Bancede Baqonde
1 Umpostile uPetros wavuma ukuba ezinye zezinto eziseBhayibhileni ‘kunzima ukuziqonda.’ (2 Pet. 3:16) Nabaninzi baye bavakalelwa kanye ngaloo ndlela ngencwadi yeSityhilelo. Noko ke, intsingiselo yayo iye yacaciswa kwincwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! Singabanceda njani abanomdla bangenelwe kuyo?
2 Ukuba ubuxubushe ngeSityhilelo 1:3 kutyelelo lwakho lokuqala, le ngongoma isenokuvuselela umdla:
◼ “Kwixa elidluleyo sixubushe indlela okunokusonwabisa ngayo ukuqonda incwadi yeSityhilelo. Noko ke, olo lonwabo aluzenzekeli. Ubuncinane kufuneka senze izinto ezimbini: Simele sifundisise iBhayibhile, yaye simele sikwenze esikufundayo.” Funda uze ugqabaze ngoYakobi 1:25. Tyhila kwisiqendu 9 kwiphepha 8, uze uchaze indlela ukuqonda incwadi yeSityhilelo okunokusinceda ngayo sifunde ngendlela yokuzuza ulonwabo kwihlabathi elitsha eliyiparadisi.
3 Ukuba ubuxubushe ngoYohane 17:3 kutyelelo lwakho lokuqala, usenokubethelela imfuneko yokuzondla ngolwazi lweBhayibhile ngokuthi:
◼ “Xa bendilapha kwixa elidluleyo, kuYohane 17:3 sifunde ukuba ukuzondla ngolwazi olungoThixo kunokusenza sifumane ubomi obungunaphakade. Kodwa ngaba ubungathanda ukuphila ngonaphakade kwihlabathi elifana neli siphila kulo namhlanje? [Vumela impendulo.] Inkoliso ibingayi kuthanda. Ngenxa yoku, kunokusivuyisa ukuva ngedinga likaThixo.” Tyhila kwisiqendu 6 kwiphepha 303, funda ISityhilelo 21:4, uze ucacise indlela eliya kuba yiyo ihlabathi xa “izinto zangaphambili zidlule.” Mchazele ukuba uza kubuya ukuze nixubushe ngokubhekele phaya.
4 Ukuba ubusebenzise umfanekiso okwiphepha 302 ukuze ubonise ukuba uBukumkani bukaThixo buya kukuphelisa ukubandezeleka, usenokubuyela kwakwelo phepha uze uthi:
◼ “Sixubushe ngeentsikelelo eziboniswe apha eziya kufunyanwa ngabantu xa kulawula uBukumkani bukaThixo. Ucinga ukuba yintoni esimele siyenze ukuze siphile ngaphantsi kobo Bukumkani? [Vumela impendulo.] Abanye abantu ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile bamisela umzekelo omhle ekuya kusinceda ukuwuxelisa.” Funda kwiZenzo 17:11, ubethelele imfuneko ‘yokuhlolisisa iZibhalo mihla le.’ Cacisa ukuba amaNgqina kaYehova anceda abantu abanyanisekileyo kule ndawo ukuze bafundisise iLizwi likaThixo baze baliqonde kakuhle.
5 Ukuba ubushiye iphecana elithi “Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda?” kumninimzi obengenaxesha lakuncokola, usenokusebenzisa le ntshayelelo:
◼ “Xa bendilapha kutshanje, ubuxakeke gqitha. Ndikushiyele iphecana eliye labuza enoba eli hlabathi liya kusinda na kula maxesha anzima. Sifunde ISityhilelo 21:4, esicatshulwe apha kule ncwadi ithi, ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! [Sifunde kwisiqendu 6 iphepha 303.] Lo mfanekiso [okwiphepha 302] ukwenza uqonde ukuba kuya kuba njani xa ‘uThixo ezisulile iinyembezi emehlweni ethu.’ Le ncwadi inikela ubungqina obungenakuphikiswa bokuba eli dinga liza kuzaliseka kungekudala. Ukuba ubungathanda ukuyifunda, ndingakunika yona ngomnikelo wee-R10,50.”
6 Ukuba ufumana abantu abanomdla, ekugqibeleni usengathanda ukutsalela ingqalelo yabo kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade uze uqalise ngayo isifundo. Ngokuqinisekileyo uya kufumana uvuyo ekuncedeni “abangenamava baqonde.”—INdu. 119:130, NW.