Yiyiphi Eyona Nto Ibalulekileyo Ebomini Bakho?
UKENNY wayesebenza kwinkampani ephambili yentengiselwano, ehamba ngomgrugra ongayiwayo wemoto, yaye enendlu yodidi kwindawo yezigwili zesixeko esikhulu. Njengengcungela etsiba kwinqwelo-moya indande esibhakabhakeni, wayethanda ukundiz’ emoyeni ngaphaya kwamawaka emitha ukusuka emhlabeni. Ngaba waziva anelisekile koku? Ngokutsho kwephephandaba iThe Wall Street Journal, wathi: “Sendineminyaka engama-45 ubudala, kodwa andikaliboni kakuhle ikamva lam . . . Ubomi endibuphilayo abunanjongo.”
UElyn wazibhokoxa efuna ukugqwesa kwabo batyibiliza emkhenkceni. Eneneni ade azaliseka amaphupha akhe. Walufumana olo dumo wayelufuna. Kodwa wakhala esithi: “Luphi kanti olu lonwabo ndandikhangele phambili kulo? Ndaziva ndililolo. Ndabona ukuba ndiza kugqibela ngokwaluphala, ibe ngoxa ndimi kakuhle epokothweni, ubomi abuyi kuba nanjongo tu ukuba yiloo nto kuphela umntu ayiphilelayo.”
UHideo owayedume ngobuchule bakhe bokusebenzisa imibala, wachitha ubomi bakhe kobu bugcisa. Akazange azithengise ezo zinto zobugcisa wayezenza, evakalelwa kukuba ukuzithengisa kuya kusingela phantsi umgangatho nexabiso lomsebenzi wakhe. Wathi sele eza kufa eneminyaka engama-98 ubudala, wanikela ngenkoliso yezo zinto zobugcisa kwenye imyuziyam. Wachitha ubomi bakhe bonke kuloo umsebenzi wobugcisa. Sekunjalo akazange aneliseke, evakalelwa kukuba akanakuze abe nexesha elaneleyo lokusulungekisa loo msebenzi wakhe.
Bakho nabantu abazibhokoxayo benceda abanye. Ngokomzekelo, cinga ngomphathi othile weefilimu zaseHollywood. Ekubeni wayelisekela-mongameli kwenye yeenkampani ezinkulu zeefilimu zaseUnited States, wayenxulumana nabantu abadumileyo yaye ehlala kwindawo yezigwili. Ngoxa wayeye kubethwa ngumoya eKhambodiya, kweza kuye ntombazana ithile yacela imali njengoko wayesitya kwivenkile yokudlela ePhnom Penh. Wayipha idola nesiselo esibandayo. Le ntombazana yavuyiswa koko. Kodwa, kubusuku obulandelayo yayiphinde yalapho, ize kungqiba. Waqonda ukuba kufuneka okungaphezu koko wayekwenzile.
Kunyaka olandelayo, esi sihandiba sawutshintsha umsebenzi waso—salahla kolo shishino lweziyolo saya kunceda amahlwempu eKhambodiya. Saseka isikolo esineendawo zokuhlala, zokutyela nezokufundisa. Sekunjalo, sihlala sivuyiswa size saneliswe koko sikuphumezayo ngoxa kwangaxeshanye sixakaniswa lunxunguphalo olubangelwa kukwanda kweengxaki esimele sihlangabezane nazo.
Bobane aba bantu bachazwe apha babecinga ukuba bayayazi eyona nto bayifunayo ebomini. Sekunjalo, babesavakalelwa kukuba ubomi abunanjongo nasemva kokuba bewafezile amaphupha abo ababewasebenzele nzima. Yintoni wena oyiphilelayo? Yiyiphi eyona nto ibalulekileyo kubomi bakho? Ngaba uqinisekile ukuba akuyi kuzisola kamva ngendlela ophila ngayo ngoku?