Ngaba Usebenza Unenjongo?
1 UYehova nguThixo wenjongo. (Isa. 55:10, 11) Sibongozwa ukuba simxelise. (Efe. 5:1) Ngokuqinisekileyo oku kufanele kubonakale ngokwenene kwindlela esibuphumeza ngayo ubulungiseleli bethu. Ngoko ke lo mbuzo ufanelekile: “Ngaba usebenza unenjongo?”
2 Ukushumayela kwakho kwindlu ngendlu, ukunikela ubungqina ngokungacwangciswanga nokusasaza uncwadi konke kuyinxalenye yobulungiseleli obunenjongo. Kodwa khumbula ukuba uthumo lwethu lubandakanya kungekhona ukushumayela nje kuphela kodwa nokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Emva kokuhlwayela iimbewu zenyaniso yoBukumkani, kufuneka sibuyele size sizinkcenkceshele yaye sizinyamekele njengokuba silindele kuYehova ukuba azise ulwando. (1 Kor. 3:6) Kufuneka sikuphaphele ukubuyela nokuqalisa izifundo zeBhayibhile.
3 Bandise Ubulungiseleli Bakho: Kusoloko kusithi ngco ngaphakathi xa ucinga ngoko ukwenzileyo enkonzweni uze uthi: “Ndikufezile oko bendizimisele ukukwenza.” Njengokuba kubhaliwe kweyesi-2 kuTimoti 4:5, uPawulos wabongoza: “Bufeze ngokuzeleyo ubulungiseleli bakho.” Oko kuquka ukwenza imigudu engakumbi yokubuyela kubo bonke ababonakalise umdla. Kucwangciso lwakho lweeveki ngeeveki, cwangcisa ixesha eliqinisekileyo lokubuyela. Sebenzela ukuqalisa izifundo zeBhayibhile nabo batyekele ebulungiseni. Le ifanele ibe yinjongo yakho xa ukubulungiseleli.
4 Buza indlela abavakalelwa ngayo abavakalisi xa bebona izifundo zabo zeBhayibhile zibhaptizwa endibanweni. Bavuya gqitha, mhlawumbi ngendlela efana nabo babhaptizwayo. Bafeze injongo ezukileyo! Omnye umenzi wabafundi wakubeka ngale ndlela oku: “Ukwenza abafundi kuthetha ukwenza abadumisi bakaYehova abangakumbi. Kuthetha ubomi kwabo bamkela inyaniso. Ndiyakuthanda ukufundisa abanye inyaniso—kumnandi gqitha! . . . Uninzi lwabo bathanda uYehova baye bangabahlobo bam abasenyongweni.”
5 Khawufan’ ucinge, ukukwazi ukunceda umntu abe ngumkhonzi kaYehova ozahluleleyo! Hayi indlela okuvuyisa ngayo oko! Imiphumo emihle ngolo hlobo ibangelwa kukusebenza unenjongo kubulungiseleli.—Kol. 4:17.