Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngokunempumelelo Ngakumbi Ngokuphulaphula
1 Ukuze sibe nempumelelo kubulungiseleli bethu, simele siqonde ukuba abantu abafani. Ngamnye unamava awahlukileyo ebomini nezinto ezahlukileyo anomdla kuzo nazinqwenelayo. Into elucelomngeni kukusenza isigidimi soBukumkani sifanele umntu ngamnye, oko kukuthi, sibonise umntu esithetha naye oko sithetha kona kuye ngokobuqu. Ukuze sikwenze ngokunempumelelo oku, simele siphulaphule ngenyameko.
2 Abavakalisi abaninzi ngobuchule basebenzisa imibuzo kwiintshayelelo zabo, yaye oku kuyanceda ekumbandakanyeni umninimzi kwingxubusho. Imibuzo yokuhlola uluvo lwakhe nengamenzi azive eneentloni umninimzi yeyona inempumelelo. Kodwa xa umninimzi ethetha, kubalulekile ukuphulaphula oko akuthethayo. Ukuphulaphula kubonisa uthando nentlonelo yobubele, ibe ngokwenjenjalo siye sikuqonde oko kucingwa nguloo mntu. Ukuzazi iimeko zomntu lowo kusenza ukuba sikwazi ukumazelelela, sizibeke endaweni yakhe. Sinokwandula ke sabelane naye ngethemba elithuthuzelayo eliseBhayibhileni.
YIBA BHETYEBHETYE
3 Umpostile uPawulos waluleka wathi: “Funda eyona ndlela ifanelekileyo yokuthetha nomntu ngamnye odibana naye.” (Kol. 4:6, New English Bible) Nangona singakwazi ngokuthe ngqo kwangaphambili oko umntu asenokukuthetha, siqhelene neengxaki abantu abaninzi abajamelene nazo namhlanje. Ngaloo ndlela, sinako ‘ukufunda’ size silungiselele indlela yokuthetha kwiimeko ezahlukahlukeneyo.
4 Ngokomzekelo, sisenokuba silungiselele ukuthetha ngombandela woxolo lwehlabathi, kodwa umninimzi ukhankanya ukuba uphulukene nomsebenzi wakhe wempangelo. Ngaba sifanele singakusi so oko? Ngokungathandabuzekiyo, uziva ekhathazekile xa ecinga ngokulungiselela iimfuno zentsapho yakhe. Ungasabela njani kwiintswelo zakhe? Unokuvelana naye, ubonise inkxalabo yokwenene ngemeko yakhe. Wandule ke ngobubele utsalele ingqalelo yakhe kwizibhalo ezibonisa indlela urhulumente kaThixo aya kulungiselela ngayo umsebenzi owanelisayo nazo zonke iintswelo zethu.—Isa. 65:17, 21, 22, 24.
5 Mhlawumbi sifumanisa ukuba lo mntu okanye ilungu lentsapho yakhe liye kutshanje lalixhoba lolwaphulo-mthetho okanye liye laphathwa ngokungekho sikweni. Inkxalabo yethu yovelwano nomdla wobuqu kwezi meko zisenokuyenza ithambe intliziyo yalo mntu, size ngaloo ndlela sikwazi ukumbonisa ukuba uYehova uThixo uziphaphele kakhulu ezi ngxaki zibuhlungu kangaka yaye kungekudala uza kuthabatha inyathelo lokushenxisa bonke ubungendawo.—Bona incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, iphepha 10, 12, 88-91.
6 Ukungabikho kolwalamano oluhle phakathi kwabantu ngokufuthi kubangelwa kukungathethisani kakuhle. Xa omnye ethetha, omnye usenokunganikeli ngqalelo yokwenene ngengqondo nangentliziyo. Umkhwa onjalo wokungaziqhelisi ukuphulaphula unokubangela ukungaqondani okanye unokukuphulukanisa namathuba okunceda umntu othile. Ngokuhlakulela umkhwa omhle wokuphulaphula ngentlonelo, sinokuzinikela ngokunempumelelo ngakumbi iindaba ezilungileyo, sibonakalise umdla wokungazingci uYehova anawo kwabanye, size sincede abanye bahlakulele ulwalamano oluhle noMdali wethu onothando nabantu bakhe.—Yak. 1:19; g74 11/22 iphe. 21-3.