Ingcinezelo Yoontanga Nelungelo Onalo Lokushumayela
1 Ingcinezelo yoontanga inempembelelo enamandla—yokubi okanye yokulungileyo. Abo sikhonza nabo uYehova basiphembelela ngendlela entle esikhuthaza ukuba senze imisebenzi emihle yamaKristu. (Heb. 10:24) Noko ke, amalungu entsapho angengomaNgqina, abo sisebenza nabo, esifunda nabo esikolweni, abamelwane okanye abanye esiqhelene nabo bangasinyanzela ukuba silandele ikhondo elinxamnye nemigaqo yobuKristu. Basenokuthetha “ngendelelo ngehambo [yethu] elungileyo kuKristu.” (1 Pet. 3:16) Singasilondoloza njani isigqibo sethu sokuba siqhubeke sishumayela phezu kwayo nje ingcinezelo yoontanga esinokujamelana nayo?
2 Amalungu Entsapho: Maxa wambi, umyeni okanye ubawo ongenguye omnye wamaNgqina kaYehova usenokungathandi xa umfazi nabantwana bakhe besiba nesabelo kubulungiseleli basesidlangalaleni. Le yimeko eyayijamelene nayo intsapho ethile yaseMexico. Umfazi wale ndoda nabantwana bayo abasixhenxe bafumana inyaniso. Ekuqaleni, yayichasa kuba yayingafuni ukuba intsapho yayo ishumayele ize ihambise uncwadi lweBhayibhile kwindlu ngendlu. Yayivakalelwa kukuba lo msebenzi wawuphantsi gqitha. Noko ke, umfazi nabantwana bayo, bema bengahexi kwisigqibo sabo sokukhonza uYehova nokuba nesabelo rhoqo kubulungiseleli. Ekuhambeni kwexesha, le ndoda yaqala yakubona ukubaluleka kokwamkela ilungiselelo likaThixo lokushumayela, nayo ngokufanayo yazahlulela kuYehova. Le ndoda kwayithabatha iminyaka eli-15 ngaphambi kokuba yamkele inyaniso, ngaba ngeyayenjenjalo ukuba intsapho yayo yayingazingisanga kwilungelo layo lokushumayela?—Luka 1:74; 1 Kor. 7:16.
3 Abo Usebenza Nabo: Imigudu yakho yokunikela ubungqina kwabo usebenza nabo isenokungamkeleki kwabanye. Omnye udade wathi xa kwavela ingxubusho malunga nesiphelo sehlabathi eofisini, wagculelwa kuba wacebisa ukuba mabafunde uMateyu isahluko 24. Noko ke, kwiintsuku ezingephi kamva, omnye wabo asebenza nabo wamxelela ukuba uye wasifunda esi sahluko yaye wayechukumisekile. Wahanjiselwa impapasho, yaye kwenziwa amalungiselelo okuba kuqhutywe isifundo seBhayibhile naye kunye nomyeni. Esi sifundo saqhutywa kwade kwayintsimbi yesibini ekuseni. Emva kwesifundo sesithathu, baqalisa ukuya kwiintlanganiso, yaye ngokukhawuleza emva koko bayeka ukutshaya baza baqalisa ukuba nesabelo kubulungiseleli. Ngaba ngekwakwenzekile oku ukuba udade wethu wayengenzanga mgudu wokwabelana nabanye ngethemba lakhe?
4 Abo Ufunda Nabo: Akunto ingaqhelekanga ngolutsha lwamaNgqina ukucinezelwa ngoontanga esikolweni nokoyika ukudelelwa lolunye ulutsha ngenxa yokuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela. Omnye umKristu okwishumi elivisayo eUnited States uthi: “Ndandikoyika ukunikela ubungqina kwabanye abantwana kuba ndandisoyika ukwenziwa intlekisa.” Ngenxa yoko wayengawasebenzisi amathuba okunikela ubungqina koontanga bakhe esikolweni nasentsimini. Ungayiqweba njani inkalipho yokumelana nengcinezelo yoontanga? Kholosa ngoYehova, funa inkoloseko yakhe. (IMize. 29:25) Yiba neqhayiya ngobuchule onabo bokusebenzisa iLizwi likaThixo kubulungiseleli bakho. (2 Tim. 2:15) Lo uselula besimcaphule waqalisa ukuthandaza kuYehova, emcela ukuba amncede ahlakulele umnqweno wokuba athethe nabo afunda nabo. Waqalisa ukunikela ubungqina ngokungacwangciswanga esikolweni, waba nemiphumo emihle, yaye ngokukhawuleza wayethetha naye wonke ubani amaziyo. Waqukumbela ngelithi: “Abo bantwana bafuna uncedo yaye bafuna ukuba nethemba ngekamva, yaye uYehova usebenzisa thina ukuze sibancede.”
5 Abamelwane: Abamelwane okanye abanye esiqhelene nabo banokucatshukiswa yindlela esiphila ngayo noko sikukholelwayo. Ukuba woyika oko bakucingayo, zibuze: ‘Ngaba bayayazi inyaniso ekhokelela kubomi obungunaphakade? Yintoni endinokuyenza ukuze ndifikelele iintliziyo zabo?’ Omnye umveleli wesiphaluka waphawula ukuba imiphumo emihle ifumaneka xa kumana kunikelwa ubungqina kancinane kubamelwane. Bongoza uYehova ukuze ufumane amandla nobulumko obufunekayo ukuze uqhubeke ufuna abantliziyo zinyanisekileyo.—Fil. 4:13.
6 Ukuyekelela kwethu kwingcinezelo yoontanga kunokukholisa abachasi, kodwa ngaba ukwenjenjalo kukulungelwa kwabo—okanye kwethu? UYesu wayechaswa ngabantu bakowabo. Wade wanyamezela nokugxekwa ngabaninawa bakhe. Kodwa wayesazi ukuba wayenokubanceda ngokuhlala enyanisekile kwikhondo alimiselwe nguThixo. Ngaloo ndlela, uYesu “wayinyamezela intetho enjalo yokuchasa yaboni ngokunxamnye nezilangazelelo zabo.” (Heb. 12:2, 3) Simele senze okufanayo. Zimisele ukusebenzisa ilungelo lakho lokushumayela isigidimi soBukumkani. Ngokwenjenjalo, “uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.”—1 Tim. 4:16.