IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 4/1 iphe. 12-15
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • IBhayibhile Itshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 4/1 iphe. 12-15

IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu

Yintoni eyashukumisela enye indoda ukuba ibuyele kunqulo eyakhuliselwa kulo? Lamfumana njani elinye ityendyana lo mfana utata elalimfuna ubomi balo bonke? Khawuphulaphule aba bantu njengoko bebalisa.

“Ndandifuna Ukubuyela KuYehova.”—ELIE KHALIL

UNYAKA WOKUZALWA: 1976

ILIZWE: ECYPRUS

UBOMI BANGAPHAMBILI: UNYANA WOLAHLEKO

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO NGAPHAMBILI: Ndazalelwa eCyprus kodwa ndakhulela eOstreliya. Abazali bam ngamaNgqina kaYehova, yaye benza konke okwakusemandleni abo ukubethelela kum uthando ngoYehova neLizwi lakhe, iBhayibhile. Kodwa ke, xa ndandikwishumi elivisayo, ndavukela. Ndandidla ngokuqhwesha ebusuku ndiye kolunye ulutsha. Sasiye sibe izithuthi nto leyo eyayisifaka ezinkathazweni.

Ekuqaleni, ezo zinto ndandizenza ndandizifihla kuba ndingafuni ukukhathaza abazali bam. Kodwa ekuhambeni kwexesha ndayeka ukuboyika. Ndaba nobuhlobo nabantu abadala kunam nababengamthandi uYehova, yaye baba nempembelelo engatshongo khona kum. Ekugqibeleni, ndabaxelela abazali bam ukuba andisafuni kuba nanto yakwenza nonqulo lwabo. Ngomonde bazama ukundinceda, kodwa ndalukhaba ngawo omane olo ncedo. Batyumka iintliziyo.

Emva kokuba ndilishiyile ikhaya, ndaqalisa ukusebenzisa kakubi iziyobisi ndade ndalima nentsangu ukuze ndiyithengise. Ndandiphila ubomi bokuzibhubhisa ndihamba nemijuxuzo yasebusuku. Kwakhona ndaba ngumntu onephuku. Xa umntu ethethe okanye enze into endingayithandiyo, ndandivutha ngumsindo, amaxesha amaninzi ndandibashawuta ndize ndibabethe. Eneneni, ndandisenza kanye ezi zinto endafundiswa ukuba ndingazenzi njengomKristu.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ndaba ngumhlobo osenyongweni nomfo owayesebenzisa kakubi iziyobisi nowaswelekelwa nguyise eselula. Sasikuthanda ukuncokola kude kube sezinzulwini zobusuku. Ngobunye ubusuku wazityand’ igila, endixelela indlela amkhumbula ngayo uyise. Ekubeni ndandikhule ndisazi ukuba likho ithemba lovuko, ndazibona sendimxelela ukuba uYesu—wavusa abantu abaswelekileyo yaye wathembisa ukuba uza kuphinda avuse abantu nakwixesha elizayo. (Yohane 5:28, 29) Ndandidla ngokuthi: “Khawufane ucinge xa sele ubona utata wakho kwakhona. Sonke sesiphila ngonaphakade kumhlaba oyiParadesi.” Loo mazwi ayichukumisa intliziyo yomhlobo wam.

Ngamanye amaxesha, umhlobo wam wayekhe athethe ngemibandela efana nethi imihla yokugqibela okanye imfundiso yoThixo oneziqu ezithathu. Ndisebenzisa iBhayibhile yakhe ndandiye ndimbonise izibhalo ezityhila eyona nyaniso ngoYehova uThixo, uYesu nemihla yokugqibela. (Yohane 14:28; 2 Timoti 3:1-5) Okukhona ndithetha ngoYehova kumhlobo wam, bekuba kokukhona ndicinga ngaye.

Ngokuthe ngcembe, imbewu yenyaniso eyayihleli entliziyweni kodwa ingazange ikhule—leyo abazali bam babezame ngamandla ukuyityala kum—yaqalisa ukuntshula. Ngokomzekelo, xa ndandisemjuxuzweni yaye sizenzela nakwiziyobisi nabahlobo bam, ngequbuliso ndandiye ndicinge ngoYehova. Uninzi lwabahlobo bam babesithi bayamthanda uYehova kodwa izenzo zabo zazingathethi loo nto. Ekubeni ndandingafuni ukufana nabo, ndandisazi ukuba kufuneka ndenze ntoni. Kwakufuneka ndibuyele kuYehova.

Kakade ke, ukwazi oko kufuneka ukwenze nokukwenza zizinto ezimbini ezahlukeneyo. Kum akuzange kube nzima ukuyeka iziyobisi. Kwakhona ndaluqhawula unxulumano nabahlobo bangaphambili, ndaza ndaqalisa ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngumdala ongumKristu.

Kodwa ukwenza olunye utshintsho, kwakunzima. Kwakunzima ngenene ukuwulawula umsindo. Ngamanye amaxesha ndandiye ndiqhube kakuhle kulo mba kangangethuba elithile kodwa ndingazi ukuba kusuke konakala phi ndiphinde ndivukwe likakade. Ndandiye ndibe buhlungu, ndicinga ukuba andenzi ngokwaneleyo. Ndidimazekile, ndandisiya kula mdala wayendifundela. Ngalo lonke ixesha, wayeba nomonde nobubele, wangqineka engumthombo wokhuthazo lokwenene. Ngenye imini wathi mandifunde inqaku elikwiMboniselo elalithetha ngokubaluleka kokunganikezeli.a Sathetha ngamanyathelo endinokuwathatha xa ndinomsindo. Ekuhambeni kwexesha, ndineli nqaku engqondweni nokuqinisa ekuthandazeni kuYehova, ndakwazi ukuwulawula umsindo. Ekugqibeleni, ngoAprili 2000, ndabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Akukho mfuneko yokuba ndichaze indlela abavakalelwa ngayo abazali bam.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ngoku ndinoxolo lwengqondo nesazela esicocekileyo, ekubeni ndisazi ukuba umzimba wam andisawungcolisi ngeziyobisi nangokuziphatha kakubi. Enoba yintoni endiyenzayo, ndiyasebenza, ndiya kwiintlanganiso zamaKristu okanye ndiyazihlaziya ndonwabile. Ndiphila ubomi obunenjongo ngoku.

Ndiyambulela uYehova ngabazali bam, abangazange bandilibale. Kwakhona, ndiye ndicinge ngamazwi kaYesu akuYohane 6:44 athi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” Ndiyachukumiseka xa ndicinga ukuba ndiye ndakwazi ukubuyela kuYehova kuba eye wanditsala kwakhona.

“Ndandinqwenela Ukuba Notata.”—MARCO ANTONIO ALVAREZ SOTO

UNYAKA WOKUZALWA: 1977

ILIZWE: CHILE.

UBOMI BANGAPHAMBILI: NDANDILILUNGU LEQELA ELIDLALA UMCULO ONDLONGONDLONGO

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO NGAPHAMBILI: Ndakhuliswa ngumama ePunta Arenas, isixeko esithandekayo emazantsi encam yoMzantsi Merika. Abazali bam bohlukana xa ndandineminyaka emihlanu ubudala, nto leyo eyandenza ndaziva ndilahliwe. Ndandinqwenela ukuba notata.

Umama wafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, yaye wayedla ngokuya nam kwiintlanganiso zamaKristu kwiHolo yoBukumkani. Noko ke, ndandingakuthandi ukuya kwiintlanganiso, ndandikhala ndide ndigqushalaze ngamanye amaxesha. Xa ndandineminyaka eli-13 ubudala ndayeka ukuya kwiintlanganiso.

Ngelo xesha ndandithanda umculo, yaye ndabona ukuba ndinesiphiwo sawo. Xa ndandineminyaka eli-15 ubudala ndandidlala umculo ondlongondlongo kwimijuxuzo yomculo, kwindawo zentselo nakumatheko amancinane. Ndandibutha neemvumi ezinesiphiwo, ezazindikhuthaza ngakumbi kumculo weklasiki. Ndaqalisa ukufunda umculo kwisikolo sawo esasikwalapha ekuhlaleni. Xa ndandineminyaka engama-20 ubudala ndafudukela kwikomkhulu eSantiago, ukuze ndiqhubeke nezifundo zam. Nalapho ndaqhubeka nomculo.

Lonke eli xesha ndandiziva ndilihamte. Ukuze ndidambise ezo mvakalelo ndandiye ndizitshize ngotywala ndize nditshaye neziyobisi nogxa bam, endandibathatha njengentsapho yam. Ndandinemvukelo, eyayibonakala kwindlela endinxiba nendizilungisa ngayo. Ndandinxiba impahla emnyama, ndinentshebe yaye inwele zazinde zibetha esinqeni.

Izihlandlo ngezihlandlo, ndandisoloko ndisiba kwiingxwabangxwaba ndisophula nomthetho ngenxa yesimo sam sengqondo. Ngenye imini, ndiqhutywa butywala ndahlasela amadoda athengisa iziyobisi awayendisokolisa neetshomi zam. La madoda andibetha andophul’ umhlathi.

Abona bantu bandivisa ubuhlungu ngabo babesondele kum. Ngenye imini ndafumanisa ukuba intombazana endandithandana nayo yayincuma nomhlobo wam osenyongweni, yaye bonke abahlobo bam babeyazi loo nto kodwa bendifihlela. Intliziyo yam yabalihlwili.

Ndabuyela ePunta Arenas, apho ndaqalisa ukufundisa nokudlala umculo. Ndaqhubeka ndidlala yaye ndishicilela umculo namaqela omculo. Ndadibana nembelukazi emanz’ ndonga egama linguSussan saza sahlalisana. Emva kwexesha elithile, uSussan wafumanisa ukuba umama wakhe ukholelwa kwimfundiso yothixo oneziqu ezithathu ndabe mna ndingayikholelwa. Wandibuza ukuba “yiyiphi inyani?” Ndathi kuye ndiyazi ukuba imfundiso yothixo oneziqu ezithathu bubuxoki kodwa andiyazi indlela endinokuyixhasa ngayo ngeBhayibhile. Noko ke, ndandimazi umntu onokukwazi. Ndamxelela ukuba amaNgqina kaYehova anokumbonisa inyaniso eBhayibhileni. Ndenza into endagqibela kudala ukuyenza—ukuthandaza kuThixo ndimcela ukuba andincede.

Emva kweentsuku ezingephi, ndabona indoda endandiyiqhelile ebusweni, ndaza ndayibuza ukuba ayililo na iNgqina likaYehova. Nangona yayibonakala isoyika ngenxa yenkangeleko, yayiphendula kakuhle imibuzo ngokuphathelele iintlanganiso kwiiHolo yoBukumkani. Ndandiqinisekile ukuba le yindlela ophendulwa ngayo umthandazo wam. Ndaya kwiHolo yoBukumkani ndaza ndahlala ngasemva ukuze kungabikho mntu undiqaphelayo. Noko ke, abaninzi bandikhumbula kuba ndandidla ngokuya xa ndandisengumntwana. Bandamkela ngobubele ndaza ndaziva ndiseluxolweni. Kwakungathi ndifike ekhaya. Xa ndabona indoda eyayindifundisa iBhayibhile ndiselula, ndayicela ukuba iphinde ifunde nam kwakhona.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ngenye imini ndafunda iMizekeliso 27:11 ethi: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam.” Kwandichukumisa gqitha ukwazi ukuba umntu ongabalulekanga njengam unokuvuyisa uMdali wendalo yonke. Ndaqonda ukuba uYehova unguTata ebendisoloko ndimfuna ubomi bam bonke!

Ndandifuna ukukholisa uBawo wam wasezulwini nokwenza ukuthanda kwakhe, kodwa ndandiyingedle yeziyobisi nendlamanzi iminyaka. Ndayiqonda imfundiso kaYesu ekuMateyu 6:24, ethi “akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini.” Njengoko kwakunzima ukwenza utshintsho, umgaqo obhalwe kweyoku-1 kwabaseKorinte 15:33 wandibetha eluphondweni xa usithi: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” Ndaqonda ukuba andinakwahlukana nale mikhwa ukuba ndisaqhubeka ndibutha nabantu abenza izinto ezimbi kwiindawo ezingafanelekanga. Sasicace gca isiluleko seBhayibhile: Kwakufuneka ndithabathe amanyathelo angqongqo ukuze ndahlukane nezinto ezazindikhubekisa.—Mateyu 5:30.

Ukwahlukana nomculo ondlongondlongo yayisesona sigqibo kwakunzima ukusenza. Kodwa ngokuncedwa ngabahlobo bam basebandleni, ekugqibeleni ndakwazi ukuphuncuka kuwo. Ndayeka ukuzintyintya ngotywala nokutshaya iziyobisi. Ndazicheba inwele zam neendevu, ndaza ndayeka nokusoloko ndinxibe impahla emnyama. USussan waba nomdla omkhulu wokwazi isizathu ndisakumchazela ukuba ndifuna ukucheba. Wathi: “Ndiza kuhamba nawe siye eHolweni yoBukumkani ukuze ndibone ukuba yintoni le ingaka ngayo!” Wayithanda into awayibona apho, waza ngokukhawuleza naye waqalisa ukufunda iBhayibhile. Ekugqibeleni satshata. Ngowama-2008, sabhaptizwa njengamaNgqina kaYehova. Siyavuya kuba sinqula uYehova nomama.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ndiye ndaphuncula kwihlabathi elibonakala lonwabile nabahlobo abanganyanisekanga. Ndisawuthanda umculo kodwa ngoku ndiyawukhetha. Amava endinawo emculweni ndinceda ngawo amalungu entsapho nabanye, ngokukodwa abo baselula. Ndifuna ukubanceda babone ukuba oko kuveliswa leli hlabathi kusenokubonakala kunomtsalane, kodwa ekugqibeleni ‘yinkunkuma nje.’—Filipi 3:8.

Ndiye ndafumana abahlobo abanyanisekileyo kwibandla lamaKristu, apho kugquba uthando noxolo. Ngaphezu kwako konke, ngokusondela kuYehova ndiye ndaziva ndinoTata.

[Umbhalo osemazantsi]

a Inqaku elithi “Impumelelo Ngenxa Yokuzingisa,” lifumaneka kwinkupho kaFebruwari 1, 2000, iphepha 4-6.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]

“Ndiye ndakwazi ukubuyela kuYehova oye wanditsala kwakhona”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share