Isizathu Sokuba IBhayibhile Ibe Luncedo Kumhla Wethu
“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo yaye sinokuba luncedo. . . ekukhokeleni abantu.”—2 TIMOTI 3:16, The Jerusalem Bible.
UKUTYHUBELA iinkulungwane, iBhayibhile iye yatshintsha ubomi babantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Isibhalo esicatshulwe ngasentla sichaza isizathu sokuba iBhayibhile iphumelela—kaloku ubulumko bayo buvela kuThixo. IBhayibhile iqulethe iingcamango zikaThixo nangona ibhalwe ngabantu. IBhayibhile ngokwayo ithi: “Abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.”—2 Petros 1:21.
IBhayibhile iluncedo ubuncinane ngezi ndlela zimbini. Okokuqala, ichaza eyona nto yenza ubomi bube bhetele. Okwesibini, iyakwazi ukwenza abantu benze iinguqu ukuze babufumane obu bomi bubhetele. Makhe sizihl’ amahlongwane ezi ndlela zimbini.
Ukuqonda Usukelo Olufanelekileyo
EBhayibhileni uThixo uyasithembisa: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” (INdumiso 32:8) Phawula ukuba uThixo akakucebisi nje kuphela kodwa ukunika nokuqonda, ubuchule bokubona oyena nobangela wezinto. Ukuziqonda kakuhle ezona zinto zibalulekileyo kuya kusinceda singachith’ ixesha sisukela izinto ezingabalulekanga.
Ngokomzekelo eyona nto ifunwa ngabantu abaninzi ludumo nobutyebi. Iincwadi ezininzi zinentaphane yamacebiso okugqwesa abanye ukuze ufumane udumo okanye ubutyebi. Kodwa yona iBhayibhile ithi: “Ukusukuzana omnye nomnye . . . kungamampunge nokusukelana nomoya.” “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere.” (INtshumayeli 4:4; 5:10) Ngaba elo cebiso liyasebenza namhlanje?
Indlela esiluncedo ngayo isiluleko seBhayibhile inokubonwa kumzekelo ka-Akinori, waseJapan. UAkinori wafikelela usukelo awayezibekele lona lokugqwesa eyunivesithi aze afumane umsebenzi kumzi-mveliso odumileyo. Izinto zazibonakala zimhambela kakuhle. Noko ke impumelelo yakhe ayizange imenze onwabe ngendlela awayeyilindele. Kunoko impilo yakhe yaba buthathaka ngenxa yoxinezeleko nokudinwa. Abahlobo bakhe emsebenzini babengamncedi. Ukudandatheka kwamenza waba likhoboka lotywala kangangokuba wade wacinga nokuzibulala. Kodwa ke waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Izinto awazifundayo zayitshintsha indlela awayezijonga ngayo izinto ezibalulekileyo ebomini. Kungekudala wayeka ukuguliswa luxinezeleko. Kunokuba aqhutywe likratshi nangamabhongo, uAkinori wazibonela ngokwakhe ubunyaniso bomzekeliso weBhayibhile othi: “Intliziyo eseluxolweni iwenza uphile umzimba.”—IMizekeliso 14:30, The Holy Bible—New International Version.
Wena ucinga ukuba yintoni eyona nto ebalulekileyo omele uyifune ebomini? Yintoni eyona nto ucinga ukuba uya konwaba xa uyifumene? Ngaba ngumtshato owonwabileyo? Okanye ngaba kukulungiselela abantwana bakho ikamva elihle? Ukuba nabahlobo abaninzi? Ulonwabo? Kuhle ukuba nezi zinto. IBhayibhile ide isikhuthaze ukuba sizifune nangona ingathi zizo ezona zinto zibalulekileyo ebomini. IBhayibhile ichanile xa isithi eyona nto ifunekayo ebomini yile: “Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.” (INtshumayeli 12:13) Ubomi bethu abubi nanjongo yaye asonwabi xa singayenzi le nto. Kwelinye icala iBhayibhile iyasiqinisekisa isithi: “Unoyolo okholosa ngoYehova.”—IMizekeliso 16:20.
Indlela IBhayibhile Ebutshintsha Ngayo Ubomi Babantu
Umpostile uPawulos wathi: “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.” Likwazi ukuphengulula ezona ngcinga neentshukumisa ezinzulu zomntu ngokungathi zisikwa likrele elintlangothi mbini. (Hebhere 4:12) IBhayibhile inamandla okutshintsha ubomi babantu kuba ibenza bakwazi ukuzibona eyona nto bayiyo, kungekhona le bacinga ukuba bayiyo. Loo nto yenza abantu abanyanisekileyo baqonde ukuba kufuneka batshintshe. Ngokomzekelo, uPawulos wathi ngamaKristu ebandla laseKorinte lamandulo awayekade engamasela, enxila, ekrexeza yaye esenza nezinye izinto ezimbi: “Abanye kuni babenjalo kanye. Kodwa niye nahlanjwa nahlambuluka. . . ngomoya kaThixo wethu.” (1 Korinte 6:9-11) Umoya oyingcwele kaYehova uyasebenza yaye usenamandla nanamhlanje ibe unokubatshintsha abantu.
UMario waseYurophu wayeyindoda elwalungafakwa kuyo, etshaya intsangu kwaye enye eyithengisa. Ngenye imini wabetha ipolisa elahlutha intsangu yakhe waza wabetha nemoto yalo. Kwelinye icala uMario wayengasebenzi yaye enamatyala amaninzi. Wathi xa ebona ukuba wayengenakukwazi ukuzicombulula ngokwakhe iingxaki zakhe, wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Njengoko uMario wayesenza inkqubela, wayilungisa inkangeleko yakhe, wayeka ukusebenzisa nokuthengisa iziyobisi waza wayeka nokuba ngumnqayi ulambile. Abantu abaninzi ababeyazi indlela awayephila ngayo ngaphambili babemangaliswe kakhulu yindlela awatshintsha ngayo. Babemmisa endleleni baze bambuze besithi, “Nguwe nyhani lo Mario?”
Yintoni eyenze abantu abanjengoAkinori noMario baguqula ubomi babo baza bafumana ulwaneliseko novuyo lokwenene? Kucacile ukuba lulwazi lwabo olutsha ngoThixo abalufumene ngokufunda iBhayibhile. NguThixo kuphela onokusifundisa izinto ezinokusinceda siphumelele ebomini size sibe nethemba lokuphila ubomi obungunaphakade kwilixa elizayo. UYehova uThixo uthetha nathi eBhayibhileni njengoTata esithi: “Yiva, nyana wam, uze wamkele amazwi am. Iya kwandula ke ibe mininzi iminyaka yobomi bakho. . . . Ekuhambeni kwakho, amanyathelo akho akayi kuxinana; nokuba uyabaleka, akuyi kukhubeka. Bamba ingqeqesho; musa ukuyiyeka. Yilondoloze, kuba yona ibubomi bakho.” (IMizekeliso 4:10-13) Liliphi icebiso elibhetele kunelo lithi masifune ukhokelo loMdali wethu?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]
Amacebiso Aluncedo Namhlanje
IBhayibhile inemigaqo eluncedo enokusikhokela ebomini bethu namhlanje. Nantsi eminye imizekelo:
• Ukuba sibe nobuhlobo obuhle nabanye abantu
“Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo; oku, enyanisweni, koko kuthethwa nguMthetho nabaProfeti.”—Mateyu 7:12.
“Kuba lowo uziphatha njengomncinane phakathi kwenu nonke nguye omkhulu.”—Luka 9:48.
“Landelani ikhondo lokubuk’ iindwendwe.”—Roma 12:13.
• Ukoyisa imikhwa emibi
“Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.”—IMizekeliso 13:20.
“Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu.”—IMizekeliso 23:20.
“Musa ukuba liqabane lakhe nabani na onomsindo.”—IMizekeliso 22:24.
• Ukuqinisa umtshato wakho
“Ngoko ke, ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe njengoko ezithanda; ke yena umfazi, makabe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.”—Efese 5:33.
“Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo. Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa.”—Kolose 3:12, 13.
• Ukuqeqesha abantwana
“Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo; naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.”—IMizekeliso 22:6.
“Nani, boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.”—Efese 6:4.
• Ukuphepha iingxabano
“Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.”—IMizekeliso 15:1.
“Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.”—Roma 12:10.
Nkqu nabahlobo banokukuphepha ukuxabana ngemali xa bezibhala phantsi izivumelwano zabo. Ngenxa yoko umkhonzi kaYehova uYeremiya wabhala wathi: “Ndabhala uxwebhu, ndancamathelisa itywina ndaza ndathabatha amangqina njengoko ndandilinganisa imali ezikalini.”—Yeremiya 32:10.
• Ukuhlakulela isimo sengqondo esifanelekileyo
“Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, . . . nezithandekayo, . . . nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.”—Filipi 4:8.
IBhayibhile iyakugxeka ukuhlala ucinga ngezinto ezingakhiyo yaye iyabagxeka ‘abantu abambombozelayo.’ Ithi: “Yibani nemihlali ngalo ithemba.”—Yude 4, 16; Roma 12:12.
Ukusebenzisa le migaqo akuyi kusinceda nje sibe seluxolweni yaye sanele kodwa kuya kusinceda sifikelele imilinganiselo kaThixo size sifumane intsikelelo yakhe. IBhayibhile ithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
UAkinori xa wayengusomashishini (ekhohlo) yaye eshumayela inyaniso yeBhayibhile kunye nomfazi wakhe namhlanje