Ngaba Ungumntu Oneentloni?
1 Asimangaliswa xa sibona umntwana oselula esikrobe ngasemva kukanina okanye kukayise. Ukuba neentloni yinto engokwemvelo ebuntwaneni. Kwanasebudaleni, abaninzi ngemvelo baneentloni. Ukuba, ukuba neentloni kuchaphazela ukuba nenxaxheba kwakho kubulungiseleli, yintoni onokuyenza?
2 Ukoyisa Ukuba Neentloni: Kubalulekile ukunikela ingqalelo ‘kumntu ofihlakeleyo wentliziyo.’ (1 Pet. 3:4) Yomeleza uthando lwakho ngoYehova nommelwane. Yeyiseka ngokupheleleyo kukuba ukuphumeza uthumo lokushumayela yenye yeendlela ezisemagqabini zokubonisa uthando lokuzincama. Yiba nocwangciso olusemagqabini lwesifundo sobuqu nolokuya kwiintlanganiso. Thandaza rhoqo kwaye uluthandazele ngokukhethekileyo uncedo lukaYehova. Ukholo olomeleleyo nokuthembela ngaye kuya kwakha intembelo kuze kukunike “isibindi ngokungakumbi ekulithetheni ilizwi likaThixo ngokungenaloyiko.”—Fil. 1:14.
3 Zilwe iimvakalelo zokungafaneleki. Kuyabonakala ukuba uTimoti kwakufuneka enze oku. UPawulos waxelela uTimoti ukuba ‘kungabikho mntu ubujongela phantsi ubutsha bakhe’ emkhumbuza ukuba “uThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa owamandla.” (1 Tim. 4:12; 2 Tim. 1:7) UTimoti wasetyenziswa ngokuzeleyo nguYehova, oya kukusebenzisa nawe ukuba utyhalela phambili ngentembelo epheleleyo Kuye.—INdu. 56:11.
4 Ukuhlola indiyana yeBhayibhile enjengoMateyu 10:37, kwanceda udade owayeneentloni ezazimenza oyike umyeni wakhe owayechasa. Njengokuba wayezingisa, ubulungiseleli baba lula kuye, ekugqibeleni umyeni wakhe, unina nabantakwabo bonke bayamkela inyaniso!
5 Ukulungiselela Kubalulekile: Intembelo yakho iya kukhula ngakumbi ukuba ubulungiselela ngokucokisekileyo ubulungiseleli. Khetha intshumayelo elula kwincwadi ethi Ukuqiqa okanye kwiinkupho zangaphambili zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani, yifundisise, uze uyiqhelisele. Kunokuxhalaba ngokungeyomfuneko, cinga ngendlela eyakhaya. Qweba inkalipho ngokusebenza ngokusondeleyo nabanye. Khumbula ukuba uninzi lwabantu oza kudibana nabo emizini baneentloni, kanye njengawe. Wonke ubani uyasifuna isigidimi soBukumkani.
6 Ukuba uneentloni, musa ukuphelelwa lithemba. Njengokuba uzibhokoxa, uYehova uya kukunceda ukuba ube ngumshumayeli weendaba ezilungileyo onobuchule. Uya kwandula ke ube novuyo kubulungiseleli bakho.—IMize. 10:22.