Ukuhlwayela Ngokuyintabalala Kuzisa Iintsikelelo
1 Sonke sikhangele phambili kwinzaliseko yezithembiso eziseLizwini likaThixo. Kwanangoku, uYehova usisikelela ngezinto ezininzi ezisivuyisayo. Noko ke, umlinganiselo esingenelwa ngawo uxhomekeke kumgudu esiwenzayo. Kunjengokuba umpostile uPawulos esitsho, “lowo uhlwayela ngokuyintabalala uya kuvuna intabalala.” (2 Kor. 9:6) Khawuqwalasele ezi nkalo zimbini osebenza kuzo lo mgaqo.
2 Inkonzo Yethu Yasentsimini: Ukuxelela abantu ngeendaba ezilungileyo nanini na ithuba livela kuneengenelo ezininzi. (IMize. 3:27, 28) Kuyancomeka ukuba abaninzi bahlwayela ngokuyintabalala ngokuyikhuthalela ngakumbi intsimi, okuquka ubuvulindlela bobuncedani okanye obuthe ngxi. Sonke sinokuhlwayela ngokuyintabalala ngokuphaphela ukubuyela kubo bonke abanomdla nokucela izifundo zeBhayibhile nanini na amathuba evela. (Roma 12:11) Xa sizibhokoxa ngolu hlobo sizuza amava amnandi novuyo olungakumbi entsimini.
3 Ukuxhasa Izilangazelelo ZoBukumkani: UPawulos wakhankanya ‘ukuhlwayela ngokuyintabalala’ xa wayethetha ngokunikela ngezinto esinazo. (2 Kor. 9:6, 7, 11, 13) Namhlanje zininzi izinto esinazo esinokunikela ngazo ukuze sixhase izilangazelelo zoBukumkani. Sinokuncedisa xa kusakhiwa iiHolo zoBukumkani neeHolo zeNdibano. Sinokufak’ isandla ekucocweni nasekulungisweni kwezi ndawo zonqulo. Ukongezelela, sinokunikela ngemali ukuze kuhlangatyezanwe neendleko zebandla lasekuhlaleni nezomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi owenziwa ehlabathini lonke. Ukuba ngamnye wethu unokuphumeza indima yakhe, hayi indlela esiya kuvuya ngayo xa sibona uYehova ewusikelela lo msebenzi awumiseleyo!—Mal. 3:10; Luka 6:38.
4 ILizwi likaThixo lisibongoza ukuba ‘senze okulungileyo, sityebe emisebenzini emihle, singagogotyi lutho, silungele ukwabelana.’ Xa sithobela eso sibongozo, sinokuvuna ngokuyintabalala kwanangoku. Kwangaxeshanye, ‘siziqwebela isiseko esihle nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.’—1 Tim. 6:18, 19.