IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/01 iphe. 8
  • Iintshumayelo Ezilula Nezicacileyo Zezona Ziluncedo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshumayelo Ezilula Nezicacileyo Zezona Ziluncedo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Iintshumayelo Ezilula Neziphumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukuba Iyaphumelela, Yisebenzise!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Iindlela Zokusebenzisa Iintshayelelo Ezicetyisiweyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokulungiselela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 4/01 iphe. 8

Iintshumayelo Ezilula Nezicacileyo Zezona Ziluncedo

1 Kutheni abavakalisi abaselula bedla ngokuyithimb’ ingqalelo yabo babelana nabo ngesigidimi soBukumkani? Esinye isizathu kukuba iintshumayelo zabo zilula. Bambi abavakalisi banokuvakalelwa kukuba ukuze ube lichule lokunikela ubungqina kufuneka ube liciko. Noko ke, amava abonisa ukuba iintshumayelo ezilula nezicacileyo zezona ziluncedo.

2 UYesu washumayela uBukumkani bukaThixo ngendlela elula nengqalileyo, waza waqeqesha abafundi bakhe ukuba benze okufanayo. (Mat. 4:17; 10:5-7; Luka 10:1, 9) Wayesebenzisa iintshayelelo ezilula, imibuzo nemizekeliso ukuze athimb’ ingqalelo yabaphulaphuli bakhe nokuze afikelele iintliziyo zabo. (Yoh. 4:7-14) Senza kakuhle ngokuxelisa umzekelo wakhe size sisebenzise iintshumayelo ezilula.

3 ‘Iindaba ezilungileyo zobukumkani’ sisigidimi esisishumayelayo. (Mat. 24:14) Ukusebenzisa uBukumkani njengomxholo wakho oyintloko kuya kwenza intshumayelo yakho isoloko ilula. Thetha ngezinto ezixhalabisa abaphulaphuli bakho. Amabhinqa anomdla kakhulu kwizinto zeentsapho kunakwezobupolitika. Eyona nto ixhalabisa ubawo ngoku ngumsebenzi wakhe nokukhuseleka kwentsapho yakhe. Abantu abaselula baxhalabele ikamva labo; abantu abakhulu, bona baxhalabel’ impilo nokhuseleko lwabo. Abantu badla ngokuzixhalabela kakhulu izinto ezenzeka ekuhlaleni kunoko kwenzeka kumazwe akude. Emva kokuncokola ngezinto ezibangel’ umdla, phethulela ingqalelo kwiintsikelelo eziza kunanditshwa luluntu oluthobelayo ngaphantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo. Amagama ambalwa alula, akhethwe kakuhle adityaniswa nesibhalo anokuba yeyona ndlela intle yokuvuselela umdla womphulaphuli.

4 Unokuqalisa Incoko Ngokuthi:

◼ “Ngokungathandabuzekiyo uyavuma ukuba uluntu luthwaxwa zizifo ezinganyangekiyo. Kodwa ngaba ubusazi ukuba uThixo uthembisa ukuba uza kuziphelisa zonke iintlobo zokugula, kuquka nokufa?” Vumela impendulo, wandule ufunde ISityhilelo 21:3, 4.

5 Ngeentshumayelo ezilula nezicacileyo, ngamana ungafikelela iingqondo neentliziyo zabantu abangakumbi kwintsimi yakho, ubancede bafunde ngoYehova nethemba lokunandipha ubomi obungunaphakade.—Yoh. 17:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share