Imibuzo Yabafundi . . .
Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayaphilisa?
▪ AmaNgqina kaYehova akazange akha aphilisa abantu. NjengoYesu, akholelwa ukuba athunywe ukushumayela iindaba ezilungileyo ngoBukumkani bukaThixo. Kwakhona akholelwa ukuba amaKristu okwenene akabonakali ngokuphilisa kodwa abonakala ngento ebaluleke nangakumbi.
Ewe kona, kuthetha lukhulu ukuphiliswa kwabantu nguYesu Kristu ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. Wayeqinisekisa abantu ukuba xa enguKumkani woBukumkani bukaThixo “akakho ummi. . . . oya kuthi: “Ndiyagula.”—Isaya 33:24.
Kuthekani namhlanje? Ezicaweni kukho abantu abathi bayakwazi ukuphilisa abanye. Kodwa ke uYesu walumkisa ngabantu ababeza ‘kwenza imimangaliso emininzi’ egameni lakhe. Wayeza kuthi kubo: “Andizange ndinazi! Mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho!” (Mateyu 7:22, 23) Ngaba abaphilisi banamhlanje basikelelwa nguThixo?
Khawuve ukuba ithini iBhayibhile ngokuphilisa okwakusenziwa nguYesu. Ukuthelekisa oko kuthethwa ziZibhalo neendlela abaphilisa ngazo abantu namhlanje kunokusinceda sibone enoba baxhaswa nguThixo kusini na.
UYesu wayengaphilisi abantu ukuze afumane abalandeli. Kunoko waphilisa abantu abaninzi ngasese. Amaxesha amaninzi wayexelela abantu abaphilisileyo ukuba bangaxeleli abanye ukuba baphiliswe nguye.—Luka 5:13, 14.
UYesu wayebaphilisa simahla abantu. (Mateyu 10:8) Kwaye asikho isifo awayengakwazi kusiphilisa. Bonke abantu abagulayo ababesiza kuye babephiliswa yaye ukuphiliswa kwabo kwakungaxhomekeki kukholo lwabo. (Luka 6:19; Yohane 5:5-9, 13) UYesu wade wavusa nabafileyo!—Luka 7:11-17; 8:40-56; Yohane 11:38-44.
Nakuba wenza loo mimangaliso, uYesu wayengayisebenzisi ukuze aguqule abantu. Kunoko, owona msebenzi wakhe uphambili yayikukuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. UYesu waqeqesha abalandeli bakhe ukuba bafundise abanye ngethemba lokufumana impilo egqibeleleyo xa kulawula uBukumkani bukaThixo.—Mateyu 28:19, 20.
Siyavuma ukuba ngenkulungwane yokuqala babekho abalandeli bakaYesu ababekwazi ukuphilisa kodwa ke ezo ziphiwo zaziza kuphela. (1 Korinte 12:29, 30; 13:8, 13) Namhlanje amaKristu okwenyaniso akabonwa ngokukwazi ukuphilisa kunoko abonwa ngothando lokuzincama. (Yohane 13:35) Ukuphilisa kwanamhlanje akukwazanga ukumanyanisa abantu beentlanga neemvelaphi ezahlukeneyo ukuze babe bangamaKristu okwenene anothando.
Noko ke, likho iqela lamaKristu elimanyaniswe luthando oluwenza angafuni ukwenzakalisana okanye ukwenzakalisa abanye abantu nangamaxesha emfazwe. Ngoobani abo? NgamaNgqina kaYehova. Aziwa ehlabathini lonke ngokuthandana. Kungummangaliso ukumanyanisa abantu beentlanga, izizwe neenkcubeko ezahlukeneyo yaye ngumoya oyingcwele kaThixo kuphela okwaziyo ukuyenza loo nto. Kutheni ungakhe uye enkonzweni yamaNgqina ukuze uzibonele?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ngaba abaphilisi banamhlanje (ababoniswe ekunene) baxhaswa nguThixo?