IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/14 iphe. 1
  • UAgasti Uza Kuba Yinyanga Yembali!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UAgasti Uza Kuba Yinyanga Yembali!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Amathuba OngezelelekileyoOkumbonga UYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Kufunwa—Oovulindlela Abangabancedani Abali-10 000
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Ngaba Siza Kuphinda? Elinye Ikhwelo Elifuna Oovulindlela Abangabancedani
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
km 6/14 iphe. 1

UAgasti Uza Kuba Yinyanga Yembali!

Kuza Kusasazwa Iphecana Elitsha Emhlabeni Wonke

1. Liliphi iphulo elikhethekileyo eliza kuba semhlabeni wonke njengoko uBukumkani buza kugqiba iminyaka eyi-100?

1 UBukumkani bukaThixo buza kugqiba iminyaka eyi-100 bukho. Kufanelekile ke ngoko ukuba uYehova simdumise ngephulo elikhethekileyo. Kwinyanga ka-Agasti, kuza kubakho iphulo ehlabathini lonke lokusasaza iphecana elinomxholo othi, Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi? Eli phecana likhuthaza abafundi ukuba bakhangele iimpendulo eBhayibhileni lize libachazele indlela enokubanceda ngayo iwebhsayithi yethu ethi-jw.org.

2. Sinokuba negalelo njani ‘ekukhwazeni sidumisa uYehova’ ngenyanga ka-Agasti?

2 Ukudumisa: Ukuze abavakalisi bandise ubulungiseleli babo, kuye kwenziwa ilungiselelo elikhethekileyo lokunceda abo banqwenela ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngo-Agasti. Kuloo nyanga, abavakalisi baza kuvunyelwa ukuba babe ngoovulindlela abangabancedani abaza kwenza iiyure eziyi-30. Ekubeni u-Agasti enooLwesihlanu, iMigqibelo neeCawa ezintlanu, abavakalisi abaninzi abaphangelayo nabafundayo baza kukwazi ukuba ngoovulindlela abangabancedani. Ukuba unesifundo seBhayibhile esinokuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, okanye umntwana, thetha nomnxibelelanisi wequmrhu labadala. Kuya kuba mnandi ngokwenene ukuba bangaba ngabavakalisi ngeli xesha libalulekileyo! Nangona oovulindlela abathe ngxi abaninzi bethabatha ikhefu ngenyanga ka-Agasti emva kokuba besizalisile isisikelo sabo seeyure zonyaka, banokukwazi ukuhlengahlengisa ucwangciso lwabo ukuze babe nenxaxheba kweli phulo likhethekileyo. Ngoku lixesha lokuba iintsapho zithethe ngendlela eziza kwenza ngayo ukuze ‘zikhwaze kakhulu zidumisa uYehova’ ngenyanga ka-Agasti.—Ezra 3:11; IMize. 15:22.

3. Liliphi ithemba esinalo ngephulo elikhethekileyo?

3 Nangona besiye sanamaphulo afana neli kwixa elidlulileyo, sinethemba lokuba eli liza kuba yimbali. Ngaba sinokuba nencopho entsha yeeyure, yabavakalisi noovulindlela abangabancedani ngo-Agasti? Njengokuba siwuqoshelisa unyaka wenkonzo ka-2014, ngamana uYehova angayisikelela imigudu yabantu bakhe emhlabeni wonke ukuze inyanga ka-Agasti ibe yeyona nyanga yakhe yabalasela yokunikela ubungqina!—Mat. 24:14.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share