Kufunwa Abangama-65 000!
Elo linani labavakalisi esingathanda ukubabona befaka ingxelo kweloMzantsi Afrika ngoAgasti we-1998. Kumazwe aselumelwaneni, singavuya ukuba banokuba li-1200 abafaka ingxelo eBotswana, babe ngama-2400 eLisuthu, babe li-1000 eNamibia, babe li-165 eSt. Helena baze babe ngama-2000 eSwazini. Ngaba phofu sinokulufikelela olu sukelo? Ewe, sinako! Xa sibala emabandleni eli loMzantsi Afrika ngoku sifumana isimbuku sabavakalisi abangama-68 451. Noko ke, eyona ncopho iphakamileyo kweli loMzantsi Afrika ifikelelwe ngoJanuwari 1998 xa bebengama-64 514 abafake ingxelo. Sinokulidlula njani elo nani lilelona liphakamileyo? Oku kunokwenziwa ukuba umvakalisi ngamnye webandla angaqiniseka ukuba uba nenxaxheba kubulungiseleli ebudeni buka-Agasti aze afake ingxelo ngokukhawuleza. Ekubeni iintsuku ezimbini zokuqala inguMgqibelo neCawa, yaye amabandla amaninzi eqalisa iphulo lentsimi engabelwanga bani, kutheni ungaqalisi kwangaloo mpela-veki ukwenza amalungiselelo okuba nesabelo kwinkonzo yasentsimini? Ukuba uza kube usendibanweni yesiphaluka okanye kwekhethekileyo, usenokukwazi ukunikela ubungqina obungacwangciswanga ngaloo mpela-veki uze uphume nebandla ukuya kwinkonzo yasentsimini kwimpela-veki elandelayo. Ukuba sinokuqala isaqala nje inyanga ka-Agasti, ayiyi kuphela inyanga singakhange sichithe ixesha sisenza umsebenzi wokunikela ubungqina. Unobhala kunye nabaqhubi bezifundo zencwadi bamele baqiniseke ukuba akufakwa ngxelo ka-Agasti kuphela kodwa neengxelo zeenyanga ezidlulileyo eziye zalibaleka zifakwa nengxelo ka-Agasti. Sonke sifuna ukubona eyona ncopho iphakamileyo ebetha ngaphaya kwama-65 000 okwesihlandlo sokuqala kwimbali yeloMzantsi Afrika, ibe sinyeke okufanayo nakumazwe aselumelwaneni. Enjani ukuba nkulu indumiso okuya kuyizisa kuYehova oko!—INdu. 47:1.