IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 3/1 iphe. 3
  • Isizathu Sokuba Sifuna Ukusindiswa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isizathu Sokuba Sifuna Ukusindiswa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Oluza Kupheliswa Ngayo Utshaba Olukukufa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Ngaba Ngokwenene Ukufa Sisiphelo Sethu?
    Vukani!—2007
  • Ukuqwalasela Ezinye Iinkolelo Ngokufa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Yintoni Oyaziyo Ngokufa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 3/1 iphe. 3
Iintyantyambo ezintle eziza kubuna ekugqibeleni

INQAKU ELINGUMXHOLO | UYESU USISINDISA ENTWENINI?

Isizathu Sokuba Sifuna Ukusindiswa

“Umntu ozelwe ngumfazi unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka. Njengentyatyambo uyavela aze anqunyulwe, yaye ubaleka emke njengesithunzi angaqhubeki ekho.”—Yobhi 14:1, 2.

Kwakude kudala, abantu bebecinga ngendlela ebekuya kuba mnandi ngayo ukuhlala bebatsha, yaye besempilweni ngonaphakade. Inyaniso ebuhlungu yile: Siyafa. La mazwi kaYobhi angasentla athethwa kwiminyaka engaphezu kwamawaka amathathu eyadlulayo yaye aseyinyaniso nanamhlanje.

Abantu emhlabeni wonke banqwenela ukuphila ngonaphakade. IBhayibhile isixelela ukuba uThixo watyala ezintliziyweni zethu umnqweno wokuphila ngonaphakade nokuba siyazi loo nto. (INtshumayeli 3:11) Xa kunjalo ke, ngaba ingenzeka into yokuba uThixo onothando abeke umnqweno ongenakuze uphumelele ezintliziyweni zethu? Ukuba impendulo yakho nguhayi, uchan’ ucwethe. ILizwi likaThixo lithi ukufa kulutshaba yaye lithembisa ukuba kuza ‘kutshitshiswa.’—1 Korinte 15:26.

Yinyaniso engenakuphikiswa into yokuba ukufa kulutshaba. Akakho umntu osezingqondweni onokukwamkela. Xa kuvela ingozi, siyaphepha, sizimele okanye sibaleke. Ukanti xa sigula, siye sifune uncedo ukuze siphile. Senza konke okusemandleni ukuze siphephe izinto ezinokusibulala.

Ngaba sinaso isizathu sokukholelwa ukuba olu lutshaba lungaze lutshitshiswe? Ewe sinaso. UMdali, uYehova uThixo, akazange adale abantu ngenjongo yokuba baphile nje ithutyana baze bafe. Ukufa kwabantu kwakungeyonjongo kaThixo ngoxa wayebadala. Wayefuna baphile ngonaphakade emhlabeni, ibe uhlala eyiphumeza injongo yakhe.—Isaya 55:11.

Kuza kupheliswa njani ke ukufa? Ukutyhubela imbali, abantu baye bazama ukulungisa ingxaki yokufa, kodwa boyisakala. Basaqhubeka bezama nakule mihla yethu. Oososayensi baye benza amayeza aye aphelisa izifo. Baye bafunda nendlela umzimba osebenza ngayo. Kwiindawo ezininzi, abantu abaninzi baphila ixesha elide kunokuba kwakunjalo kwikhulu leminyaka eyadlulayo. Sekunjalo, abantu abanakuze bakwazi ukuphelisa ukufa. Kunjengokuba iBhayibhile isithi: “zonke zibuyela eluthulini.”—INtshumayeli 3:20.

Iindaba ezimnandi zezokuba akunyanzelekanga ukuba sixhomekeke kubuchule babantu ukuze silungise le ntsinda badala yengxaki. UYehova uThixo sele elungiselele ukuba sisindiswe ekufeni, ibe oyena mntu uphambili kweli lungiselelo nguYesu Kristu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share