IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 1/1 iphe. 25
  • UBawo Ongenakuthelekiswa Nanto

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UBawo Ongenakuthelekiswa Nanto
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova NguTata Wethu Osithanda Nyhani
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Indlela Yokuba Ngutata Olungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ngaba UYehova Umjonga NjengoYihlo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • ‘UNyana Uthanda Ukumtyhila UYise’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 1/1 iphe. 25

Sondela KuThixo

UBawo Ongenakuthelekiswa Nanto

Mateyu 3:16, 17

“UBAWO.” Ambalwa amazwi achukumisa iimvakalelo ezinzulu ebantwini. UBawo obathanda ngokwenene abantwana bakhe uyabanceda ukuba baphumelele ebomini. Ngesizathu esivakalayo, iBhayibhile ithetha ngoYehova uThixo ‘njengoBawo.” (Mateyu 6:9) UnguBawo onjani uYehova? Ukuze siphendule loo mbuzo, makhe sihlalutye amazwi awathethwa nguYehova xa kwakubhaptizwa uYesu. Kaloku, indlela ubawo athetha ngayo nabantwana bakhe kudiza uhlobo lomzali alulo.

Malunga no-Oktobha 29 C.E., uYesu waya kubhaptizwa kuMlambo iYordan. IBhayibhile isixelela okwenzekayo: “Emva kokuba ebhaptiziwe uYesu ngoko nangoko wenyuka emanzini; yaye, khangela! amazulu avuleka, waza wabona umoya kaThixo usihla njengehobe phezu kwakhe. Khangela! Kwakukho ilizwi eliphuma emazulwini lisithi: ‘Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.’”a (Mateyu 3:16, 17) Ekubeni inguYehova ngenkqu owathetha la mazwi othando, asixelela lukhulu ngohlobo loBawo alulo. Qwalasela izinto ezintathu uYehova awazithetha kuNyana wakhe.

Okokuqala, xa wayesithi “lo nguNyana wam,” uYehova wayethetha ukuthi ‘Ndinelunda ngokuba nguYihlo.’ Ubawo osezingqondweni wenza abantwana bakhe bazive bekhathalelwe. Mntwana ngamnye ufuna ukuqinisekiswa ukuba uyathandwa yaye uyaxatyiswa. Unokuyithelekelela indlela uYesu—nakuba wayesele eyindod’ endala—amele ukuba wavakalelwa ngayo ngaloo mazwi kaYise!

Okwesibini, xa wayesithi kuNyana wakhe ‘uyintanda,’ wayebonisa ekuhleni indlela amthanda ngayo uYesu. Ngamanye amazwi, lo Bawo wayesithi, ‘Ndiyakuthanda.’ Ubawo olungileyo uyabaxelela abantwana bakhe ukuba ubathanda ngokunzulu. Xa la mazwi ephelekwa zizenzo zothando anceda abantwana baphumelele. Hayi indlela amele ukuba wachukumiseka ngayo uYesu ukuva uYise esithi uyamthanda!

Okwesithathu, ngokuthi “Endikholisiweyo nguye,” uYehova wayebonisa ukuba uyakholiswa nguNyana wakhe. Kwakungathi uYehova wayesithi, ‘Nyana, indikholisile le nto uyenzileyo.’ Ubawo onothando ukhangela amathuba okwazisa abantwana bakhe ukuba uyakholiswa zizinto abazithethayo okanye abazenzayo. Abantwana bayazithemba xa besazi ukuba bayabakholisa abazali babo. Ngokuqinisekileyo kumele ukuba kwamkhuthaza uYesu ukuva uYise esithi uyakholiswa nguye!

Enyanisweni, uYehova nguBawo ongenakuthelekiswa nanto. Ngaba uyakulangazelela ukuba nobawo onjalo? Ukuba kunjalo, unokuthuthuzelwa kukwazi ukuba unako ukuba nolwalamano olunjalo noYehova. Ukuba ufunda ngaye uze uzame ukwenza ukuthanda kwakhe, uza kusondela kuwe. IBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Yintoni ke enokwenza uzive unqabisekile, ngaphezu kokusondela kuYehova uThixo, uBawo ongenakuthelekiswa nanto?

[Umbhalo osemazantsi]

a Ingxelo ehambisana nale ekwiVangeli kaLuka, uYehova usebenzisa isimela-bizo sobuqu esithi “wena.”—Luka 3:22.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share