Iintshayelelo Zokuvusa Umdla
1 UYesu wayeyincutshe ekusebenzisem iintshayelelo. Enoba wayethetha neqela eli-khulu okanye nomntu omnye, uYesu waye-yithimba ingqalelo yabaphulaphuli bakhe ngokubabandakanya ngokobuqu. Wayeba-bonisa abaphulaphuli bakhe ukuxabiseka kombandela awayethetha ngawo.-Mat. 5: 3-12; Yoh. 4:7-30.
2 Ukulungiselela Kusengaphambili Kuyafuneka: Ukuze sivuse umdla wabantu ngesigidimi sethu, sifanele iintshayelelo zethu sizinikele ngendlela yokuba zibandakanye umntu, zibe nokuthanani nezinto ezimxhalabisayo, size sibonise ukuba isigidimi soBukumkani siya kumnceda yena ngokobuqu.
3 Xa ulungiselela ukuya entsimini, hlola kwakhona izinto ezixhalabisa abantu basekuhlaleni. Ngaba kukho ndaba zithile zakutshanje eziye zathimba ingqalelo yabo bonke? Yintoni eya kubangel’ umdla kumntu oselula? Kokhulileyo? Kumadoda, kubafazi, okanye kubazali? Kunokuba usebenzise intshayelelo enye kwindlu nganye, ngokufuthi kuba nomphumo omhle ngakumbi ukulungiselela iintshayelelo eziliqela ezahlukahlukeneyo uze ulungele ukuzitshintsha-tshintsha njengoko ubona intsabelo yabaninimzi. Bambi abavakalisi baye baba nempumelelo entle ekulungiseleleni nasekusebenziseni iintshayelelo ezahlukahlukeneyo ezikwincwadi Ukuqiqa sihlandlo ngasinye besiya kubulungiseleli bendlu ngendlu. (rsXO iphe. 9-15) Oku kugcina iintshayelelo zabo zintsha yaye zibangel’ umdla.
4 Ebudeni benyanga ka-Agasti, usenokuthanda ukusebensisa intshumayelo enjengale:
◼ “Molo. Sithetha nabamelwane bethu ngeempawu abangathanda ukuzibona kumntu olawula abanye. Ngaba ndingabu-za ukuba luluphi uphawu olunye okanye ezimbini ocinga ukuba zezona zibaluleke ngakumbi? [Vumela impendulo. Zibulele iingongoma azivelisayo. Vumelana nazo ukuba zichanile.] Ngaba uyazi ukuba iBhayibhile iyazichaza iimfaneleko zoMntu oye wanconyelwa ukuba ngumlawuli wabantu? Zichazwe apha kuIsaya 9:6, 7. [Mfunde. Ucinga ukuba kuya kuba njani ukuphila phantsi komlawuli onjalo?” Vumela impendulo wandule walathisel’ ingqalelo kwiNdumiso 146:3, 4 nakumbandela okwincwadi Ukuqiqa kwiphepha 306-7 othetha ngophawu oluya kubakho ngokuqinisekileyo kulawulo lukaYesu. Okanye kunokusetyenziswa isahluko 133 sencwadi Umntu Obalaseleyo, ukuze kuvuselelwe ingxoxo ebhekele phaya.
5 Ukuba uthetha nabantu abatyekeleelu-nqulweni, intshumayelo elandelayo inoku-sebenza kakuhle xa ubalaselisa incwadi Umntu Obalaseleyo.
Emva kokuba ubulise ngendlela yasekuhlaleni, usenokuthi:
◼ “Yintoni uThixo ayilindele kuthi njengamaKristu? IBhayibhile iyalela ukuba sixelise umzekelo owamiselwa ngoyena mntu ubalaseleyo ehlabathini, uYesu Kristu, [Funda eyoku-1 kaPetros 2:21.] Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathande abamelwane babo, bazigcine becocekile ngokokuziphatha, baze bathandazele ukufika koBukumkani bukaThixo. Ukusindiswa kwethu kuxhomekeke ekwamkeleni nasekuthobeleni uYesu njengoMsindisi wethu. [Funda uYohane 14:6.] UYesu wayengengomntu uqhelekileyo. Le ncwadi imchaa njengoyena mntu ubalaseleyo wakha waphila. Ekubeni sixhomekeke kuye ngosindiso, ngaba akuvakalelwa ukuba kuyimfuneko ngathi ukuba sifunde okuninzi kangangoko kunokwenzeka ngemisebenzi yakhe noko wakufundisayo? Le ncwadi iye yalungiselelwa kanye loo njongo, yaye ndingakuvuyela ukuba unokuwufumana lo mbhalo wayo.”
6 Ngokuxelisa iindlela zikaYesu zokutsala umdla nokubandakanya abaphulaphuli kwiingxubusho, sibonisa abantliziyo zinyanisekileyo ukuxabiseka kwezinto zokomoya.