Iintlanganiso Zenkonzo KaJulayi
Iveki Eqala NgoJulayi 6
10 imiz: IZaziso ezifanelekileyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani kunye naziphi na izaziso zasekuhlaleni. Kwakhona, bethelela iingongoma ezimbini ekunokuthethwa ngazo xa kunikelwa IMboniselo kaJulayi 1, 1992. Khuthaza bonke abavakalisi ukuba bazibekele usukelo lokuba nesabelo rhoqo kubulungiseleli veki nganye baze bangenise ingxelo ngokukhawuleza ekupheleni kwenyanga.
20 imiz: “Balaselisa Iincwadana Ezinemifanekiso Ukuze Wabelane Nabanye Ngethemba Lakho LoBukumkani.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo; imiboniso. Yazisa ibandla ngeencwadana ezinemifanekiso ezikhoyo esitokhweni, uze ucele abaphulaphuli baxele iincwadana ezinemifanekiso eziya kufaneleka ngokona kona kwintsimi yasekuhlaleni. Xa uqwalasela isiqendu 9, bonisa indlela incwadana enemifanekiso efanelekileyo enokunikelwa ngayo ngokungacwangciswanga kummelwane, kumntu osebenza naye okanye kwenye indawo. Ngokuvuma kwexesha, cela abavakalisi obabele kwangaphambili babalise amava ababe nawo ekusebenziseni iincwadana ezinemifanekiso. Ngehlombe khuthaza abazalwana ukuba babe nesabelo ngokupheleleyo ekuhambiseni iincwadana ezinemifanekiso ngoJulayi.
15 imiz: Indlela Endayifumana Ngayo Inyaniso. Amava. Umdala udlan’ indlebe nabantu ababini okanye abathathu. Gxininisa kwindlela iLizwi nentlangano kaThixo ezabashukumisela ngayo kuzahlulelo nobhaptizo. Bethelela iingenelo abazifumanayo ngokuba senyanisweni.
Ingoma 165 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJulayi 13
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Iindaba Ezingokobuthixo. Khumbuza ibandla ngamalungiselelo enkonzo yasentsimini.
20 imiz: “Ukunxibelelanisa Iintshayelelo Zethu Noncwadi.” Intetho emfutshane nemiboniso. Lungiselela ukuba umvakalisi oselula enze umboniso wentshumayelo yeZibhalo esebenzisa amacebiso akwisiqendu 2. Xa etshayelela uIsaya 65:21-23, makasebenzise intshayelelo echazwe kwisiqendu 5. Omnye umvakalisi unokwenza umboniso wokunikela incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona,” adibanise namacebiso akwisiqendu 3 nesesi-4. Kuzo zombini ezi meko usihlalo ufanele abethelele indlela intshumayelo enxityelelaniswe ngayo nomnikelo woncwadi. Komnye umboniso bonisa oko umvakalisi aya kukwenza ukuba umninimzi akabonisi mdla ukhethekileyo. Khumbuza ibandla ukuba lizithabathele isixa seencwadana ezinemifanekiso namaphephancwadi emva kweentlanganiso.
15 imiz: Imibuzo EngeArmagedon. Intetho egubungela umbandela okwincwadi Ukuqiqa, iphepha 27-32.
Ingoma 137 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJulayi 20
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Xubusha ngengxelo yebandla kaJuni yenkonzo yasentsimini, ncoma uze ukhuthaze uphuculo apho kuyimfuneko khona. Bonisa indlela ukuqwalasela umxholo wonyaka nomongo wawo okusinceda ngayo sifumane uyolo lokwenene njengoko sisiba nesabelo kwinkonzo yasentsimini yaye sinxulumana nebandla. (Roma 12:9-16) Xubusha ngamalungiselelo okugqibela omhlaba ongabelwanga bani ukuba oku kuyafaneleka. Sebenzisa iingongoma ezikwisihlomelo seleta kaJuni 1, 1992. Ngokufudumeleyo bakhuthaze bonke ukuba bawaxhase amalungiselelo ohlaselo.
15 imiz: “Ngaba Uyazinikela Ukuqhubela Abanye Izifundo ZeBhayibhile?” Ingxubusho yemibuzo neempendulo elandelwa ngamava akhethiweyo abonisa indlela izifundo zeBhayibhile ezinokuqaliswa ngayo kutyelelo lokuqala okanye lokubuyela.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni okanye intetho esekelwe kwinqaku elithi “‘Qhubekani Nilungisekile’” kwiMboniselo kaNovemba 1, 1990.
Ingoma 184 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJulayi 27
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Isingxobo Semibuzo. Le nxalenye isenokwabelwa umveleli wenkonzo.
20 imiz: “Ukuhlakulela Umdla Kwisigidimi SoBukumkani.” Emva kwentshayelelo emfutshane, yenza umboniso wokubuyela (1) kumntu owamkele amaphephancwadi akutshanje, (2) kumntu obonise umdla kodwa akalwamkela uncwadi (3) nakumntu owamkele incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona.” Kwimeko nganye beka isiseko sokubuyela kwakhona.
15 imiz: “Ukwamkela, Ukusebenzisa Nokungenelwa KwiLizwi LikaThixo.” Cela abantu abalungiselele kwangaphambili ngokufutshane bathethe ngoxabiso lwabo ngeendibano zesiphaluka. Basenokutsalela ingqalelo kwiingongoma ezibalulekileyo abazifunde kwindibano yesiphaluka edluleyo. Wandule ke uxubushe inqaku elikwiphepha 1 ngemibuzo neempendulo. Yazisa umhla wendibano yesiphaluka elandelayo, ukuba sele usaziwa, uze ukhuthaze bonke babekho.
Ingoma 157 nomthandazo wokuqukumbela.