Yiba Bhetyebhetye Kubulungiseleli Bakho
1 Kuye kwathiwa ubomi bumnandi ngokuvangwa kwezinto. Ngokufuthi, ukuwutshayelela ngokwahlukileyo umbandela kunokuwenza ubangel’ umdla ongakumbi. Oku kukwayinyaniso ngokufanayo nakubulungiseleli bethu. Ukuba asilumkanga, iintshumayelo zethu kwindlu ngendlu ngokulula zisenokuba ngumgca wempuku. Ukuphinda-phinda intshayelelo enye ngokuthe rhoqo kusenokuba yinto ekruqulayo kuthi nakubaninimzi. Ngoko ke, yiba bhetyebhetye kubulungiseleli bakho. Kodwa unokukwenza njani oku?
2 Kunokuba mhlawumbi uthi, ‘Bhota. Sithetha nabamelwane bethu ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani,’ kutheni ungacingi ngeendlela zokutshintshatshintsha amazwi akho okuqalisa incoko? Incwadi Ukuqiqa inenkcazelo eninzi ngeentshayelelo. Kwiphepha 9-15, kukho iintshayelelo ezili-18 zemibandela eyahlukeneyo. Yaye kukho iintshayelelo ezimbini, ezintathu, okanye ezingakumbi kwimibandela emininzi.
3 Ukuba usebenzisa incwadana enemifanekiso ethi “Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?,” le ntshayelelo ikwicandelo elithi “Ubomi/Ulonwabo” kwiphepha 10 inokuba luncedo:
◼ “Sithetha nabantu ababuxhalabele ngokwenene ubunjani bobomi namhlanje. Abaninzi bayazibuza, Ngaba ubomi obonwabisa ngokwenyaniso bunokubakho? Le ncwadana inemifanekiso inikela iingongoma ezikhuthazayo nezihlokoz’ iingcinga.” Tyhila kwiphepha 25 lale ncwadana inemifanekiso, uze ufunde imbalasane ibenye okanye zibe mbini kwisiqendu 15 nese 16.
4 Bambi abavakalisi boBukumkani—ngokukodwa abaselula nabasebatsha, kodwa nabasele bekhulile—baye bafumanisa ukuba kusenokwenziwa intshayelelo ebangel’ umdla emzini ngokusebenzisa amaphecana.
Umvakalisi oselula usenokusebenzisa iphecana elithi “Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda?” aze athi:
◼ “Ndinesigidimi esifutshane endikuphathele sona ngekamva leli hlabathi. Ndingathanda ukukunika eli phecana linomxholo othi Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda?” Umvakalisi okhulileyo osebenza nomntu oselula usenokugqiba enoba ongezelele amagqabaza angakumbi kusini na, okanye anikele uncwadi, kuxhomekeka kwintsabelo yomninimzi.
5 Ukuba umninimzi ubonakalisa umdla, umvakalisi okhulileyo usenokuthi:
◼ “Phawula le mifanekiso mibini, omnye ngowenqwelo-moya ephosa iibhombu ngexesha lemfazwe yaye omnye ngowomntwana olambileyo. [Tyhila kwiphepha 5.] Kwawujonge lo mfanekiso wenyikima nowendoda egulayo elele esibhedlele. [Nqumama.] IBhayibhile ibonisa ukuba izinto ezimbi ngolu hlobo kungekudala ziza kupheliswa.” Wandule ke ufunde ISityhilelo 21:4, 5 neNdumiso 46:8, 9.
6 Xa uhambisa incwadi Incopho YeSityhilelo, kutheni ungabalaselisi imbono engqalileyo engekamva echazwe kwiSityhilelo 21:3, 4? Wandule ke ufunde isiqendu 7 kwiphepha 303 lale ncwadi. Buza umninimzi enoba ngokwenene uyakholelwa kwelokuba uThixo uya kuwazalisekisa la madinga. Ingxubusho emfutshane engeziprofeto zeBhayibhile ezisele zizalisekile inokuyomeleza intembelo yomninimzi kumandla kaThixo okusikelela uhlanga loluntu.
7 Bonke abavakalisi boBukumkani bafanele babe nesabelo ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zobuthixo, betyala imbewu yenyaniso apho kunokwenzeka baze bahlakulele umdla obonisiweyo. Sakuba siyenzile indima yethu, ngovuyo sinokukushiyela kuYehova nakuphi na ukukhula kwexesha elizayo. Sinezona ndaba zilungileyo esinokwabelana ngazo nabamelwane bethu. Ngokusoloko silungile, sinokuba bhetyebhetye ekuhambiseni isigidimi soBukumkani size sisebenzise ingqiqo ekuhambiseni iimpapasho zethu.