaso kwabanye. Eneneni, ithemba esinalo lisenza sibe nenkululeko yokuthetha.—Hebhere 3:6.
Ukushumayela Ngenkalipho
Sinokushumayela njani ngenkalipho kwanaxa sisebunzimeni? Cinga ngomzekelo kampostile uPawulos. Ngoxa wayesentolongweni eRoma, wacela abo wayekholwa kunye nabo ukuba bamthandazele ukuze ‘anikwe amandla okuthetha ekuvuleni kwakhe umlomo, ukuze athethe ngenkalipho njengoko efanele kukuthetha njalo.’ (Efese 6:19, 20) Ngaba loo mithandazo yaphendulwa? Ewe! Ngoxa wayesentolongweni uPawulos waqhubeka ‘eshumayela ubukumkani bukaThixo ngeyona nkululeko yokuthetha inkulu, ngaphandle kwesithintelo.’—IZenzo 28:30, 31.
Ukunikela ubungqina emsebenzini, esikolweni okanye xa useluhambeni kunokuba lucelomngeni. Iintloni, ukungaqiniseki ngentsabelo esiya kuyifumana okanye ukungazithembi kunokusithintela ekunikeleni ubungqina. Kwakhona, umpostile uPawulos usimisela umzekelo omhle kule nkalo. Wabhala wathi: “UThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.” (1 Tesalonika 2:2) Ngenxa yokuthembela kwakhe kuYehova, uPawulos wakwazi ukwenza oko kwakungaphaya kwamandla akhe.
USherry wancedwa ngumthandazo ukuze abe nesibindi sokuthetha xa kuvela ithuba lokunikela ubungqina obungacwangciswanga. Ngoxa wayelinde umyeni wakhe ngenye imini, wabona elinye ibhinqa elalilindile nalo. USherry wathi: “Ngenxa yovalo endandinalo, ndathandaza kuYehova ukuba andomeleze.” Wathi xa esondela kweli bhinqa uSherry, kwafika umfundisi waseBhaptizi. Wayengayilindelanga ke le yokudibana nomfundisi. Noko ke, waphinda wathandaza yaye wakwazi ukunikela ubungqina. Walinika incwadi eli bhinqa waza wenza amalungiselelo okubuyela. Xa siwaxhakamfula amathuba okunikela ubungqina, sinokuba nentembelo yokuba uYehova uya kusinceda sikwazi ukuthetha ngenkalipho ukuba sayame ngaye.
Xa Sifundisa
Inkululeko yokuthetha inxulumene ngokusondeleyo nokufundisa. Ngokuphathelele “abo balungiselela kakuhle” ebandleni, iBhayibhile ithi: “Bazizuzela isimo esihle nenkululeko enkulu yokuthetha elukholweni ngokunxibelelene noKristu Yesu.” (1 Timoti 3:13) Into ebangela babe nenkululeko yokuthetha kukuba bayakusebenzisa oko bakufundisa abanye. Ngenxa yoko ibandla liyakhuseleka yaye liyomelela.
Xa sinaloo nkululeko yokuthetha, isiluleko esisidluliselayo siyasebenza yaye kuba lula nokuba samkelwe. Kunokuba abaphulaphuli bacinge ngokungabi ngomzekelo kwalowo udlulisela isiluleko, bakhuthazwa kukubona umzekelo ophilayo waloo nto bayifundiswayo. Le nkululeko yokuthetha ibangela ukuba abo baneemfaneleko zokomoya bakwazi ‘ukulungisa umzalwana wabo’ ngaphambi kokuba angene engxakini. (Galati 6:1) Ngokwahlukileyo koko, umntu ongengomzekelo unokuba mathidala, evakalelwa kukuba akakufanelekeli ukunikela isiluleko. Ukunganikeli isiluleko ngokukhawuleza xa kuyimfuneko kunokuba nemiphumo eyingozi.
Ukuthetha ngenkalipho akuthethi kuthi sifanele sigxeke abanye okanye sibe ngoozwilakhe. UPawulos wabongoza uFilemon “ngothando.” (Filemon 8, 9) Ngokucacileyo esi sibongozo salo mpostile samkeleka. Enyanisweni, umdala ufanele aqhutywe luthando xa eza kunikela naliphi na icebiso!
Kubalulekile ukuba nenkululeko yokuthetha nangamanye amaxesha, kungekuphela nje xa uza kunikela isiluleko. UPawulos wabhalela ibandla laseKorinte wathi: “Ndinenkululeko enkulu yokuthetha kuni. Ndiqhayisa kakhulu ngani.” (2 Korinte 7:4) UPawulos akazange athingaze ekuncomeni abazalwana noodade xa kufanelekile. Uthando lwamshukumisela ekubeni ajonge iimpawu ezintle zamanye amakholwa nangona wayezazi iintsilelo zawo. Nanamhlanje, ibandla lamaKristu liyakheka xa abadala bebancoma ngokukhululekileyo baze babakhuthaze abazalwana noodade.
Ukuze aphumelele ekufundiseni, onke amaKristu afanele abe nenkululeko yokuthetha. USherry okhankanywe ngaphambilana wayefuna ukukhuthaza abantwana bakhe ukuba bashumayele esikolweni. Uthi: “Nangona ndakhulela enyanisweni, ndandingafane ndishumayele esikolweni. Yaye ndandingafane ndinikele ubungqina obungacwangciswanga. Ndazibuza, ‘Ndibamisela umzekelo onjani abantwana bam?’” Oku kwashukumisela uSherry ukuba enze umzamo wokunikela ubungqina ngokungacwangciswanga.
Ewe, abanye bayakuqwalasela oko sikwenzayo yaye bayabona xa singakwenzi oko sikufundisa abanye. Ngoko ke, masizabalazele ukukuqhelisela oko sikufundisa abanye ukuze sibe nenkululeko yokuthetha.
Emthandazweni
Inkululeko yokuthetha ibaluleke nangakumbi xa sithandaza kuYehova. Sinokuzityand’ igila kuYehova ngaphandle kwesiphazamiso sinentembelo yokuba uyayiva imithandazo yethu yaye uya kuyiphendula. Ngaloo ndlela, sinandipha ulwalamano olusondeleyo noBawo wethu osemazulwini. Asifanele sibe mathidala ukuthetha noYehova, sicinge ukuba asibalulekanga. Kuthekani ukuba siziva sinetyala ngenxa yesiphoso esithile okanye isono esiye sasenza size ngaloo ndlela singakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo? Ngaba sinokukwazi ukusondela kuMongami wendalo yonke ngokukhululekileyo?
Isigxina sikaYesu sokuba nguMbingeleli Omkhulu sisinika isizathu esingakumbi sokuthandaza ngokukhululekileyo. KumaHebhere 4:15, 16 sifunda oku: “Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono. Ngoko ke, masisondele sinenkululeko yokuthetha kwitrone yobubele obungasifanelanga, ukuze sizuze inceba, sifumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.” Kuxabiseke kangako ke ukufa kukaYesu nendima yakhe njengoMbingeleli Omkhulu.
Ukuba sizama kangangoko sinako ukuthobela uYehova, sinokuqiniseka ukuba uya kusiphulaphula. Umpostile uYohane wabhala wathi: “Zintanda, ukuba iintliziyo zethu azisigwebeli sohlwayo, sinenkululeko yokuthetha kuye uThixo; yaye nantoni na esiyicelayo siyayamkela kuye, ngenxa yokuba siyayigcina imiyalelo yakhe kwaye siyazenza izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.”—1 Yohane 3:21, 22.
Ukungabi nanto isithintelayo ekuthandazeni kuYehova kuthetha ukuba sinokumxelela nantoni na esifuna ukumxelela yona. Sinokuxelela uYehova izinto ezisixhalabisayo nezisikhathazayo sinethemba lokuba uya kuyiphulaphula imithandazo yethu esiyenza ngokunyaniseka. Kwanokuba siye senza isono esinzulu, asimele sivumele oko kusithintele ekuthandazeni ngokukhululekileyo ukuba siye saguquka ngokunyanisekileyo.
Isipho esingasifanelanga senkululeko yokuthetha sixabiseke ngokwenene. Ngenxa yesi sipho siyakwazi ukuzukisa uThixo kumsebenzi wethu wokushumayela nowokufundisa size sisondele ngakumbi kuye ngomthandazo. ‘Masingayilahli inkululeko yethu yokuthetha, esothi ngayo sihlawulwe umvuzo omkhulu’—umvuzo wobomi obungunaphakade.—Hebhere 10:35.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Umpostile uPawulos wathetha ngenkalipho
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Ukuze siphumelele ekufundiseni kufuneka sibe nenkululeko yokuthetha
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Inkululeko yokuthetha ibalulekile xa sithandaza