Ngaba Uhlwayela Ngokuyintabalala?
1 Kukho intetho ethi: “Okukhona uzama, kokukhona uzuzayo.” Oku kuyinyaniso ngokukhethekileyo kunqulo lwethu. Okukhona sichitha ixesha nomgudu ongakumbi ekulungiseleleni iintlanganiso, ekushumayeleni isigidimi soBukumkani nasekuboniseni uthando kubazalwana bethu, kokukhona siya kukhula ngakumbi ngokomoya. Nokwahlukileyo kukwayinyaniso. Ukuba siyazibandeza okanye asenzi izinto ngentliziyo epheleleyo, ngaba ngokwenyaniso singalindela imiphumo eyanelisayo?
2 Umpostile uPawulos wawuchaza kakuhle lo mgaqo kweyesi-2 kwabaseKorinte 9:6: “Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna kwangokuvimba; nalowo uhlwayela [“ngokuyintabalala wovuna ngokuyintabalala,” NW].” Ngaba uhlwayela ngokuyintabalala?
3 Isifundo SeBhayibhile Sobuqu: Ukuze sibe ngabalungiseleli abavelisa isiqhamo simele siqale ngokuhlwayela ngokuyintabalala kwisifundo sethu sobuqu. Sifanele sikulangazelele ukutya kokomoya. (INdu. 119:97, 105; Mat. 5:3) Ngenxa yezinto zobomi bemihla ngemihla ezicinezelayo, kufuneka umgudu ongakumbi wokuphaphela intswelo yethu yokomoya. Kuninzi lwethu, kufuneka ‘ukuzongela ixesha.’ (Efe. 5:16) Bambi balungiselela ukuvuka ekuseni ngeentsuku ezithile ukuze benze ufundisiso lobuqu. Bambi babekela ecaleni iingokuhlwa ezithile zokwenza oko. Sivuna ngokuyintabalala ngayiphi indlela? Sizuza ukholo olomelele ngakumbi, ikamva eliqaqambileyo nesimo sengqondo esonwabisayo nesikhuthaza ngakumbi.—Roma 10:17; 15:4; 1 Pet. 1:13.
4 Iintlanganiso Zebandla: KwiNdumiso 122:1, uDavide wathi: “Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova.” Ngaba nawe uvakalelwa ngokufanayo? Ukuhlwayela ngokuyintabalala kuthetha ukubakho rhoqo kwiintlanganiso zethu ezintlanu zeveki ngeeveki. Zixelele ukuba akuzi kuvumela imozulu embi ikuphazamise. Ngokuqhelekileyo, okukhona sisoyisa imiqobo engakumbi, kokukhona zisanda iintsikelelo zethu.
5 Fika kwangethuba uze uhlale emva kwazo ukuze ube nencoko eyakhayo nabazalwana bakho. Yiba banzi kunxulumano lwakho ukuze uquke abaninzi ngakumbi kangangoko unako. Silungiselele kakuhle iSifundo seMboniselo nezinye iintlanganiso ukuze uhlwayele ngokuyintabalala ngokugqabaza xa ufumana ithuba. ‘Ngokuseza uhluthise’ abanye kwiintlanganiso, nawe uya ‘kusezwa uhluthe.’—IMize. 11:25.
6 Ubulungiseleli Basentsimini: Mhlawumbi ayikho enye indawo oyinyaniso kuyo umgaqo ongokuhlwayela ngokuyintabalala ngaphezu kwakubulungiseleli basentsimini. Okukhona sinikela ixesha elingakumbi kubo, kokukhona kunokwenzeka sivune amava anik’ umdla, amabuyelo avelisa isiqhamo nezifundo zeBhayibhile ezinemveliso.
7 Ukuhlwayela ngokuyintabalala kubulungiseleli basentsimini kubandakanya umgangatho nokuba nemveliso. Uncedo olubalaseleyo lokusinceda siphucule umgangatho wobulungiseleli bethu yincwadi Ukuqiqa. Iphepha 9-15 lidwelisa iintshayelelo ezingaphezu kwama-40 ezigubungela imixholo eli-18 ukuze zisincede sivuse umdla emizini. Ukuba ufumana umntu onomdla, qiniseka ukuba uyambhala ukuze ubuyele uvune isiqhamo soko ukuhlwayeleyo. Kukho ithemba lokuba imigudu yakho iya kukhokelela kwisifundo seBhayibhile, yaye unokufundisa omnye umntu ukuhlwayela ngokuyintabalala.
8 Ukuba sihlwayela ngokuyintabalala, sinokulindela iintsikelelo ezinkulu zikaYehova.—Mal. 3:10.