IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 7/1 iphe. 31
  • Ukholo Lwakhe Lukhuthaza Abanye

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukholo Lwakhe Lukhuthaza Abanye
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuvuzwa Emva Kokufuna Ixesha Elide
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • “Andizange Ndithandwe Kangaka”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • “Ukholo Ndilugcinile”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Ukusuka Kudandatheko Ukusa Kulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 7/1 iphe. 31

Ukholo Lwakhe Lukhuthaza Abanye

UKUZALWA kwakhe uSilvia ngoDisemba 1992, wayebonakala eyintombazana engumqabaqaba. Kodwa xa wayeneminyaka emibini ubudala, kwafunyaniswa ukuba unecystic fibrosis isifo esinganyangekiyo esibangela ubani abe nengxaki yokuphefumla aze amalungu omzimba wakhe angakwazi ukucola ukutya. Ngenxa yoko, uSilvia utya iipilisi ezingama-36 suku ngalunye, asezele iyeza elithile aze afumane nonyango. Ekubeni imiphunga yakhe isebenza ngomlinganiselo ongama-25 ekhulwini ngaphantsi koqhelekileyo, kufuneka asebenzise ioksijini ngalo lonke ixesha, enoba uphi na.

Unina uTeresa, uthi: “Iyamangalisa indlela uSilvia ahlangabezana ngayo nesi sigulo. Ukwazi kwakhe iZibhalo, kuye kwamnceda wanokholo olomeleleyo. Olu kholo lumenza akwazi ukuhlangabezana nale ntlungu. Usoloko ekhumbula isithembiso sikaYehova somhlaba omtsha, apho kuya kuphiliswa bonke abagulayo.” (ISityhilelo 21:4) Maxa wambi xa intsapho yakowabo idimazekile, uye ayikhuthaze ngoncumo lwakhe. Uye athi kubazali bakhe nakumnakwabo: “Ubomi kwihlabathi elitsha buya kwenza sikulibale konke ukubandezeleka esijamelene nako ngoku.”

USilvia usoloko exelela abanye ngeendaba ezilungileyo zeLizwi likaThixo, ibe abantu athetha nabo baye baphawule ukuba oko kumenza onwabe. Amalungu ebandla lamaKristu akulo eCanary Islands nawo akuvuyela gqitha ukuphulaphula amagqabaza akhe nokumbona enikela iintetho. Emva kokuphuma kwentlanganiso nganye, uSilvia uthanda ukusala ngasemva ukuze ancokole nabazalwana noodadewabo abangamaKristu. Ukuba nobuhlobo kwakhe nokusoloko onwabile kuye kwamenza wathandwa nguye wonke umntu ebandleni.

Uyise uAntonio, uthi: “USilvia usifundisa isifundo esibaluleke kakhulu. Nakuba sineengxaki, ubomi sisipho esivela kuThixo, ibe simele sibuxabise.” NjengoSilvia, sonke thina bakhonzi bakaThixo—abaselula nabakhulileyo—silinde ngolangazelelo ixesha apho ‘kungekho ummi oya kuthi: “Ndiyagula.”’—Isaya 33:24.

[Umfanekiso okwiphepha 31]

USilvia ufunda indinyana yeBhayibhile ngoxa unina exwaye itanki lakhe leoksijini

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share