IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/92 iphe. 4
  • Iintshumayelo Ezivusa Umdla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshumayelo Ezivusa Umdla
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngongxamiseko
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Ukuvakalisa ‘Amazwi Esiprofeto’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Isityhilelo—Isikhokelo Solonwabo Lokwenene
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Ndinokuthini Ukuze Ndivuselele Umdla Ongakumbi?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 3/92 iphe. 4

Iintshumayelo Ezivusa Umdla

1 Ukuze intshumayelo ivuse umdla ifanele iyibonise ngokucacileyo indlela obaluleke ngayo umbandela kumninimzi, ibonise ukuba uyawufuna okanye unokuwusebenzisa. Kuyo yonke incoko yenu, mncede umninimzi aqonde oku, “Ndiyachaphazeleka koku.” Xa silungiselela intshumayelo, sifanele sizibuze: ‘Yiyiphi imibandela abayixhalabele ngokona kona abantu kwintsimi endikuyo? Ziintoni abazifunayo? Ndinokusidlulisela njani isigidimi ukuze sibonise ukuba uYehova uyazikhathalela izinto abazifunayo?’ Ngezantsi kudweliswe izinto ezimbalwa abanomdla kakhulu kuzo abantu namhlanje. Ngaba unokusebenzisa enye yezi okanye esondele kuyo kwintshumayelo yakho? Phawula nendlela iingongoma ezikwincwadi Incopho YeSityhilelo ezinokunxityelelaniswa ngayo nazo.

2 Ukukhathazeka Ngokungabikho Kolonwabo: “Sincokola nabantu abakhathazeke ngokwenene ngomgangatho wobomi kummandla wethu. Nangona abantu besenokuba banazo izinto eziphathekayo eziyimfuneko, abaninzi abanelisekanga ncam ngobomi babo. Ngaba ucinga ukuba kunokwenzeka ukonwaba ngokwenene ebomini? [Mvumele aphendule.] Enye yezinto ezizisa ulonwabo ichazwe eBhayibhileni kwiSityhilelo 1:3. [Funda.] Ukuqonda oko kuthethwa siSityhilelo ngekamva kunokukuzisela ulonwabo. Phawula nje esinye seziprofeto ezikuso.” Funda ISityhilelo 21:3, 4 uze ke utyhile umfanekiso okwiphepha 302 kwincwadi Incopho YeSityhilelo.

3 Ukukhathazeka Ngekamva: “Sizabalazela ukwabelana nabamelwane bethu ngembono ekhuthazayo ngekamva. Ngaba uzama ukuba nembono ekhuthazayo ngobomi? [Mvumele aphendule.] Ngokutsho kweBhayibhile, sinesizathu sokuba nethemba ukuba senza oko ikuthethayo kwiSityhilelo 1:3.”

4 Ukukhathazeka Ngokulondoloza Impilo Entle: “Abaninzi kubamelwane bethu bakuxhalabele ukulondoloza impilo entle. Noko ke, phezu kwayo nje imigqalisela yobulumko esiyilandelayo, sisagula. Ngaba ungathanda ukuphila kwihlabathi apho wonk’ ubani anandipha impilo egqibeleleyo yaye engumqabaqaba? Nangona oku kusenokubonakala kungakholeleki, incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo ithetha ngexesha elinjalo yaye isixelela ukuba liza kufika kungekudala.” Funda ISityhilelo 21:3, 4. Unokwandula ke uye kumfanekiso okwiphepha 308-9 lencwadi Incopho YeSityhilelo, ubonise indlela abantu abaya kuwanandipha ngayo amalungiselelo obomi ebudeni boLawulo lukaKristu lweMinyaka Eliwaka.

5 Ukukhathazeka Ngongcoliso Nemeko-bume: “Njengoko sithetha nabamelwane bethu, siphawule ukuba abaninzi baxhalatyiswe yindlela ongcoliswa ngayo umoya, amanzi nokudla kwethu. Ngaba ucinga ukuba oorhulumente baya kuze bakwazi ukukunqumamisa oku? [Mvumele aphendule.] Kuyakhuthaza ukuphawula oko iBhayibhile ithi kuya kwenzeka kwabo bonakalisa umhlaba.” Funda ISityhilelo 11:18b. Bonisa ukuba ngaphandle kokushenxisa abo bonakalisa umhlaba, uThixo unenjongo yokuba abalulamileyo benze lo mhlaba ube yiparadisi, njengoko kuboniswe kwiNdumiso 37:10, 11 okanye kuIsaya 65:21, 22.

6 Kwabo Batyekele Elunqulweni: “Sibuza abamelwane bethu lo mbuzo: Ngaba ucinga ukuba incwadi yeSityhilelo yayibhalelwe ukuba iqondwe, okanye ngaba yayiza kuhlala iyimfihlelo? [Mvumele agqabaze.] Abaninzi banembono enjalo. Phawula oko iBhayibhile ikuthethayo kwiSityhilelo 1:3.”

7 Njengoko ngokunyaniseka uzabalazela ukufikelela iintliziyo zabaphulaphuli bakho, abo balambele inyaniso nobulungisa baya kusabela.—Mat. 5:3, 6.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share