Kutheni Umele Umazi Umchasi-Kristu?
Kwakudala umpostile uYohane ophefumlelweyo wabhala wathi: “Njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza.” (1 Yohane 2:18) Hayi indlela achukumisa ngayo loo mazwi! Kangangeenkulungwane, abantu bebephonononga intsingiselo yawo. Ngubani umchasi-Kristu? Uza kufika nini? Uza kwenza ntoni ukufika kwakhe?
UKUTYHUBELA iminyaka, baninzi gqitha abantu abaye batyholwa ngokuba ‘ngabachasi-Kristu.’ Phakathi kwabo bakhe batyholwa ngamaYuda, oopopu bamaKatolika, nabalawuli bamaRoma. Ngokomzekelo, wathi akungayi kwimfazwe yomnqamlezo uMlawuli waseRoma uFrederick II (1194-1250) uPopu Gregory IX wathi ungumchasi-Kristu waze wamsika. UInnocent IV, owangena ezihlangwini zikaGregory naye waphinda wamsika. Esabela koko, naye uFrederick watyhola uInnocent ngokuba ngumchasi-Kristu.
Umpostile uYohane kuphela kombhali weBhayibhile osebenzise igama elithi “umchasi-Kristu.” Kwileta ezimbini ezibizwa ngaye, eli gama livela izihlandlo ezihlanu, likwimo yesinye nesininzi. Iindinyana elivela kuzo eli gama zidweliswe kwibhokisi ekwiphepha elilandelayo. Ezi ndinyana zenza kucace ukuba umchasi-Kristu lixoki nomkhohlisi, ozimisele ukonakalisa ulwalamano lomntu noKristu noThixo. Ngenxa yoko, lo mpostile wabongoza amanye amaKristu esithi: “Zintanda, musani ukuwakholelwa onke amazwi aphefumlelweyo, kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone enoba aphuma kuThixo kusini na, kuba kuye kwavela abaprofeti bobuxoki abaninzi ehlabathini.”—1 Yohane 4:1.
NoYesu walumkisa ngabakhohlisi okanye abaprofeti bobuxoki, esithi: “[Baya] kuza kuni ngezambatho zeegusha, kodwa ngaphakathi beziingcuka eziqwengayo. Nobaqonda ngeziqhamo zabo [okanye, imisebenzi yabo].” (Mateyu 7:15, 16) Ngaba uYesu wayelumkisa abalandeli bakhe ngomchasi-Kristu wokomfuziselo? Makhe sibone indlela esinokumbona ngayo lo mkhohlisi ukhohlakeleyo.