“Ndifanele Ndenze Ntoni?”
1 Njengoselula ofikisa ebuntwini obukhulu, usenokubuza, ‘Ndifanele ndenze ntoni ngobomi bam?’ Ulutsha olungamaKristu lufuna ukwandisa inkonzo yalo kuYehova ngobulungiseleli. Kodwa unokukwenza njani oku ngoxa usiba neembopheleleko zobuntu obukhulu, eziquka ukulungiselela iintswelo zakho zobuqu zezinto eziphathekayo? Kusenokungabi lula ukufumana isicombululo.
2 Lumbi ulutsha luyaxhalaba xa londele imeko yoqoqosho yehlabathi noko kuthethwayo ngekamva. Luyazibuza: ‘Ngaba ndifanele ndifune imfundo engakumbi yehlabathi? Ngaba ndifanele ndiqalise inkonzo yexesha elizeleyo ngoku?’ Ukuze enze isigqibo esichanileyo, ubani ufanele aphendule lo mbuzo ngokunyanisekileyo, ‘Yiyiphi eyona nto ndinomdla gqitha kuyo ebomini?’ Ufanele ahlolisise iintshukumisa zakhe.
3 Yintoni oye wayihlakulela njengeyona nto uyixhalabele kakhulu ebutsheni bakho? Ngaba unomdla kakhulu ekufumaneni imali eninzi, okanye ngaba ukufuna ngokwenene ukusebenzisa ubomi bakho ukuze uhambisele phambili izilangazelelo zoBukumkani? Isidanga saseyunivesithi asisosiqinisekiso sokufumana umsebenzi ophucukileyo. Kungenjalo, abaninzi baye bazuza ubugcisa obunokwenza kube lula ukufumana umsebenzi ngokufunda ngoxa beqeshiwe, bambi ngokufunda kwisikolo sobugcisa, okanye izifundo zakwanokholeji ezingathabathi xesha lide namgudu ungako.
4 Yiba Nokholo KwiLizwi LikaYehova: Eyona nto ekufanele kucingwe ngayo sisiqinisekiso sikaYehova uThixo sokuba uya kubaxhasa abo babeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini babo. (Mat. 6:33) Esi asisosithembiso esililize. Abazalwana abaninzi abaya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli bafumana izidanga zakwanokholeji ngaphambi kokuba bafunde inyaniso. Kodwa babesenza wuphi umsebenzi wokuziphilisa? Liqaqobana elalisenza umsebenzi elaliwufundele. Abaninzi babesenza iinkonzo zasekuhlaleni, babezinyamekela kakuhle iintswelo zabo zemali ngoxa bengoovulindlela. Ngokwandisa umsebenzi wabo kubulungiseleli, bafumana iintsikelelo ezingaphezulu lee kunemali.
5 Xa usenza isigqibo ngoko ufanele ukwenze ngemva kokuphumelela isikolo samabanga aphakamileyo ekupheleni konyaka, cingisisa ngokunzulu uze ngenyameko uhlolisise iintshukumisa zakho. Ukuze wenze ukhetho olulungeleleneyo, hlola inkcazelo ekuVukani! kaMatshi 8, 1998, iphepha 26-8. Thetha nabazali bakho, abadala, umveleli wakho wesiphaluka, noovulindlela abanempumelelo kummandla wakho. Oko kuya kukunceda wenze isigqibo sobulumko ngoko ufuna ukukwenza ngobomi bakho.—INtshu. 12:1, 13.