Ukutshayelela Incwadi Ethi Unokuphila Ngonaphakade Ngokuphumelelayo
1 UYesu wayebalasele ekusebenziseni iintshayelelo. Wayekwazi amakakuthethe ukuze avuse umdla. Ngesinye isihlandlo waqalisa incoko nentokazi yomSamariya ngokucela nje amanzi. Oku kwayitsala ngokukhawuleza ingqalelo yayo kuba ‘amaYuda namaSamariya ayengenabudlelane.’ Ekugqibeleni incoko yabo yanceda yona nabanye abaninzi bangamakholwa. (Yoh. 4:7-9, 41) Sinokufunda kumzekelo wakhe.
2 Xa ulungiselela ukunikela incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, zibuze, ‘Ziziphi ezona zinto zixhalatyelwe ngabantu kwintsimi yethu? Yintoni eya kuba nomtsalane kokwishumi elivisayo, kumntu omkhulu, kwindoda, okanye kumfazi?’ Usenokulungiselela iintshayelelo ezahlukeneyo uze ucebe ukusebenzisa leyo ibonakala ifaneleke ngakumbi kwimeko leyo.
3 Ekubeni abaninzi bexhalatyiswe kukuwohloka kobomi bentsapho, usenokuthi:
◼ “Iingcinezelo zobomi zemihla ngemihla ziye zazixinezela gqitha iintsapho namhlanje. Zinokulufumana phi uncedo? [Vumela impendulo.] IBhayibhile inokusinceda ngokwenene. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17.] IZibhalo zinikela ukhokelo oluyingenelo olunokunceda iintsapho ziphumelele. Phawula oko kuchazwe kwisiqendu 3 kwiphepha 238 lale mpapasho ethi, Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni.” Funda isiqendu 3, uze unikele le ncwadi.
4 Ukuba usebenzisa into ephume ezindabeni zasekuhlaleni, usenokuthi:
◼ “Ukuvile oko kuchazwe ezindabeni [khankanya into ephume ezindabeni exhalatyelweyo ekuhlaleni]? Ucinge ntoni ngayo? [Vumela impendulo.] Ikwenza uzibuze ukuba eli hlabathi liya kuphelela phi, akunjalo na? IBhayibhile yazixela kwangaphambili izinto ezinjalo njengobungqina bokuba siphila kwimihla yokugqibela.” Yandula ke uqwalasele inkcazelo ekwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, iphepha 150-3.
5 Abaninzi baxhalatyiswe yingxaki eyandayo yolwaphulo-mthetho. Unokusebenzisa intshayelelo yokuqala phantsi komxholo othi “Ulwaphulo-mthetho/Ukhuseleko” kwiphepha 13 lencwadi ethi “Ukuqiqa”:
◼ “Sithetha nabantu ngokuzikhusela. Kukho ulwaphulo-mthetho oluninzi olusingqongileyo, yaye luchaphazela ubomi bethu. Ucinga ukuba kuya kufuneka ntoni ukuze abantu abanjengawe nam bazive bekhuselekile ezitratweni ebusuku?” Usenokufunda INdumiso 37:10, 11 uze uchaze iintsikelelo eziya kuziswa buBukumkani bukaThixo, usebenzisa iphepha 156-8 lencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade.
6 Ukuba ukhetha intshayelelo elula, usenokusebenzisa intshayelelo efana neyesibini kwiphepha 12 lencwadi ethi “Ukuqiqa”:
◼ “Sikhuthaza abamelwane bethu baqwalasele ikamva elizukileyo iBhayibhile eliqulethele thina. [Funda ISityhilelo 21:3, 4.] Ngaba unomdla koku? [Vumela impendulo.] Isahluko 19 sale mpapasho sibalaselisa ezinye iintsikelelo uluntu oluthobelayo oluya kuzifumana phantsi koBukumkani bukaThixo.” Nikela incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade ngomnikelo wee-R10,50.
7 Ukulungiselela intshayelelo ephumelelayo kunokukunceda ufikelele abo balambele ubulungisa.—Mat. 5:6.