Isityhilelo—Isikhokelo Solonwabo Lokwenene
1 Amazwi ompostile uYohane akwiSityhilelo 1:3 aziindaba ezilungileyo kuthi kuba usixelela indlela yokufumana ulonwabo. Wabhala wathi: “Unoyolo lowo uwafunda ngokuvakalayo nabo bawevayo amazwi esi siprofeto, nabazigcinayo izinto ezibhaliweyo kuso.” Incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! incede abaninzi bafumana ulonwabo olukhulu. Sinesizathu esihle sokuyinikela kwabanye.
2 Usenokuqalisa incoko ngalo mbuzo:
◼ “Ucinga ukuba incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo yayenzelwe ukuba iqondwe, okanye yayiza kuhlala iyimfihlelo? [Vumela impendulo.] Nabaninzi batsho njalo. Phawula okuthethwa yiBhayibhile kwiSityhilelo 1:3. [Sifunde.] Ngoko ISityhilelo sinako ukuqondwa, yaye ulwazi esiluquletheyo lunokusonwabisa. Kunokwenzeka njani oko?” Hlolisisa iingongoma ezikwisiqendu 2 kwiphepha 6, wandule ke uthi: “Le mpapasho ixubusha indinyana nganye yencwadi yeSityhilelo. Kuya kufuneka uziphe ixesha lokuyifunda. Ndingakuvuyela ukukushiyela yona ngomnikelo wee-R10,50.”
3 Ekubeni abaninzi bexhalabele ukuba nezinto eziphathekayo, oku kusenokuvusa umdla:
◼ “Ucinga ukuba yiyiphi eyona nto siyiswele ngamandla? [Vumela impendulo.] Abaninzi bakholelwa kwelokuba siswele izinto eziphathekayo ezininzi.” Tyhila kwiphepha 73 uze uhlolisise iingongoma eziziintloko kwibhokisi ethi “Ukuthanda Izinto Eziphathekayo Kuchasene Nobulumko.” Ungatyatyadula uthi: “Oku kubonisa ukuba eyona nto ithandwayo zizinto eziphathekayo; sifanele sizixhalabele ngakumbi iintswelo zethu zokomoya. Esikuswele ngokwenene lulwazi oluchanileyo. Kodwa ulwazi olungantoni?” Funda uYohane 17:3, uze ucacise indlela ulwazi olungoThixo olunokusikhokelela ngayo kubomi obungunaphakade. Cela ukumshiyela le ncwadi uze ubuye ukuze umbonise indlela eyityhila ngayo inkcazelo emangalisayo engenjongo kaThixo yokwanelisa zonke iimfuno zabantu.
4 Ekubeni abaninzi bexhalatyiswe kukubandezeleka okusehlabathini, usenokuzama oku:
◼ “Wonk’ umntu endincokola naye uxhalabele ikamva. Ezinye iinkokeli zehlabathi zinoluvo lokuba sekumbovu ukuba kufike ixesha elitsha loxolo. Wena uthini? [Vumela impendulo.] Phezu kwayo yonke imigudu yomntu, ugonyamelo nokubandezeleka kuyaqhubeka kusanda kwihlabathi lonke. IBhayibhile ityhila ekuphela kwesicombululo kwezi ngxaki. [Funda eyesi-2 kaPetros 3:13. Tyhila kumfanekiso okwiphepha 302, uze ucacise indlela uBukumkani bukaThixo basemazulwini obuya kuluzisa ngayo uxolo nonqabiseko oluhlala luhleli kulo mhlaba.] Le mpapasho iya kukunceda ubone indlela onokuphila ngayo neli butho labantu litsha eliya kufumana ubomi obungunaphakade xa kulawula uBukumkani bukaThixo.”
5 Ukuba udibana nomntu oxakekileyo kuze kufuneke ubethe koomofu, usenokuthi:
◼ “Ekubeni unemizuzwana nje embalwa, bendingathanda ukukushiyela eli phecana [okanye eli phephancwadi] lithi [khetha iphecana okanye inqaku elifanelekileyo]. Ndicela ukuba ulifunde. Xa ndibuya kwixa elizayo, ndingathanda ukwazi oko ukucingayo ngalo.”
6 Xa unikela uncwadi, musa ukoyika ukuchaza umnikelo walo. Uncwadi lwethu alubizi mali ininzi xa luthelekiswa nolo lusezivenkileni. Xa abantu benikela ukuze bafumane uncwadi lwabo oko kufak’ isandla kulonwabo abaya kulufumana ngokuqonda intsingiselo yeziprofeto ezimangalisayo zeSityhilelo.—IMize. 3:13.