Ulwazi OlungoThixo Oyinyaniso Lukhokelela Ebomini
1 Ethandaza kuYise uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso.” (Yoh. 17:3) Onjani wona umvuzo wobubele! Ngokuhambisa incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, sinokubanceda abanye bafunde oko kufuneka bekwenzile ukuze baphile ngonaphakade. Sinokuthini ukuze sivuselele umdla wabo size sibashukumisele ukuba bafune ukufunda incwadi ethi Ulwazi?
2 Usenokusebenzisa intshumayelo ebalaselisa iBhayibhile njengomthombo wokhokelo olusebenzisekayo, ngokuthi:
◼ “Sixubusha nabamelwane bethu ngendawo abanokulufumana kuyo ukhokelo olusebenzisekayo lokuhlangabezana neengxaki zobomi. Ngaphambili abantu abaninzi bebeyihlolisisa iBhayibhile. Kodwa ngoku izimo zengqondo zabantu ziguqukile; abaninzi bayayithandabuza iBhayibhile, beyijonga njengencwadi ebhalwe ngabantu. Uthini wena? [Vumela impendulo.] Kukho isizathu esivakalayo sokuba kuthiwe iBhayibhile isasebenziseka kulo mhla wethu. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17.] Imigaqo yeBhayibhile isasebenza unangoku njengokuba yayinjalo xa uThixo waphefumlela ukubhalwa kweBhayibhile.” Tyhila kwiphepha 16 kwincwadi ethi Ulwazi, uze uthi gqabagqaba ngokhokelo olusebenzisekayo olufumaneka kwiNtshumayelo kaYesu yaseNtabeni. Funda isicatshulwa kwisiqendu 11 okanye kwisiqendu 13. Nikela le ncwadi ngomnikelo wee-R3,50, uze ulungiselele ukubuyela ukuze uphendule lo mbuzo, Sinokungenelwa njani kulwazi oluseBhayibhileni?
3 Ekubeni uninzi lwabantu lunomdla emthandazweni, usenokuthanda ukuxubusha ngawo ngokubuza oku:
◼ “Kuwo onke amahlandinyuka esimele sijamelane nawo kubomi banamhlanje, ucinga ukuba umthandazo ungasinceda ngokwenene? [Lindela impendulo.] Abaninzi bacinga ukuba baye basondela kuThixo ngokuthandaza kuye yaye ukwenza oko kuye kwabanika amandla angaphakathi, athenjiswe eBhayibhileni. [Tyhila incwadi ethi Ulwazi kwiphepha 156, uze ufunde amaFilipi 4:6, 7.] Noxa kunjalo, maxa wambi umntu usenokucinga ukuba imithandazo yakhe ayiphendulwa. Esi sahluko sixubusha ‘Ngendlela Onokusondela Ngayo KuThixo.’ [Nikela le ncwadi ngomnikelo wee-R3,50.] Esi sahluko sikwacacisa indlela esinokumphulaphula ngayo uThixo, ekubeni ukunxibelelana naye kungekho calanye. Singakuxubusha oko xa ndibuyile kwixa elizayo.”
4 Ngaba ubungathanda ukuzama intshayelelo engqalileyo ekuqaliseni isifundo? Nantsi enye esenokukunceda:
◼ “Sicela ukukuqhubela isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa. Ngaba wakha wasiqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngaphambili? [Vumela impendulo.] Makhe ndikubonise uncedo lokufundisisa esilusebenzisayo.” Mbonise incwadi ethi Ulwazi, tyhila kwiphepha 3 ukuze umninimzi azibonele iziqulatho, uze umbuze oku, “Ngaba wakha wazibuza ukuba iBhayibhile ithini ngale mibandela?” Tyhila kwisahluko anomdla kakhulu kuso, uze umfundele imixholwana. Mcacisele ukuba ubungathanda ukumbonisa ngokufutshane indlela esiyifundisisa ngayo le nkcazelo kwilungiselelo lethu lesifundo. Enoba isifundo siqalisiwe okanye akunjalo, nikela incwadi kulo mntu.
5 Namhlanje izihlwele zabantu ziyasabela kulwazi oluchanileyo olungoThixo oyinyaniso. (Isa. 2:2-4) Kulilungelo lethu ukunceda abaninzi kangangoko kunokwenzeka bafunde ngoYehova baze bakhokelelwe ebomini.—1 Tim. 2:4.