Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini
Icandelo 1: Ukubaluleka Kokuba Noxabiso NgoYehova
1 Ukuzinikela ngomphefumlo uphela kubulungiseleli kubangelwa luxabiso olunzulu ngoYehova nako konke asenzele kona. (2 Sam. 22:2, 3) Ukuqhutywa kwethu luvelwano ngenxa yokubona ishwangusha olukulo lonke uluntu oluye lwatyeka kuThixo kufanele kusishukumisele ekubeni sizibhokoxe enkonzweni. (Mat. 9:36; 2 Kor. 5:14, 15) Okukhona sizinikela ngakumbi kuYehova yaye okukhona sizixhalabisa ngakumbi ngabantu, kokukhona siya kushukunyiselwa ukubhinqela phezulu ngakumbi kwinkonzo yasentsimini. (Mat. 22:37-39) Ngaloo ndlela ubulungiseleli bethu buya kuba bubutyebi obuxabiseke kakhulu. (2 Kor. 4:7) Kodwa lunokuhlakulelwa njani uxabiso olunjalo ngobulungiseleli?
ISISEKO SOKWAKHA UXABISO
2 Ufundisiso lobuqu nofundisiso lweBhayibhile lwebandla kunye nokucamngca ngomthandazo kuyasinceda ukuba sibe nolwalamano lobuqu noYehova. Sifikelela ekukuqondeni ukubalasela kweempawu nobuntu bakhe. Ngaba uyalulandela ucwangciso lofundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki? Ngaba ubekela rhoqo ecaleni ixesha lokufundisisa iimpapasho zoMbutho? Ngaba uyazilungiselela zonke iintlanganiso zebandla, ubekho, yaye ube nenxaxheba kuzo? (Heb. 10:24, 25) Ebudeni nasemva kofundisiso lobuqu ngalunye, ukucamngca okunenjongo kuya kusenza sibe noxabiso olusuka entliziyweni ngozuko loThixo wethu onobubele nangelungiselelo lakhe lonqulo lokwenyaniso.—INdu. 27:4.
3 Enye indlela esinokulwandisa ngayo uxabiso lwethu kukuhlolisisa ngenyameko imizekelo yabanye abalungiseleli bakaThixo abazinikele ngomphefumlo uphela. Umprofeti uYeremiya wayenenzondelelo ngomsebenzi awayewuphathisiwe. (Yer. 20:9) UYesu wamisela umzekelo, ebonakalisa umoya woxabiso nowenzondelelo. (Yoh. 4:34) Ngokuzibhokoxa kwakhe kubulungiseleli, umpostile uPawulos wayebonakalisa umbulelo wakhe ngenceba uThixo awayemenzele yona. (1 Tim. 1:12, 13, 17) Njengoko sicamngca ngale mizekelo, kwanangemizekelo yamaxesha anamhlanje, sinokwakha uxabiso olunokusenza sizinikele ngomphefumlo uphela kubulungiseleli.
4 Xa sifunda ngobuqaqawuli bozuko lukaYehova size sicamngce ngemisebenzi yakhe emangalisayo, sishukunyiselwa ekubeni sivakalise ubukhulu bakhe size simemelele ngovuyo simdumisa. (INdu. 145:5-7) Sibonisa ukuba siyalixabisa ilungelo esinalo lokunikela ubungqina ngegama likaThixo ngokufuna ngenkuthalo iindlela zokusasaza isigidimi soBukumkani.—Luka 6:45.
5 Kodwa ngaba zikho ezinye izinto eziya kusishukumisela ekubeni sibe nenxaxheba ngomphefumlo uphela kubulungiseleli? Ukuba zikho, ziziphi ezo zinto? Banokunceda njani abadala, izicaka zolungiselelo, oovulindlela nabanye abavakalisi boBukumkani abanamava? Ukuzibekela usukelo kunayiphi indima ekusenzeni sibe nenzondelelo? Ziziphi iingenelo ezinokulindelwa? Le mibuzo neminye iya kuphendulwa kolu ngcelele lwamacandelo amahlanu, oluya kubakho kwiinkupho ezilandelayo zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani.