Simele Sibuyele Rhoqo
1 Ngaba wasabela kakuhle okwesihlandlo sokuqala uthile ethetha nawe ngeendaba ezilungileyo? Ukuba akunjalo, ufanele ube nombulelo wokuba amaNgqina kaYehova abuyela rhoqo wade wabe uyasamkela isifundo seBhayibhile. Kuhle ukucinga ngoko xa usebenza intsimi oyabelweyo ngokuphindaphindiweyo.
2 Ubomi babantu buyatshintsha ngokuqhubekayo. Bajamelana neengxaki okanye iimeko ezintsha, beva ngeziganeko eziphazamisayo ekuhlaleni okanye ehlabathini, iingxaki zezoqoqosho, okanye bagule kungenjalo bafelwe lilungu lentsapho. Izinto ezinjalo zinokubenza bafune ukufunda ngoonobangela bezo ngcinezelo. Simele siziqonde iingxaki ezixhalabise abantu size sibathuthuzele ngesigidimi.
3 Lo Ngumsebenzi Wokuhlangula: Cinga ngomsebenzi wabahlanguli kwindawo yentlekele. Nangona abanye benokukhangela kummandla ekufumaneka kuwo abantu abambalwa, abayekeleli baze bemke ngenxa yokuba oogxa babo befumana abantu abangakumbi kwelinye icala. Umsebenzi wethu wokuhlangula awukafikeleli esiphelweni. Nyaka ngamnye, kusafumaneka amakhulu amawaka afuna ukusinda “embandezelweni enkulu.”—ISityhi. 7:9, 14.
4 “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” (Roma 10:13-15) La mazwi afanele abethelele kuye ngamnye wethu imfuneko yokuba sizingise kumsebenzi wokushumayela. Ukususela kwixesha ebesigubungela ngalo intsimi yethu, abantwana baye bakhula yaye ngoku badala ngokwaneleyo ukuba bacinge nzulu ngekamva labo nangenjongo yobomi. Asinayo indlela yokwazi ukuba ngubani kanye kanye oya kuphulaphula. (INtshu. 11:6) Uninzi lwababechasa luye lwayamkela inyaniso. Umsebenzi wethu, asikokugweba abantu, kodwa kukubanika ithuba lokuphulaphula nokubahlangula kweli hlabathi lidala. Njengokuba abafundi bakaYesu bangaphambili benzayo, simele ‘siye ngokuqhubekayo’ ebantwini size sizame ukuvuselela umdla wabo kwisigidimi soBukumkani.—Mat. 10:6, 7.
5 Isibakala sokuba ithuba lokuba sishumayele lisekho siyimbonakaliso yenceba kaYehova. (2 Pet. 3:9) Njengokuba sivumela abanye ukuba baphulaphule ngokuphindaphindiweyo, sibalaselisa uthando lukaThixo, yaye ngale ndlela siyamdumisa.