Sebenzisa Ingqiqo Xa Ubuyela Kwabanomdla Ebudeni Beholide
1 UDisemba yinyanga apho abantu abaninzi abaye babonakalisa umdla kwisigidimi sethu besenokuxakeka yimisebenzi yeholide. Ngoko ke, xa sibuyela kwabanomdla, kuya kufuneka sisebenzise ingqiqo size mhlawumbi sikulungele ukungena emxholweni ngokukhawuleza, ngaphandle kokuba umninimzi ubonakalisa umnqweno wengxubusho ende.
2 Masikucinge Kusengaphambili Oko Siya Kukuthetha: Sifanele sisoloko siyazi ngokucacileyo into esifuna ukuyithetha. Oku kufuna ukuba sijonge amanqaku ethu otyelelo oludluleyo size sizikhumbuze ngeengongoma eziye zagutyungelwa kwingxubusho nayo nayiphi na imibuzo esimbuze yona umninimzi.
3 Ukuba bekusetyenziswe icebiso elikwisiqendu 3 kwinqaku elingasentla, xa sibuyela sisenokuthi:
◼ “Ngeli xesha lonyaka, abantu abaninzi bacinga ngokuzalwa kukaKristu. Ukugqibela kwethu ukuthetha, ndiye ndathembisa ukwabelana nawe ngesibakala esibangel’ umdla esiphathelele isixeko awazalelwa kuso uYesu. Ngaba ubusazi ukuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili kwiminyaka engama-700 ngaphambi kokuba uYesu azalwe ukuba wayeya kuzalelwa eBhetelehem?” Vumela impendulo. Unokwandula ke, emva kokufunda uMika 5:2, uthi: “Eso sisiprofeto esimangalisayo, ngaba akunjalo na? Ngoxa oku kusisibakala esibangel’ umdla eBhayibhileni, ngaba ubusazi ukuba neziprofeto zeBhayibhile ziyazaliseka kumhla wethu?” Ukuba loo mntu unalo ixesha, sinokuqhubeka nengxubusho, okanye ukuba uxakekile, sisenokumxelela ukuba siya kubuya sixubushe naye ngale nto ngokubhekele phaya.
4 Ukuba kwakushiywe iphecana elithi “Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo,” sisenokuthetha oku kulandelayo:
◼ “Khawuphawule oko kuthethwa apha kwiphepha 3, phantsi komxholwana othi ‘Ubomi Kwihlabathi Elitsha LikaThixo.’ Apha kuthethwa ngeemeko eziya kubakho phantsi koBukumkani bukaThixo. [Qwalasela isiqendu sokuqala nesesibini, ubalaselisa izibhalo ezithile.] Ngaba ungathanda ukufumana ubomi obunjalo?” Mxelele umninimzi ukuba ungathanda ukuphinda ubuye kwiveki elandelayo uze uxubushe iingongoma ezimbalwa ezikweli phecana. Ukuba umninimzi akakabi nayo incwadi ethi Umntu Obalaseleyo, mbonise indlela isahluko 111 esiwuxubusha ngokuneenkcukacha ngayo umqondiso owanikelwa nguYesu owawuya kuphawula ukupheliswa kwale nkqubo ikhoyo yezinto. Mnike incwadi.
5 Ukuzinikela Ukuba Uqhube Isifundo SeBhayibhile Sekhaya: Ukuba umninimzi simshiyele incwadi ethi Umntu Obalaseleyo okanye ukuba sele enayo eyakhe, kuya kuba kuhle ukubonisa indlela isifundo seBhayibhile sekhaya esiqhutywa ngayo ngokusebenzisa isahluko 111. Sisenokusebenzisa indlela efana naleyo esetyenziswa kwiSifundo Sencwadi SeBandla. Ukuba isifundo siqhubela phambili, sisenokutshintshela ekufundeni enye yeencwadana ezinemifanekiso okanye sifunde incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade.
6 Masisoloko sikulungele ukubuyela kubo bonke abanomdla. Sifanele sisebenzise ingqiqo yaye sisoloko sizabalazela ukulungiselela utyelelo olulandelayo ngokubuza imibuzo ebangel’ umdla ekupheleni kwengxubusho nganye. Oku kuya kusinceda ukuba ‘siwuxhobele wonke umsebenzi olungileyo.’—2 Tim. 3:17.