Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngencwadi Ethi Incopho YeSityhilelo
1 Oonyana bakaKora babhala ngoYehova besithi: “Kuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade. Yena uya kusikhokela kude kuse ekufeni.” (INdu. 48:14, NW) Loo madoda athembekileyo akholosa ngokunentembelo ngoYehova, ebuphila ubomi bawo bonke ngokuvisisana nemiyalelo kaThixo. Enjani yona ukuba mihle imizekelo asimisela yona! Abo bakhokelwa nguYehova namhlanje bayahlaziyeka baze bahambe ekukhanyeni. (Isa. 58:11) Bayaliphepha ikhondo lokufa labo balandela “abakhokeli beemfama” bale nkqubo ingendawo yezinto, abakhokelela abalandeli babo “emhadini” wokunxunguphala nokudideka.—Mat. 15:14.
2 Ulwalathiso lobuthixo lubaluleke ngokukhethekileyo namhlanje ekubeni ihlabathi elisingqongileyo liya lisiba leliphixeneyo neliyingozi ngokungakumbi. Abantu abaninzi badidekile yaye bafuna izicombululo ezizisa ulwaneliseko. Ngoko, hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba sibakhuthaze bafunde incwadi ethi Incopho YeSityhilelo! Le mpapasho inikela ukhokelo lobuthixo ngokuchaza iziganeko ezigungqis’ ihlabathi zomhla wethu ekuzalisekiseni iziprofeto zeSityhilelo. Inkcazelo enjalo iyakhulula ekunxunguphaleni ize inikele ulwalathiso olufanelekileyo ngendlela abantu namhlanje abanokuphila ngayo ubomi obukholisa uThixo.
UKUBALASELISA INCWADI ETHI INCOPHO YESITYHILELO
3 Inkalo ebalaseleyo kwincwadi ethi Incopho YeSityhilelo yimifanekiso yayo, eluncedo olukhulu ekufundiseni. Yisebenzise ngokunempumelelo le mifanekiso xa unikela le ncwadi kwinkonzo yasentsimini. Ngokomzekelo, kwiphepha 302 kukho umfanekiso ocacileyo weentsikelelo zoBukumkani. Lo mzobo ungumfanekiso-ngqondweni woko kuthethwe ngako kweyesi-2 kaPetros 3:13 nakwiSityhilelo 21:4, izibhalo ezibini zoMxholo wethu Wencoko.
4 Emva kokuzazisa, sinokuyiqalisa incoko yethu ngokuthi: “Sityelela ukuze sixubushe ngentsingiselo yoko kwenzeka ehlabathini namhlanje. Zimbi iinkokeli zivakalelwa kukuba sisondele kwixesha elitsha loxolo. Ngaba uvakalelwa kukuba oko kunjalo? [Vumela umninimzi aphendule.] Ngoxa oorhulumente besenokubonakala bezicombulula iingxwabangxwaba ezithile zobupolitika, isimo sengqondo sabantu ngakwabanye nogonyamelo oluqhubekayo ngokufuthi zibonakala zingumqobo kwimigudu yabantu yokuzisa uxolo. Noko ke, kweyesi-2 kaPetros 3:13 iBhayibhile isiqinisekisa ngebutho elitsha labantu basemhlabeni abaya kusebenza phantsi korhulumente wasezulwini. [Sifunde isibhalo uze uvule incwadi kwiphepha 302.] Lo ngumfanekiso woko kuthethwa sesi sibhalo. Yintoni ebangela umdla kuwe kulo mfanekiso? [Lindela impendulo.] Ngokuphathelele iimeko eziya kubakho emhlabeni, kwakhona iBhayibhile ithi kwiSityhilelo 21:4 [sifunde esi sibhalo ngokusuka kwiphepha 303, isiqendu 6]. Kwanokufa ngokwako akusayi kuluthintela uxolo oluya kumiselwa nguThixo.” Usenokufumana iintshayelelo ezahlukahlukeneyo ezifanelekileyo kwintsimi yenu kwiphepha 9-15 kwincwadi ethi Ukuqiqa.
5 Nangona sifuna ukubalaselisa iintsikelelo zoBukumkani xa sivakalisa iindaba ezilungileyo, sikwafanele sincede abantu abanomdla ukuba basiqonde isigidimi esingxamisekileyo esavakaliswa nguYesu Kristu kwincwadi yeSityhilelo. Ngoko ke, besingathanda ukuyiqukumbela ingxubusho yethu ngesibongozo esingxamisekileyo ngokuzinikela ekuncedeni abo banyanisekileyo baqonde ukuba ukugwetywa kwale nkqubo nabo bayixhasayo kusemnyango.
6 Iziprofeto ezikwiSityhilelo zingumthombo ohlaziyayo nobangel’ uvuyo. UYehova wolulela isimemo sakhe kubo bonke abantliziyo zinyanisekileyo ukuba balandele ukhokelo lwakhe baze bangenelwe. Masiyinikele ngenzondelelo le ncwadi ithi Incopho YeSityhilelo ukuze bonke abantu babe nokukhokelwa lulwalathiso lukaYehova lobulumko.