IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/92 iphe. 12
  • Yenza Intshayelelo Eshukumisayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yenza Intshayelelo Eshukumisayo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Uyayisebenzisa Incwadi Ethi Ukuqiqa?
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Ukusebenza Intsimi Egutyungelwa Ngokufuthi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Iintshumayelo Ezilula Neziphumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Iintshayelelo Zokuvusa Umdla
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 10/92 iphe. 12

Yenza Intshayelelo Eshukumisayo

1 IMboniselo noVukani! ziyasebenziseka ekutyaleni iimbewu zenyaniso kwiingqondo nakwiintliziyo zabafundi. Ngoko ke, sifanele sisebenzise iindlela eziphumelelayo ukuze siwashiye la maphephancwadi kumakhaya abantu abanokungenelwa kubuncwane bokomoya abuquletheyo.

2 Abaninimzi banokushukunyiselwa njani ukwamkela baze bafunde amaphephancwadi ethu? Okuninzi kuxhomekeke kwindlela esiwatshayelela ngayo. Amacebiso amahle gqitha ngokulungiselela iintshayelelo ezinempumelelo afumaneka kwincwadi Ukuqiqa, iphepha 9-15.

3 Xa uhambisa IMboniselo kaOktobha 1, usenokuzama ukusebenzisa icebiso lesithathu phantsi komxholo othi “Iziganeko Ezikhoyo” kwiphepha 11-12 lencwadi Ukuqiqa.

Emva kokuba uzazisile, usenokuthi:

■“Ukuba bekunokuthiwa khetha, yiyiphi ingxaki kwiingxaki ezininzi ihlabathi elijongene nazo obungathanda ukubona iconjululwa kuqala?” Yiphulaphule indlela aphendula ngayo umninimzi, uze uvumelane noko kumxhalabisayo. Ngoko unokuhlabela mgama, uthetha amazwi anjengala: “Qwalasela oko iBhayibhile ikunikelayo njengesicombululo kwiingxaki ezinjalo. [Funda uIsaya 9:6, 7.] Ngoko isicombululo sokwenene kuzo zonke iingxaki zoluntu sikulawulo olusesikweni lukaMesiya, uYesu Kristu.” Yandula utyhile kwiphepha 8 uze walathisel’ ingqalelo kwiziqendu ezithathu zokugqibela zenqaku elinomxholo othi “UMesiya—Ngaba Lithemba Lokwenene?”

4 Ezinye iintshayelelo ezimbini onokuzisebenzisa neMboniselo kaOktobha 1 zifumaneka kwiphepha 14 lencwadi Ukuqiqa, kumxholo othi “Umsebenzi/Izindlu.” Ezi ngcamango nemibuzo unokuzivakalisa ngawakho amazwi okanye uphinde oko kuthethwe kwincwadi Ukuqiqa. Emva kokuba uvumelene nempendulo yomninimzi, qhubeka usabelana naye ngenkcazelo ebangel’ umdla ekwisiqendu sokuqala kwiphepha 4 kumxholwana othi “Ngaba Asikho Isicombululo?” Yandula emva kokufunda uIsaya 65:21-23, umbonise iintsikelelo eziya kuziswa lulawulo lukaMesiya.

5 Ukuba usebenzisa uVukani! kaOktobha 8 othi “Unako Ukuzoyisa Iimvakalelo Ezidakumbisayo,” usenokuzama ukusebenzisa intshayelelo yesithathu kumxholo othi “Ubomi/Ulonwabo” kwiphepha 10 lencwadi Ukuqiqa. Emva kokufunda INdumiso 1:1, 2, unokutsalel’ ingqalelo kwingongoma efanelekileyo kwiphephancwadi uVukani!

6 Kusenokwenzeka ukuba udibane nabaninimzi abathi banoncwadi lonqulo lwabo. Unokumcacisela ukuba nathi sinazo iimpapasho ezisetyenziswa sithi kuphela (njengoBulungiseleli Bethu BoBukumkani); noko ke, izigidi zabantu abangengomaNgqina kaYehova ziyabafunda oolindixesha bethu.

7 Kweyoku-1 kwabaseKorinte 3:6 uPawulos wathi: “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo.” Ukuba sifuna uYehova ahlumise imbewu yenyaniso ezintliziyweni zabanomdla, sifanele sinikele ingqalelo ekutyaleni le mbewu ngokuphumelelayo ngokusebenzisa iintshayelelo ezishukumisayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share