IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/03 iphe. 1
  • ‘Kuvulele Ithuba’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Kuvulele Ithuba’
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • Lisebenzise Kakuhle Ixesha Onalo Njengomntu Ongatshatanga
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ukungatshati Kuyindlela Yobomi Enomvuzo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Xa Ukungatshati Kusisiphiwo
    Vukani!—1995
  • Ukungatshati—Umnyango Okhokelela Kwinkonzo Engenaziphazamiso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
km 4/03 iphe. 1

‘Kuvulele Ithuba’

1 Ngasihlandlo sithile, xa wayethetha nabafundi bakhe ngomtshato, uYesu wathi ukuhlala ungatshatanga ‘sisiphiwo.’ Wandula ke wathi: “Lowo unako ukukuvulela ithuba makakuvulele ithuba.” (Mat. 19:10-12) Kwiminyaka ethile kamva, umpostile uPawulos wabhala ngeengenelo zokungatshati ekhuthaza abanye ukuba balandele umzekelo wakhe wokuhlala engatshatanga. (1 Kor. 7:7, 38) Abaninzi namhlanje baye ‘bakuvulela ithuba’ ukuhlala bengatshatanga yaye banandipha iingenelo zako. Ziziphi ezinye zezo ngenelo?

2 Ukukhonza ‘Ngaphandle Kokuphazanyiswa’: UPawulos waqonda ukuba ukungatshati kwakumvulela ithuba lokukhonza uYehova ‘ngaphandle kokuphazanyiswa.’ Ngokufanayo namhlanje, umzalwana ongatshatanga unokufaka isicelo sokuya kwiSikolo Sokuqeqeshela Ubulungiseleli, yaye umntu ongatshatanga ngokuqhelekileyo ngoyena ukukhululekele ngakumbi ukuba kwinkonzo yobuvulindlela, ukufunda olunye ulwimi, ukufudukela apho imfuneko inkulu khona, ukukhonza eBheteli, okanye ukufumana amanye amalungelo akhethekileyo enkonzo. Usenokuba namathuba angakumbi okwenza ufundisiso lobuqu olunentsingiselo, okucamngca nokuthandaza kuYehova ngokusuk’ entliziyweni. Ngokuqhelekileyo umntu ongatshatanga unexesha elaneleyo lokunceda abanye. Zonke ezo zinto zizisa ‘iingenelo zobuqu.’—1 Kor. 7:32-35; IZe. 20:35.

3 Ukukhonza uThixo ngaphandle kweziphazamiso kuzisa iintsikelelo. Emva kweminyaka engama-27 eseKenya, omnye udade ongatshatanga wabhala: “Ndandinabahlobo abaninzi yaye ndinomsebenzi omninzi! Sasisenza izinto kunye yaye sityelelana. . . . Ekubeni ndandingatshatanga, ndandikwazi ukusebenzisa loo nkululeko yaye ndikwazi ukuya kushumayela naphi na apho ndifuna ukuya khona, ibe oku kuye kwandonwabisa kakhulu.” Walek’ umsundulo wathi: “Kule minyaka idluleyo ubuhlobo bam noYehova buye bakhula.”

4 Kuvulele Ithuba: UYesu wathi sifanele sihlakulele isiphiwo sokungatshati “ngenxa yobukumkani bamazulu.” (Mat. 19:12) Njengaso nasiphi na isipho, ukungatshati kufanele kusetyenziswe kakuhle ukuze kuvuyise yaye kube yingenelo. Ngokusebenzisa amathuba abangelwa kukungatshati nangokwayama ngoYehova ukuze bafumane ubulumko namandla, abantu abangatshatanga abaninzi baye bakuqonda ukubaluleka kokusivulela ithuba esi siphiwo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share